| ← Ezekiel (15/48) → | 
| 1. | Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, | 
| 2. | Nyana womntu, umthi womdiliya uyidlula ngantoni na yonke eminye imithi, isebe lomdiliya eliphakathi kwemithi yehlathi? | 
| 3. | Kukha kuthatyathwe umthi yini na kuwo wokusebenza umsebenzi? Kukha kuthatyathwe nesikhonkwane na kuwo, sokuxhoma iimpahla nokuba ziziphi? | 
| 4. | Yabona, ufakwa emlilweni ukuba uwutshise; umlilo utshisa iincam zawo zombini, sirhawuke isibili sawo; wowulungela na ke umsebenzi? | 
| 5. | Yabona, oko ube usewonke, ubungenamsebenzi; wobeka phi na ke ukungabi namsebenzi, xa uthe watshiswa ngumlilo, warhawuka? | 
| 6. | Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Njengomthi womdiliya phakathi kwemithi yehlathi, endiwufaka emlilweni ukuze utshiswe, ndenjenjalo ukubabeka emlilweni abemi baseYerusalem, Ndiya kubachasa; | 
| 7. | baya kuphuma emlilweni, umlilo uya kubatshisa; nazi ukuba ndinguYehova ekubachaseni kwam. | 
| 8. | Ndiya kwenza elizweni kube senkangala, ngenxa yokuba bemenezile ngobumenemene; itsho iNkosi uYehova. | 
| ← Ezekiel (15/48) → |