Ezekiel (3/48)  

1. Wathi ke kum, Nyana womtu, kudle okufumanayo yidle le ncwadi isongwayo, uye uthethe kwindlu kaSirayeli.
2. Ndawuvula ke umlomo wam, wandidlisa loo ncwadi isongwayo;
3. wathi kum, Nyana womntu, dlisa isisu sakho, uzalise umbilini wakho ngaloo ncwadi isongwayo ndikunikayo. Ndayidla ke, yaba nencasa emlonyeni wam, njengobusi.
4. Wathi kum, Nyana womntu, hamba uye kwindlu kaSirayeli, uthethe kubo ngamazwi am.
5. Ngokuba akuthunyelwa kubantu abantetho inzulu, abalulwimi lunzima; uthunyelwa kwindlu kaSirayeli.
6. Andikuthumeli kwizizwe ezininzi, ezintetho inzulu, ezilulwimi lunzima, ezimazwi ungaweviyo; ndikuthumele kuzo ezi zinokukuphulaphula zona.
7. Ke indlu kaSirayeli ayiyi kuvuma ukukuphulaphula; ngokokuba abavumi ukundiphulaphula nam; kuba yonke indlu kaSirayeli ilukhuni ibunzi, igogotyile ngentliziyo.
8. Yabona, ndibenza lukhuni ubuso bakho, kwanjengobuso babo; ibunzi lakho libe lukhuni, Kwanjengebunzi labo;
9. ndilenza libe njengedayiman, elukhuni ngaphezu kweqhwitha, ibunzi lakho. Uze ungaboyiki, ungaqhiphuki umbilini phambi kwabo; ngokuba bayindlu eneenkani.
10. Wathi kum, Nyana womntu, onke amazwi am endiya kuwathetha kuwe, wamkelele entliziyweni yakho, uweve ngeendlebe zakho;
11. uhambe uye kubathinjwa, koonyana babantu bakowenu, uthethe kubo uthi kubo, Itsho iNkosi uYehova; nokuba bathe beva, nokuba bathe bala.
12. Wandifunqula uMoya, ndeva ngasemva kwam isandi sendudumo enkulu, sisithi, Mabubongwe ubuqaqawuli bukaYehova, endaweni yabo.
13. Kananjalo ndeva nesandi samaphiko ezinto eziphililileyo, elo lifikelela kwelo, nesandi seevili ngakuzo, nesandi sendudumo enkulu.
14. Wandifunqula uMoya, wandisusa; ndahamba ndikrakra bubushushu bomoya wam. Saye ke isandla sikaYehova siphezu kwam, siqinile.
15. Ndafika ke eTelabhibhi, kubathinjwa ababehleli emlanjeni oyiKebhare, apho babehleli khona; ndahlala phantsi khona iintsuku zasixhenxe, ndimangalisiwe, phakathi kwabo.
16. Kwathi ekupheleni kweentsuku ezisixhenxe, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
17. Nyana womntu, ndikwenze umboniseli kwindlu kaSirayeli; live ke ilizwi emlonyeni wam, ubavuselele ngokuvela kum.
18. Xa ndithi kongendawo, Inene, uya kufa; usuke wena ungamvuseleli, ungathethi ukuze umvuselele ongendawo, ukuze aphume endleleni yakhe engendawo, aphile; wofa ongendawo lowo ngobugwenxa bakhe, kodwa lona igazi lakhe ndolibiza esandleni sakho.
19. Wena ke, xa uthe wamvuselela ongendawo, akabuya endleleni yakhe, endleleni yakhe engendawo: wofa ngobugwenxa bakhe, kodwa wena uwuhlangule umphefumlo wakho.
20. Ke, lakubuya ebulungiseni balo ilungisa, lenze ngobugqwetha, ndibeke isikhubekiso phambi kwalo; lofa lona; xa uthe akwalivuselela, lofa ngenxa yesono salo, bungakhunjulwa ubulungisa balo elabenzayo; kodwa lona igazi lalo ndolibiza esandleni sakho.
21. Wena ke, xa uthe walivuselela ilungisa, ukuba lingoni ilungisa, alona ke: lophila ngokuba livuselelwe, ke wena uwuhlangule umphefumlo wakho.
22. Sabakho apho isandla sikaYehova phezu kwam, wathi kum, SukĀ’ ume, phuma uye entilini, ndithethe nawe khona.
23. Ndesuka ndema, ndaphuma ndaya entilini; nanko ke, kumi khona ubuqaqawuli bukaYehova obunjengobuqaqawuli obuya ndabubonayo ngasemlanjeni oyiKebhare; ndawa ngobuso.
24. Kwafika uMoya kum, wandimisa ngeenyawo zam, wathetha nam, wathi, Yiya uzivalele endlwini yakho.
25. Wena ke, nyana womntu, yabona, baya kukufaka izintya, bakubophe ngazo, ukuze ungaphumi uye phakathi kwabo.
26. Ndiya kulunamathelisa ulwimi lwakho ekhuhlangubeni lakho, ube sisidenge, ungabi yindoda eyohlwayayo kubo; ngokuba bayindlu eneenkani.
27. Ndakuthetha nawe, ndowuvula umlomo wakho, uthi ke kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ovayo makeve, owalayo makale; ngokuba bayindlu eneenkani.

  Ezekiel (3/48)