| ← Ezekiel (18/48) → |
| 1. | Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, |
| 2. | Uyintoni na kuni lo mzekeliso, nizekelisa ngawo emhlabeni wakwaSirayeli, nisithi, ooyise badle iidiliya ezimuncu, kwaba buthelezi amazinyo oonyana? |
| 3. | Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova ukuthi, anisayi kuba sazekelisa ngalo mzekeliso kwaSirayeli. |
| 4. | Yabonani, yonke imiphefumlo yeyam; umphefumlo woyise unjengomphefumlo wonyana, yeyam yomibini; umphefumlo owonayo, kuya kufa wona. |
| 5. | Umntu xa athe waba lilungisa, wenza ngokwesiko nangobulungisa; |
| 6. | akadlela ezintabeni, amehlo akhe akawaphakamisela kwizigodo zendlu yakwaSirayeli; umfazi wommelwane wakhe akamenza inqambi, akasondela kumfazi enomzi; |
| 7. | akamxinzelela phantsi umntu, wasibuyisa isibambiso sokuboleka kwakhe, akaxhakamfula; wamnika olambileyo isonka sakhe, wamgubungela oze ngengubo; |
| 8. | akanikela imali ukuba adle abanye ngayo, akathabatha nzala yamboleko; wasibuyisa isandla sakhe ekugqwetheni, wenza ngokwesiko nangenyaniso phakathi kobani nobani; |
| 9. | wahamba ngemimiselo yam, wagcina amasiko am, ukuba enze ngenyaniso: ulilungisa, inene uya kuphila; itsho iNkosi uYehova. |
| 10. | Ke ethe wazala unyana osisigwinta, ophalaza igazi, owenza nokuba inye kwezo zinto, |
| 11. | ke yena ezo nto zonke engazenzanga, unyana kananjalo odlela ezintabeni, omenza inqambi umfazi wommelwane wakhe; |
| 12. | oluxinzelela phantsi usizana nehlwempu, oxhakamfulayo, ongasibuyisiyo isibambiso; owaphakamisela kwizigodo amehlo akhe, owenza amasikizi; |
| 13. | onikela imali ukuba adle abanye ngayo, othabatha inzala yemboleko: wophila na ke loo nyana? Akayi kuphila; wenze onke la masikizi; uya kubulawa afe; igazi lakhe liya kuba phezu kwakhe. |
| 14. | Yabonani ke, ethe yena lo wazala unyana, othe wazibona zonke izono zikayise azenzayo, abone ke, angenjenjalo; |
| 15. | angadleli ezintabeni, amehlo akhe angawaphakamiseli kwizigodo zendlu kaSirayeli, umfazi wommelwane wakhe angamenzi inqambi; |
| 16. | angamxinzeleli phantsi umntu, angabambisi ngesibambiso, angaxhakamfuli; isonka sakhe asinike olambileyo, amgubungele oze ngengubo; |
| 17. | abuyise isandla sakhe kolusizana; angadli abanye ngemali, angathabathi nzala yamboleko, wenza ngokwamasiko am, uhamba ngemimiselo yam: lowo unyana akayi kufa ngobugwenxa bukayise; inene uya kuphila. |
| 18. | Uyise yena, ngokokuba ecudisile kakubi, exhakamfula umzalwana, wenza okungalungileyo phakathi kwabantu bakowabo, yabonani, uya kufa ngobugwenxa bakhe. |
| 19. | Ukanti nithi ke, Kungathuba lini na ukuba unyana angabuthwali ubugwenxa bukavise? Unyana kaloku wenze ngokwesiko nangobulungisa; uyigcinile yonke imimiselo yam, wayenza; inene, uya kuphila. |
| 20. | Umphefumlo owonayo, kuya kufa wona wodwa. Unyana akayi kuthwala ubugwenxa bukayise, noyise akayi kubuthwala ubugwenxa bonyana; ubulungisa belungisa buya kuba phezu kwalo, nokungendawo kongendawo kuya kuba phezu kwakhe. |
| 21. | Ongendawo ke, xa athe wabuya ezonweni zakhe zonke azenzileyo, wayigcina yonke imimiselo yam, wenza ngokwesiko nangobulungisa, inene, uya kuphila; akayi kufa. |
| 22. | Zonke izikreqo zakhe azenzileyo aziyi kukhunjulelwa kuye; ngobulungisa bakhe abenzileyo, uya kuphila. |
| 23. | Kumnandi na kanene kum ukufa kongendawo? Itsho iNkosi uYehova. Okumnandi kum asikuko na ukuthi abuye ezindleleni zakhe, aphile? |
| 24. | Khona ekubuyeni kwelungisa ebulungiseni balo, lenza ngobugqwetha, ngokwamasikizi awenzileyo ongendawo, lophila na lona? Yonke imisebenzi yalo yobulungisa elayenzayo ayiyi kukhunjulwa; ngenxa yobumenemene balo elimeneze ngabo, nangenxa yezono zalo elone ngazo: ngenxa yezo zinto liya kufa. |
| 25. | Ukanti nithi ke, Indlela yeNkosi ayilungelelene. Khanive, ndlu kaSirayeli; indlela yam ayilungelelene, yini na? Asizezenu na iindlela ezingalungeleleneyo? |
| 26. | Xa lithe ilungisa labuya ebulungiseni balo, lenza ngobugqwetha, lofa ngezo zinto; lofa ngobugqwetha balo elibenzileyo. |
| 27. | Xa athe ongendawo wabuya kokungendawo kwakhe akwenzileyo, wenza ngokwesiko nangobulungisa, yena uya kuwusindisa umphefumlo wakhe. |
| 28. | Ekubeni ebonile, wabuya ezikreqweni zakhe zonke azenzileyo, uya kuphila; akayi kufa. |
| 29. | Ukanti ithi ke indlu kaSirayeli, Indlela yeNkosi ayilungelelene. Iindlela zam azilungelelene na, ndlu kaSirayeli? Asizezenu na iindlela ezingalungeleleneyo? |
| 30. | Ngako oko ndiya kunigweba elowo ngokwendlela yakhe, ndlu kaSirayeli; itsho iNkosi uYehova. Buyani, nizibuyise ezikreqweni zenu zonke, bungabi sisikhubekiso ubugwenxa kuni. |
| 31. | Lahlani zonke izikreqo zenu enikreqe ngazo, nizenzele intliziyo entsha nomoya omtsha. Yini na ukuba nife, ndlu kaSirayeli? |
| 32. | Ngokuba akumnandi kum ukufa kofayo; itsho iNkosi uYehova. Zibuyiseni ke niphile. |
| ← Ezekiel (18/48) → |