| ← Ezekiel (25/48) → |
| 1. | Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, |
| 2. | Nyana womntu, bhekisa ubuso bakho koonyana baka-Amon, uprofete ngabo, |
| 3. | uthi koonyana baka-Amon, Liveni ilizwi leNkosi uYehova. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba usithi kwingcwele yam, Tshotsho! ngokuba ihlanjelwe; nakumhlaba wakwaSirayeli, Tshotsho! ngokuba wenziwe kwaba senkangala; nakwindlu yakwaYuda, Tshotsho! ngokuba bathinjiwe: |
| 4. | ngako oko, yabona, ndikunikela koonyana basempumalanga, ukuba bamele kuwe, bamise iingqili zabo kuwe, benze neendawo zokuhlala kwabo kuwe. Bona baya kudla iziqhamo zakho, basele amasi akho. |
| 5. | Ndiya kuyenza iRabha ibe likriwa leenkamela, eloonyana baka-Amon ndilenze libe yindawo yokubutha kwemihlambi; nazi ukuba ndinguYehova. |
| 6. | Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba ubethe esandleni sakho, wangqisha ngonyawo, wawuvuyela umhlaba wakwaSirayeli ngokucekisa komphefumlo: |
| 7. | ngako oko, yabona, ndisolula phezu kwakho isandla sam, ndikunikele ezintlangeni, ukuba ube lixhoba, ndikunqumle ezizweni, ndikwenze udake, ungabikho emazweni. Ndiya kukutshabalalisa; wazi ukuba ndinguYehova. |
| 8. | Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba besithi ooMowabhi, noSehire, Yabonani, injengeentlanga zonke indlu yakwaYuda: |
| 9. | ngako oko, yabonani, ndivula icala likaMowabhi, ndithabathela emizini yakhe, kwesekupheleni kwakhe, eligugu lelizwe, iBhete-yeshimoti, neBhahali-mehon, ndise eKiriyatayim. |
| 10. | Ndolivulela oonyana basempumalanga, kunye neloonyana baka-Amon, ndibanike limiwe, ukuze bangabi sakhunjulwa ezintlangeni oonyana baka-Amon; |
| 11. | ndenze izigwebo kwaMowabhi; bazi ukuba ndinguYehova. |
| 12. | Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba uEdom esebenze ngokuphindezela impindezelo kwindlu yakwaYuda, wazeka ityala elikhulu ngokuphindezela kubo: |
| 13. | ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kusolula isandla sam naphezu kwelakwaEdom, ndinqumle kulo umntu nenkomo; ndilibharhise, kuthabathele kwaTeman; bawe likrele, kuse nakwaDedan. |
| 14. | Ndiya kuphindezela kwaEdom ngesandla sabantu bam amaSirayeli, benze kwaEdom ngokomsindo wam nangokobushushu bam; bakwazi ke ukuphindezela kwam; itsho iNkosi uYehova. |
| 15. | Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa yokwenza kwamaFilisti ngempindezelo, ephindezela ngempindezelo, ecekisa emphefumlweni, esonakalisa, enobutshaba obungunaphakade: |
| 16. | ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndiya kusolula isandla sam phezu kwamaFilisti, ndiwanqumle amaKreti, ndiwatshabalalise amasalela aselunxwemeni lolwandle. |
| 17. | Ndiya kwenza kuwo iimpindezelo ezinkulu, ezishushu; bazi ukuba ndinguYehova, ekwenzeni kwam impindezelo kuwo. |
| ← Ezekiel (25/48) → |