| ← Exodus (6/40) → |
| 1. | Wathi uYehova kuMoses, Uya kukubona ngoku endiya kukwenza kuFaro, kuba uya kubandulula, abagxothe ezweni lakhe ngesandla esithe nkqi. |
| 2. | Wathetha uThixo kuMoses, wathi kuye, NdinguYehova: |
| 3. | ndabonakala kuAbraham nakuIsake nakuYakobi ngelokuba nguThixo uSomandla; ke ngegama lam lokuba nguYehova andazekanga kubo. |
| 4. | Kananjalo ndawumisa nabo umnqophiso wam wokuba ndibanike ilizwe lakwaKanan, ilizwe lokuphambukela kwabo abaphambukela kulo. |
| 5. | Kananjalo ndikuvile mna ukugula koonyana bakaSirayeli abakhonziswayo ngamaYiputa, ndawukhumbula umnqophiso wam. |
| 6. | Yithi ngoko koonyana bakaSirayeli, ndinguYehova: ndiya kunikhupha phantsi kwemithwalo yamaYiputa, ndinihlangule enkonzweni yawo, ndinihlawulele, ndinikhulule ngengalo eyolukileyo, nangezigwebo ezikhulu; |
| 7. | ndinithabathe nibe ngabantu bam, ndibe nguThixo wenu; nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu, onikhuphayo phantsi kwemithwalo yamaYiputa; |
| 8. | ndiningenise ezweni endaphakamisa isandla sam ngalo, ukuba ndilinike uAbraham noIsake noYakobi; ndiya kulinika nina, libe lilifa: ndinguYehova. |
| 9. | Watsho ke uMoses koonyana bakaSirayeli; abamphulaphulanga uMoses, ngenxa yokukhathazeka, nangenxa yomsebenzi onzima. |
| 10. | Wathetha uYehova kuMoses, wathi, |
| 11. | Yiya uthethe kuFaro ukumkani waseYiputa, abandulule oonyana bakaSirayeli, baphume ezweni lakhe. |
| 12. | UMoses wathetha phambi koYehova, wathi, Yabona, oonyana bakaSirayeli abandiphulaphulanga; wothini na ke uFaro ukundiphulaphula, ndingomlomo ungalukanga nje? |
| 13. | Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, wabawisela umthetho oonyana bakaSirayeli, nakuFaro ukumkani waseYiputa, ukuba babakhuphe oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa. |
| 14. | Zizo ezi iintloko zezindlu zooyise: oonyana bakaRubhen, amazibulo kaSirayeli, nguHanoki, noFalu, nguHetseron, noKarmi; yiyo leyo imizalwane yakwaRubhen. |
| 15. | Oonyana bakaSimon nguYemuweli, noYamin, no-Ohadi, noYakin, noTsohare, noSawule, unyana womKananekazi; yiyo leyo imizalwane yakwaSimon. |
| 16. | Ngawo la amagama oonyana bakaLevi ngenzala yabo: uGershon, noKehati, noMerari. Iminyaka yobudala bukaLevi yayiyiminyaka elikhulu elinamanci mathathu anesixhenxe. |
| 17. | Oonyana bakaGershon nguLibheni, noShimehi, ngokwemizalwane yabo. |
| 18. | Oonyana bakaKehati nguAmram, noItsare, noHebron, noUziyeli. Iminyaka yobudala bukaKehati yayiyiminyaka elikhulu elinamanci mathathu anamithathu. |
| 19. | Oonyana bakaMerari nguMaheli, noMushi; yiyo leyo imizalwane yakwaLevi ngenzala yabo. |
| 20. | UAmram wazeka uYokebhede, udade boyise, wangumkakhe; wamzalela uAron noMoses. Iminyaka yobudala buka-Amram yayiyiminyaka elikhulu elinamanci mathathu anesixhenxe. |
| 21. | Oonyana bakaItsare nguKora, noNefege, noZikri. |
| 22. | Oonyana bakaUziyeli nguMishaheli, noElitsafan, noZitri. |
| 23. | UAron wazeka uElishebha intombi ka-Aminadabhi, udade boNashon, wangumkakhe; wamzalela uNadabhi, noAbhihu, noElazare, noItamare. |
| 24. | Oonyana bakaKora nguAzire, noElikana, noAbhiyazafu; yiyo leyo imizalwane yamaKora. |
| 25. | UElazare, unyana ka-Aron, wazeka umfazi ezintombini zikaPutiyeli; wamzalela uPinehasi. Zizo ezo iintloko zezindlu zooyise zabaLevi, ngokwemizalwane yabo. |
| 26. | Ngulaa Aron noMoses, wathi kubo uYehova, Bakhupheni oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa ngokwemikhosi yabo. |
| 27. | Ngabo abo bathethayo kuFaro ukumkani waseYiputa, ukuba abakhuphe oonyana bakaSirayeli eYiputa; ngabo Moses noAron. |
| 28. | Kwathi, mhlana wathethayo uYehova kuMoses ezweni laseYiputa, |
| 29. | wathetha uYehova kuMoses, wathi, NdinguYehova; thetha kuFaro, ukumkani waseYiputa, zonke izinto endizithethayo kuwe. |
| 30. | Wathi uMoses phambi koYehova, Yabona, ndingomlomo ungalukanga; wothini na uFaro ukundiphulaphula? |
| ← Exodus (6/40) → |