| ← Ezekiel (22/48) → |
| 1. | Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, |
| 2. | Wena ke, nyana womntu, uza kuwugweba na? Uza kuwugweba na umzi wamagazi? Wazise ke onke amasikizi awo. |
| 3. | Uze uthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Mzindini, uphalaza igazi esazulwini sawo, ukuze lifike ixesha lawo, wenze izigodo kuwo ukuze ube yinqambi! |
| 4. | Ngegazi lakho olithululeyo uzeke ityala, nangezigodo zakho ozenzileyo uzenze inqambi, wazisondeza iimini zakho, wafika eminyakeni yakho. Ngenxa yoko ndikwenza into yengcikivo ezintlangeni, nento yokucukucezwa kuwo onke amazwe. |
| 5. | Abakufuphi nabakude kuwe baya kukucukuceza; unegama lobunqambi, unesaqunge esikhulu. |
| 6. | Yabona, izikhulu zakwaSirayeli, saseso ngokwengalo yaso, zibe zikuwe, ukuze ziphalaze igazi. |
| 7. | Uyise nonina babacukucezela kuwe; owasemzini bamcudisela esazulwini sakho; iinkedama nabahlolokazi babaxinzelela phantsi kuwe. |
| 8. | Iingcwele zam uzidelile, neesabatha zam uzihlambele. |
| 9. | Amadoda anentlebendwane abekuwe, ukuze aphalaze igazi; adlela ezintabeni kuwe, enza amanyala esazulwini sakho. |
| 10. | Ubuze booyise butyhilelwe kuwe; oyinqambi ngokuba nomzi bamdlwengulela kuwe. |
| 11. | Omnye wenza amasikizi nomfazi wommelwane wakhe; omnye umenza inqambi umolokazana wakhe ngobugqwirha; omnye udlwengula udade wabo, intombi kayise, kuwe. |
| 12. | Bamkela izicengo bekuwe, ukuze baphalaze igazi; wena udle abantu ngemali, wathabatha inzala yemboleko: uyamdla ummelwane wakho ngokucudisa; undilibele; itsho iNkosi uYehova. |
| 13. | Yabona, nditywakraza izandla zam ngenxa yenzuzo yakho embi oyizuzileyo, nangenxa yamagazi akho asesazulwini sakho. |
| 14. | Intliziyo yakho iya kuma na? Izandla zakho ziya kuthi nkqi na, ngemihla endiya kukuphatha ngayo? Mna Yehova ndithethile, ndiya kwenza ke. |
| 15. | Ndiya kukuphangalalisela ezintlangeni, ndikuchithachithe emazweni, ndibugqibele ubunqambi bakho kuwe. |
| 16. | Wozihlambela emehlweni eentlanga, wazi ukuba ndinguYehova. |
| 17. | Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, |
| 18. | Nyana womntu, indlu kaSirayeli isuke yaba ligwebu lentsimbi kum; bonke bephela baba lubhedu nebhekile nesinyithi nelothe, phakathi eziko; baba ligwebu lesilivere. |
| 19. | Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa yokuba naba ligwebu lentsimbi nonke niphela, ngako oko, yabonani, ndiya kunibutha esazulwini seYerusalem. |
| 20. | Njengokuhlanganiselwa kwesilivere nobhedu nesinyithi nelothe nebhekile phakathi eziko, ukuba umlilo uzifuthe, ukuze zinyibilike: ndiya kwenjenjalo ukunibutha ngomsindo wam, nangobushushu bam, ndinifake, ndininyibilikise. |
| 21. | Ndonifumba, ndifuthe umlilo wokuphuphuma komsindo wam kuni, ninyibilike phakathi kwawo. |
| 22. | Njengokuba isilivere inyibilikiswa phakathi eziko, niya kwenjenjalo ukunyibilikiswa phakathi kwayo; nazi ukuba mna Yehova ndibuthulule ubushushu bam phezu kwenu. |
| 23. | Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, |
| 24. | Nyana womntu, yithi kulo, Ulilizwe elizulu lingasiyo, elinganelwayo ngomhla wobhavumo. |
| 25. | Lucebo lwabaprofeti balo esazulwini salo. Njengengonyama ebharhulayo, eqwenga inyamakazi, badla imiphefumlo; bahlutha into eqwetyiweyo nenqabileyo; bandisa abahlolokazi balo esazulwini salo. |
| 26. | Ababingeleli balo bayawugonyamela umyalelo wam, bazihlambele iingcwele zam; abacaluli phakathi kokungcwele nokuhlambelayo, ababonisi mahluko kokuyinqambi nokuhlambulukileyo; bayawafihla amelulo abo kwiisabatha zam, ndihlanjelwe esazulwini sabo. |
| 27. | Abathetheli balo esazulwini salo banjengeengcuka eziqwenga ixhoba, ukuba baphalaze igazi, batshabalalise imiphefumlo, ukuze bazuze inzuzo embi. |
| 28. | Abaprofeti babatyabeka ngodaka olulephukayo, bebona imibono yenkohlakalo, bebahlabela izihlabo ezingamanga, besithi, Itsho iNkosi uYehova; kanti uYehova akathethanga. |
| 29. | Abantu belizwe elo bayacudisa, bayaphanga, baxinzelela phantsi usizana nehlwempu, bacudise owasemzini ngokungesesikweni. |
| 30. | Ndafuna kubo indoda engaba luthango phakathi, ime ethutyeni phambi kwam, ikhusele ilizwe elo, ukuze ndingalitshabalalisi; ke andiyifumani. |
| 31. | Ngoko ke ndithulula ubhavumo lwam phezu kwabo, ndibagqibele ngomlilo wokuphuphuma komsindo wam, ndibanike ngokwendlela yabo entlokweni yabo; itsho iNkosi uYehova. |
| ← Ezekiel (22/48) → |