← Ezekiel (33/48) → |
1. | Ke kaloku kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, |
2. | Nyana womntu, thetha koonyana babantu bakowenu, uthi kubo, Xa ndithe ilizwe ndalizisela ikrele, abantu belizwe elo bathabatha indoda yaseziphelweni zabo, bayimisa ukuba ibe ngumboniseli wabo; |
3. | yabona ikrele lilifikela ilizwe elo, yavuthela isigodlo, yabavusa abantu; |
4. | ke umntu othe waliva izwi lesigodlo, akavuswa, lafika ikrele elo, lamthabatha: loba sentlokweni yakhe igazi lakhe. |
5. | Izwi lesigodlo ulivile, akavuswa, igazi lakhe loba phezu kwakhe; evusiwe, ange ewusizile umphefumlo wakhe. |
6. | Umboniseli lowo, xa athe walibona ikrele lisiza, akavuthela isigodlo, akabavusa abantu; lafika ikrele, lathabatha kubo umphefumlo: lowo uthatyathwe ngobugwenxa bakhe, ke igazi lakhe ndolibiza esandleni somboniseli lowo. |
7. | Wena ke, nyana womntu, ndikwenze waba ngumboniseli kwindlu kaSirayeli; woliva emlonyeni wam ilizwi, ubavuselele ngokuphuma kum. |
8. | Ndakuthi kongendawo, Wena ungendawo, uya kufa, inene; usuke ungathethi wena, ukuba umvuselele ongendawo, emke endleleni yakhe: wofa yena ongendawo ngobugwenxa bakhe, ke igazi lakhe ndolifuna esandleni sakho. |
9. | Wena ke, xa uthe wamvuselela ongendawo endleleni yakhe, ukuba abuye kuyo, akabuya endleleni yakhe: wofa yena ngobugwenxa bakhe, ke wena uwuhlangule umphefumlo wakho. |
10. | Ke kaloku wena, nyana womntu, yithi kwindlu kaSirayeli, Niyalungisa ukuthi, Izikreqo zethu nezono zethu ziphezu kwethu; siyangcungcutheka kuzo; singathini na ukuphila? |
11. | Yithi kubo, Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, unakanye ukuba kube mnandi kum ukufa kongendawo; kumnandi kum ukubuya kongendawo endleleni yakhe, aphile. Buyani, buyani ezindleleni zenu ezimbi! Yini na ukuba nide nife, ndlu kaSirayeli? |
12. | Wena ke, nyana womntu, yithi koonyana babantu bakowenu, Ubulungisa belungisa abuyi kulihlangula ngemini yokreqo lwalo; ongendawo akayi kukhubeka ngokungendawo kwakhe, ngemini yokubuya kwakhe kokungendawo kwakhe; nelungisa aliyi kuphila ngabo ngemini yokona kwalo. |
13. | Ndakuthi kwilungisa, inene, lophila; lize ke likholose ngobulungisa balo, lenze ngobugqwetha: bonke ubulungisa balo abuyi kukhunjulwa; lofa ngobugqwetha balo elibenzileyo. |
14. | Ndakuthi kongendawo, Inene, uya kufa; abuye ekoneni kwakhe, enze ngokusesikweni nangobulungisa; |
15. | ongendawo asibuyise isibambiso, ayimisele into ehluthwe nguye, ahambe ngemimiselo yobomi, angenzi ngobugqwetha: inene, wophila, akayi kufa. |
16. | Zonke izono zakhe awona ngazo aziyi kukhunjulelwa kuye; wenze ngokusesikweni nangobulungisa; inene, wophila. |
17. | Bathi ke oonyana bakowenu, Indlela kaYehova ayilungelelene; kanti ngabo, abandlela ingalungeleleneyo. |
18. | Lakubuya ilungisa ebulungiseni balo, lenze ngobugqwetha, lofa ngabo. |
19. | Akubuya ongendawo kokungendawo kwakhe, enze ngokusesikweni nangobulungisa, inene, wophila ngenxa yoko. |
20. | Nithi ke, Indlela yeNkosi ayilungelelene. Ndiya kunigweba, elowo ngokweendlela zakhe, ndlu kaSirayeli. |
21. | Ke kaloku kwathi ngomnyaka weshumi elinesibini emva kokuthinjwa kwethu, ngenyanga yeshumi, ngolwesihlanu enyangeni leyo, kwafika kum osindileyo eYerusalem, wathi, Umzi ubulewe. |
22. | Isandla sikaYehova saba phezu kwam ngokuhlwa, ngaphambi kokufika kosindileyo. Wawuvula ke umlomo wam, wada wafika kum kusasa; wavuleka umlomo wam, andaba saba sisidenge. |
23. | Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, |
24. | Nyana womntu, abahleli emanxuweni emhlabeni wakwaSirayeli batsho ukuthi, uAbraham wayemnye, walidla ilifa ilizwe; ke thina sibaninzi, silinikiwe ilizwe ukuba silidle ilifa. |
25. | Ngako oko yithi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Nidla into enegazi, amehlo enu niwaphakamisele ezigodweni zenu, niphalaze igazi; nolidla ilifa na ke ilizwe? |
26. | Nimi ngekrele lenu, nenza amasikizi, nithi elowo nimenze inqambi umfazi wommelwane wakhe; nolidla ilifa na ke izilwe? |
27. | Yitsho kubo ukuthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndihleli nje, abo basemanxuweni baya kuwa likrele; lo usendle ndimnikele emarhamncweni, ukuba amdle; bafe yindyikitya yokufa abasezimboniselweni nasemiqolombeni. |
28. | Ndiya kulenza kube senkangala yakwankangala ilizwe, liphele iqhayiya lamandla alo, zibe senkangala iintaba zakwaSirayeli, kungacandi bani kuzo; |
29. | bazi ukuba ndinguYehova, ndakulenza kube senkangala yakwankangala ilizwe, ngenxa yamasikizi onke ababewenzile. |
30. | Wena ke, nyana womntu, oonyana babantu bakowenu bancokola ngawe ngasezindongeni naseminyango yezindlu, elowo ethetha nomnye, elowo nomzalwana wakhe, esithi, Khanize, sive ukuba lilizwi eliyini na eliphuma kuYehova. |
31. | Beza kuwe njengokuza kwabantu, bahlale phambi kwakho ngokwabantu bam, baweve amazwi akho, bangawenzi; kuba benza okukhanukwa ngumlomo wabo; intliziyo yabo ilandela inzuzo yabo embi. |
32. | Yabona, kubo unjengovuma ingoma emnandi, ozwi liyolileyo, olungisayo ukubetha uhadi; baweve amazwi akho, bangawenzi noko. |
33. | Kothi ke kwakufika okonanko kusizabazi, ukuba bekukho umprofeti phakathi kwabo. |
← Ezekiel (33/48) → |