← Exodus (7/40) → |
1. | Wathi uYehova kuMoses, Khangela, ndikwenze uthixo kuFaro; ke uAron umkhuluwa wakho woba ngumprofeti wakho. |
2. | Wena wothetha zonke izinto endikuwisele umthetho ngazo; ke uAron umkhuluwa wakho wothetha kuFaro, aze abandulule oonyana bakaSirayeli ezweni lakhe. |
3. | Ke mna ndiya kuyiqaqadekisa intliziyo kaFaro, ndiyandise imiqondiso yam nezimanga zam ezweni laseYiputa. |
4. | Akayi kuniphulaphula uFaro. Ke mna iYiputa ndiya kuyisa isandla, ndiyikhuphe imikhosi yam, abantu bam oonyana bakaSirayeli, ezweni laseYiputa ngezigwebo ezikhulu; |
5. | azi amaYiputa, ekusoluleni kwam isandla sam phezu kweYiputa, ukuba ndinguYehova; ndibakhuphe oonyana bakaSirayeli phakathi kwawo. |
6. | Wenza ke uMoses noAron; ngoko uYehova wabawisela umthetho ngako, benjenjalo. |
7. | UMoses ubeminyaka imashumi asibhozo ezelwe, noAron ubeminyaka imashumi asibhozo anamithathu ezelwe, ukuthetha kwabo kuFaro. |
8. | Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, wathi, |
9. | Xa athe uFaro wathetha kuni, esithi, Ndiboniseni isimanga, wothi wena kuAron, Thabatha intonga yakho, uyiphose phambi koFaro; yoba yinyoka. |
10. | Wangena uMoses noAron kuFaro; benza njengoko uYehova wabawisela umthetho, uAron wayiphosa intonga yakhe phambi koFaro, naphambi kwabakhonzi bakhe, yaba yinyoka. |
11. | Naye uFaro wazibiza izilumko nabakhafuli; zenjenjalo nezazi ezo zaseYiputa, ngobugqi bazo. |
12. | Elowo waphosa phantsi intonga yakhe, yaba yinyoka; yasuka intonga ka-Aron yaziginya iintonga zabo. |
13. | Yaba lukhuni intliziyo kaFaro; akabaphulaphula, njengoko wayetshilo uYehova. |
14. | Wathi uYehova kuMoses, Intliziyo kaFaro iqaqadekile, akavumi ukubandulula abantu. |
15. | Yiya kuFaro kusasa, nanko ephuma esiya emanzini. Uze ume elunxwemeni lomlambo malunga naye; intonga eyaguqukayo yaba yinyoka yiphathe esandleni. |
16. | Uze uthi kuye, UYehova, uThixo wamaHebhere, undithume kuwe, esithi, Bandulule abantu bam, baye kundikhonza entlango; yabona ke, akuphulaphulanga unangoku. |
17. | Utsho uYehova ukuthi, Uya kwazi ngale nto ke ukuba ndinguYehova. Yabona, ndiya kubetha ngentonga esesandleni sam emanzini omlambo, aguqulwe abe ligazi, |
18. | zife iintlanzi ezisemlanjeni, unuke umlambo, amaYiputa abe nesicaphucaphu akuwasela amanzi omlambo. |
19. | Wathi uYehova kuMoses, Yithi kuAron, Thabatha intonga yakho, wolule isandla sakho phezu kwamanzi aseYiputa, phezu kwemilambo yabo, naphezu kwemijelo yabo, naphezu kwamachibi abo, naphezu kweentlangano zonke zamanzi abo; abe ligazi, ibe ligazi ezweni lonke laseYiputa, nasemiphandeni yemithi neyamatye. |
20. | OoMoses noAron benza njengoko uYehova wabawisela umthetho; wayiphakamisa intonga, wawabetha amanzi omlambo phambi koFaro, naphambi kwabakhonzi bakhe; aza aguquka onke amanzi omlambo, aba ligazi. |
21. | Zafa iintlanzi ezisemlanjeni, wanuka umlambo, akaba nako amaYiputa ukuwasela amanzi omlambo; laba ligazi ezweni lonke laseYiputa. |
22. | Zenjenjalo ke nezazi zaseYiputa ngobugqi bazo, Yaba lukhuni intliziyo kaFaro, akabaphulaphula, njengoko wayetshilo uYehova. |
23. | Wajika uFaro, waya endlwini yakhe, akayibekela ntliziyo nale nto. |
24. | Onke amaYiputa emba amanzi okusela ngeenxa zonke emlanjeni; kuba ebengenakuwasela amanzi omlambo. |
25. | Kwazaliseka isixhenxe seentsuku emveni kokuwubetha kwakhe uYehova umlambo. |
← Exodus (7/40) → |