| ← Ezekiel (2/48) → |
| 1. | Wathi kum, Nyana womntu, yima ngeenyawo zakho, ndithethe nawe. |
| 2. | Kwangena ke uMoya kum, xa abethetha nam, wandimisa ngeenyawo zam, ndamva othetha kum. |
| 3. | Wathi kum, Nyana womntu, ndikuthuma koonyana bakaSirayeli, kwiintlanga ezingabagwiliki, abagwilikileyo kum; bona nooyise babo bakreqile kum, kwada kwayile mini. |
| 4. | Oonyana baziingwanyalala ubuso, balukhuni intliziyo. Ndikuthuma kubo; uze uthi kubo, Itsho iNkosi uYehova. |
| 5. | Ke bona (nokuba bathe beva, nokuba bathe bala, kuba beyindlu eneenkani) baya kwazi ukuba bekukho umprofeti phakathi kwabo. |
| 6. | Wena ke, nyana womntu, musa ukuboyika, ungawoyiki amazwi abo; nangani usemarhawini nasemeveni, uhleli phezu koonomadudwane, musa ukuwoyika amazwi abo, ungaqhiphuki umbilini bubuso babo, kuba bayindlu eneenkani. |
| 7. | Wathethe ke kubo amazwi am, nokuba bathe beva, nokuba bathe bala; ngokuba baneenkani. |
| 8. | Wena ke, nyana womntu, yiva endikuthethayo kuwe; ungabi nankani, njengale ndlu ineenkani; yakhamisa, udle endikunikayo. |
| 9. | Ndabona, naso isandla solulelwe kum; nantso kuso incwadi esongwayo. |
| 10. | Wayitwabulula phambi kwam; yaye ke ibhaliwe ngaphakathi nangaphandle, kubhalwe kuyo izimbonono, nezikhwino, nezimema. |
| ← Ezekiel (2/48) → |