Ezekiel (1/48) → |
1. | Ke kaloku, ngomnyaka wamashumi omathathu, ngenyanga yesine, ngolwesihlanu usuku enyangeni leyo, ndakubonÂ’ ukuba ndiphakathi kwabathinjiweyo ngasemlanjeni oyiKebhare, avuleka amazulu, ndabona imibono kaThixo. |
2. | Ngolwesihlanu enyangeni leyo (ingumnyaka ke wesihlanu wokuthinjwa kokumkani uYehoyakin lowo), |
3. | kwafika ilizwi likaYehova kuHezekile unyana kaBhuzi, umbingeleli, ezweni lamaKaledi, ngasemlanjeni oyiKebhare; saba phezu kwakhe apho isandla sikaYehova. |
4. | Ndabona ke, nanko kusiza umoya ovuthuzayo, uvela ngasentla, unelifu elikhulu nomlilo obumbeneyo njengembumbulu, nobumhlophe obungeenxa zonke kulo, obuphuma ngaphakathi kwawo, bubonakala ngathi yigolide evuthiweyo emlilweni phakathi. |
5. | Ngaphakathi kwawo yimfano yezinto eziphilileyo ezine. Nantsi ke imbonakalo yazo: zibe zinemfano yomntu; |
6. | inye ibinobuso obune, inye kuzo apho ibinamaphiko amane. |
7. | Imilenze yazo ibiyimilenze ethe nkqo; umphantsi weenyawo ubunjengomphantsi wenqina lethole; zidangazela zibonakala ngathi lubhedu olubengezelisiweyo. |
8. | Zazinezandla zomntu ngaphantsi kwamaphiko azo emacaleni azo omane; zone ke zinobuso namaphiko; |
9. | amaphiko azo abehlangene, elaleyo nelaleyo; bezingajiki ekuhambeni kwazo, bezihamba, iyileyo iye kwicala elikhangelene nobuso bayo. |
10. | Imfano yobuso bazo ibe ibubuso bomntu; zinobuso bengonyama zone ngasekunene; zinobuso benkomo zone ngasekhohlo, zinobuso bokhozi zone; |
11. | ubuso bazo namaphiko azo abe ahlukene ngaphezulu; iyileyo inamabini ehlangene nawaleyo, namaphiko amabini ke egubungele imizimba yazo. |
12. | Zahamba ke, iyileyo yaya kwicala elikhangelene nobuso bayo; apho sukuba ubusiya khona umoya, zaya khona; azajika ekuhambeni kwazo. |
13. | Imfano yezinto eziphilileyo ezo, imbonakalo yazo, ibingathi ngamalahle omlilo abasiweyo; ibingathi yimbonakalo yezikhuni ezitshangazayo; wona wahambahamba phakathi kwezinto eziphilileyo ezo; umhlophe ke umlilo lowo, emlilweni kuphuma imibane. |
14. | Izinto eziphilileyo bezigidima zibuye, ngokokubonakala kokuphambaphamba kombane. |
15. | Ndazibona izinto eziphilileyo; nanko ke, kukho iivili emhlabeni, ecaleni kwezinto eziphilileyo, zinganye iivili kubuso ngobuso bazo obune. |
16. | Ukubonakala kweevili nokusetyenzwa kwazo kwakunjengembonakalo yekrizolite, zimfani-nye zone; ukubonakala kwazo nokusetyenzwa kwazo kungathi ivili ingaphakathi kwevili. |
17. | Ekuhambeni kwazo zaphambela kumacala azo omane; azajika ekuhambeni kwazo. |
18. | Iifeleni zazo beziphakamile, bezisoyikeka; iifeleni zazo bezizele ngamehlo ngeenxa zonke kuzo zone. |
19. | Zakuhamba izinto eziphilileyo, zahamba nazo iivili ecaleni lazo; zakusuka izinto eziphilileyo emhlabeni, zasuka nazo iivili. |
20. | Apho sukuba usiya khona umoya, zaya apho sukuba umoya ubusiya khona; zasuka iivili kunye nazo; ngokokuba umoya wezinto eziphilileyo ubukho ezivilini ezo. |
21. | Zakuhamba, zahamba nazo; zakuma, zema nazo; zakusuka emhlabeni, zasuka iivili kunye nazo; ngokokuba umoya wezinto eziphilileyo ubukho ezivilini ezo. |
22. | Naphezu kweentloko zezinto eziphilileyo bekukho into efana nesibhakabhaka, ngathi ngembonakalo yikristale eyoyikekayo, sanekiwe phezu kwentloko yazo ngaphezulu. |
23. | Ngaphantsi kwesibhakabhaka amaphiko ayethe tye, elo lasinga kwelo; iyileyo inamabini ayigubungeleyo, iyileyo inamabini ayigubungeleyo emzimbeni. |
24. | Ndeva ke isandi samaphiko azo, sinjengesandi samanzi amaninzi, ngathi lilizwi loSomandla, ekuhambeni kwazo; izwi elinengxolo ngathi sisandi somkhosi; zakuma, zawayeka ehla amaphiko azo. |
25. | Kwabakho ke izwi liphuma ngaphaya kwesibhakabhaka, esibe siphezu kweentloko zazo; zakuma, zawayeka ehla amaphiko azo. |
26. | Ngaphezu kwesibhakabhaka esibe siphezu kweentloko zazo, kwabonakala umfanekiselo wetrone, wanga lilitye lesafire; ngaphezu komfanekiselo wetrone kwabakho umfanekiselo ongathi yimbonakalo yomntu phezu kwayo ngaphezulu. |
27. | Ndabona ke, ngathi yimbonakalo yegolide evuthiweyo, ngathi yimbonakalo yomlilo, ngaphakathi kwayo nangeenxa zonke kuyo, kwathabathela embonakalweni yesinqe kwenyusa; kwathabathela embonakalweni yesinqe kwehlisa, ndabona ke ngathi yimbonakalo yomlilo, kumhlophe ke ngeenxa zonke. |
28. | Ngathi yimbonakalo yomnyama obakhoyo efini mini ngemvula, yabe injalo imbonakalo yobumhlophe ngeenxa zonke. Leyo yimbonakalo yomfanekiselo wobuqaqawuli bukaYehova. Ndabona ke, ndawa ngobuso, ndaliva izwi lothethayo. |
Ezekiel (1/48) → |