| ← Exodus (4/40) → |
| 1. | Waphendula uMoses wathi, Uyabona, abayi kukholwa ndim, abayi kuliphulaphula izwi lam; kuba baya kuthi, UYehova akabonakalanga kuwe. |
| 2. | Wathi uYehova kuye, Yintoni na loo nto isesandleni sakho? Wathi, Yintonga. |
| 3. | Wathi, Yiphose emhlabeni. Wayiphosa emhlabeni, yasuka yaba yinyoka; wayibaleka uMoses. |
| 4. | Wathi uYehova kuMoses, Solule isandla sakho, uyibambe ngomsila; (wasolula isandla sakhe, wayibamba, yasuka yaba yintonga esandleni sakhe); |
| 5. | ukuze bakholwe ukuba uYehova, uThixo wooyise, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi, ubonakele kuwe. |
| 6. | Waphinda uYehova wathi kuye, Khawusifake isandla sakho esifubeni sakho. Wasifaka isandla sakhe esifubeni sakhe. Akusirhola isandla sakhe, naso sineqhenqa, simhlophe njengekhephu. |
| 7. | Wathi, Sibuyisele isandla sakho esifubeni sakho. Wasibuyisela isandla sakhe esifubeni; wasirhola esifubeni sakhe, naso sibuye saba njengenyama yakhe. |
| 8. | Kothi, ukuba abathanga bakholwe nguwe, abaliphulaphula izwi lowokuqala umqondiso, bakholwe lilizwi lomqondiso wamva. |
| 9. | Kothi, ukuba abathanga bakholwe nayile miqondiso mibini, abaliphulaphula nezwi lakho, uthabathe amanzi omlambo, uwaphalazele emhlabeni owomileyo; osuka amanzi owathabathileyo emlanjeni abe ligazi emhlabeni owomileyo. |
| 10. | Wathi uMoses kuYehova, Camagu, Nkosi yam! Andindoda imazwi maninzi nanini na, oko wathethayo kumkhonzi wakho lo; kuba ndingokuthetha kunzima, ndikwanzima nolwimi. |
| 11. | Wathi uYehova kuye, Ngubani na obeke umlomo emntwini? Ngubani na owenze isidenge, nesithulu, nobonayo, nemfama? Asindim na, mna Yehova? |
| 12. | Ngoko ke hamba, ndoba nomlomo wakho mna, ndikubonise into oya kuyithetha. |
| 13. | Wathi yena, Camagu, Nkosi yam! Khawuthume ngesandla salowo womthuma. |
| 14. | Wavutha umsindo kaYehova kuMoses, wathi, Akanguye na umkhuluwa wakho uAron umLevi? Ndiyazi ukuba yena uyakwazi ukuthetha. Kananjalo nanko yena ephuma eza kukukhawulela; wokubona, avuye entliziyweni yakhe. |
| 15. | Wothetha kuye, ubeke amazwi emlonyeni wakhe; mna ndoba nomlomo wakho nomlomo wakhe, ndinibonise into eniya kuyenza. |
| 16. | Yena wokuthethela ebantwini, athi yena abe ngumlomo kuwe, uthi wena ube nguthixo kuye. |
| 17. | Ke le ntonga yiphathe ngesandla sakho; uya kwenza ngayo imiqondiso leyo. |
| 18. | Wahamba ke uMoses, wabuyela kuYitro, uyise womkakhe, wathi kuye, Makhe ndihambe, ndibuyele kubazalwana bam abaseYiputa, ndibone ukuba basahleli na. Wathi uYitro kuMoses, Hamba ngoxolo. |
| 19. | UYehova wathi kuMoses kwaMidiyan, Hamba ubuyele eYiputa; kuba afile onke amadoda abezonda ubomi bakho. |
| 20. | UMoses wathabatha umkakhe noonyana bakhe, wabakhwelisa e-esileni, wabuyela ezweni laseYiputa; wayiphatha uMoses intonga kaThixo ngesandla sakhe. |
| 21. | Wathi uYehova kuMoses, Ekuhambeni kwakho ubuyela eYiputa, uze ukhangele ukuba uzenze phambi koFaro zonke izimanga, endizibeke esandleni sakho. Ke mna ndiya kuyenza lukhuni intliziyo yakhe, angabandululi abantu. |
| 22. | Wothi kuFaro, Utsho uYehova ukuthi, Unyana wam wamazibulo nguSirayeli; |
| 23. | ndithi kuwe, Mndulule unyana wam lowo, andikhonze; walile nje ukumndulula, uyabona, ndombulala unyana wakho, amazibulo akho. |
| 24. | Kwathi, endleleni apho balalisa khona, uYehova wamhlangabeza, wafuna ukumbulala. |
| 25. | UTsipora wathabatha intshengece, wanqumla inyama yokwaluswa yonyana wakhe, wayiphosa ezinyaweni zakhe, wathi, Ungumyeni wamagazi kum. |
| 26. | Wamyeka ke. Watsho oko ukuthi, Ungumyeni wamagazi, ngenxa yolwaluko. |
| 27. | Wathi uYehova kuAron, Hamba uye kukhawulela uMoses entlango. Waya ke, wamhlangabeza entabeni kaThixo, wamanga. |
| 28. | UMoses wamxelela uAron onke amazwi kaYehova abemthume wona, nemiqondiso yonke abemwisele umthetho ngayo. |
| 29. | Wahamba uMoses noAron, bawahlanganisa onke amadoda amakhulu oonyana bakaSirayeli. |
| 30. | Wawathetha uAron onke amazwi abewathethile uYehova kuMoses, wayenza nemiqondiso phambi kwabantu. |
| 31. | Bakholwa abantu, beva ukuba uYehova ubavelele oonyana bakaSirayeli wazibona iintsizi zabo, bathoba baqubuda. |
| ← Exodus (4/40) → |