| ← Ezekiel (10/48) → |
| 1. | Ndabona, nanko, phezu kwesibhakabhaka esibe siphezu kwentloko yeekerubhi, kunjengelitye lesafire, kubonakala ngathi ngumfanekiso wetrone; wabonakala phezu kwazo uYehova. |
| 2. | Wathetha kwindoda eyambethe ilinen emhlophe, wathi, Yiya phakathi kweevili ezijikelezayo ngaphantsi kwekerubhi, uzalise izandla zakho ngamalahle omlilo, uwathabathe phakathi kweekerubhi, uwasasaze phezu kwawo umzi. Yangena ndiyibona. |
| 3. | Ke iikerubhi bezimi ngasekunene kwendlu, ekungeneni kwendoda leyo; ilifu layizalisa intendelezo ephakathi. |
| 4. | Benyuka ubuqaqawuli bukaYehova, besuka ezikerubhini, baya emnyango wendlu. Yazala indlu lilifu, nentendelezo yazala bubumhlophe bobuqaqawuli bukaYehova. |
| 5. | Savakala isandi samaphiko eekerubhi, sada saya entendelezweni engaphandle, sinjengezwi loSomandla akuthetha. |
| 6. | Kwathi, akuyiwisela umthetho indoda eyambethe ilinen emhlophe, esithi, Thabatha umlilo phakathi kweevili ezijikelezayo, phakathi kweekerubhi, yasuka yangena yema ecaleni kweevili. |
| 7. | Ibe isuka ke ikerubhi, isolule isandla sayo phakathi kweekerubhi, isise emlilweni ophakathi kweekerubhi, iwuthabathe, iwunikele esandleni sowambethe ilinen emhlophe; ebewuthabatha ke aphume. |
| 8. | Kwabonakala ke ezikerubhini into efana nesandla somntu, phantsi kwamaphiko azo. |
| 9. | Ndabona, nanzo iivili ezine zisecaleni leekerubhi, ivili enye isecaleni lekerubhi enye, ivili enye isecaleni lekerubhi enye, ukubonakala kweevili ngathi yimbonakalo yelitye lekrizolite. |
| 10. | Ngokubonakala kwazo zone bezimfani-nye, kwanga kukho ivili ngaphakathi kwevili. |
| 11. | Ekuhambeni kwazo zahamba zaya kumacala azo omane; azajikeleza ekuhambeni kwazo; ngokuba apho sukuba leyo iphambili ibe ibheka khona, zibe ziyilandela, zingajikelezi ekuhambeni kwazo. |
| 12. | Ke umzimba wazo wonke, nomhlana wazo, nezandla zazo, namaphiko azo, neevili, zibe zizele ngamehlo ngeenxa zonke; zone bezineevili zazo. |
| 13. | Iivili ezo zabizwa ezindlebeni zam, kwathiwa, ziivili ezijikelezayo. |
| 14. | Inye ibe inobuso obune: ubuso bokuqala ibubuso bekerubhi, ubuso besibini ibubuso bomntu, obesithathu ibubuso bengonyama, obesine ibubuso bokhozi. |
| 15. | Zenyuka iikerubhi; yilaa nto iphilileyo, ndayibonayo emlanjeni oyiKebhare. |
| 16. | Ekuhambeni kweekerubhi zahamba iivili ecaleni lazo; nasekuwaphakamiseni kweekerubhi amaphiko azo, ukuba zisuke emhlabeni, azijikanga neevili zazo zimke ecaleni lazo. |
| 17. | Ekumeni kwazo zema nazo; ekusukeni kwazo ukuba ziphaphazele, zesuka nazo; ngokuba umoya wento ephilileyo ube ukho kuzo. |
| 18. | Baphuma ke ubuqaqawuli bukaYehova, bemka emnyango wendlu, beza kuma phezu kweekerubhi. |
| 19. | Iikerubhi zawaphakamisa amaphiko azo, zasuka emhlabeni emehlweni am; ekuphumeni kwazo iivili zazingakuzo. Zema ekungeneni kwesango lendlu kaYehova elisempumalanga, ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli buphezu kwazo ngaphezulu. |
| 20. | Yilaa nto iiphilileyo, ndayibonayo phantsi koThixo kaSirayeli emlanjeni oyiKebhare; ndazi ke ukuba ziziikerubhi. |
| 21. | Inye ibe inobuso obune inye ibe inamaphiko amane, imfano yezandla zomntu ingaphantsi kwamaphiko azo. |
| 22. | Ke imfano yobuso bazo, ibe ibobaa buso ndabubonayo imlanjeni oyiKebhare, nokubonakala kwazo nazo ngokwazo; zibe zihamba iyileyo iye kwicala elikhangelene nobuso bayo. |
| ← Ezekiel (10/48) → |