| ← Exodus (36/40) → |
| 1. | Bosebenza ke ooBhetsaleli noAholiyabhi namadoda onke antliziyo zilumkileyo, awanikeleyo uYehova ubulumko nengqondo, ukuba akwazi ukusebenza yonke imisebenzi yenkonzo yengcwele, nento yonke abewise umthetho ngayo uYehova. |
| 2. | UMoses wabiza ooBhetsaleli noAholiyabhi namadoda onke antliziyo zilumkileyo, antliziyo uYehova wazinikayo ubulumko, onke antliziyo yawavuselelayo ukusondela emsebenzini, ukuba awenze. |
| 3. | Bathabatha, ebusweni bukaMoses, yonke imirhumo ababeyizisile oonyana bakaSirayeli emsebenzini wenkonzo yengcwele ukuba yenziwe. Baye bona bezisa kuye imiso ngemiso iminikelo yokuqhutywa yintliziyo. |
| 4. | Zeza ke zonke izilumko ezibe ziyisebenza yonke imisebenzi yengcwele, saseso savela emsebenzini waso esibe siwusebenza; |
| 5. | zatsho kuMoses ukuthi, Abantu bazisa ngaphezulu kakhulu kokwanele ukusetyenzwa komsebenzi, awise umthetho ngawo uYehova ukuba wenziwe. |
| 6. | Wawisa umthetho uMoses, ukuba kuhanjiswe ilizwi eminqubeni, lisithi, Amadoda nabafazi mabangabi senza mpahla yamrhumo wengcwele. Bapheza ke abantu ukuzisa. |
| 7. | Impahla yazanela izinto zonke, emisebenzini yonke, ukubabayenze, yada yasala. |
| 8. | Bonke abantliziyo zilungileyo, phakathi kwabenza imisebenzi, bawenza umnquba, amalengalenga aba lishumi, ngelinen ecikizekileyo ephothiweyo, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, benza iikerubhi, umsebenzi wengcibi yokuluka. |
| 9. | Ubude belengalenga lilinye baba ziikubhite ezimashumi mabini anesibhozo, ububanzi belengalenga lilinye baba ziikubhite ezine, amalengalenga alingana onke. |
| 10. | Bahlanganisa amalengalenga amahlanu, elinye nelinye; bahlanganisa amalengalenga amahlanu, elinye nelinye. |
| 11. | Benza amasango ngemisonto emsi emphethweni welinye ilengalenga, ekupheleni ekuhlanganeni; benjenjalo emphethweni welengalenga lokugqibela, ekuhlanganeni kwelesibini. |
| 12. | Benza amasango aba mashumi mahlanu kwelinye ilengalenga, benza namasango aba mashumi mahlanu ekupheleni kwelengalenga elisekuhlanganeni kwelesibini; amasango alungelelana, elinye nelinye. |
| 13. | Benza amagwegwe egolide aba mashumi mahlanu; bawahlanganisa amalengalenga, elinye nelinye, ngamagwegwe lawo, waba mnquba mnye. |
| 14. | Benza amalengalenga ngoboya beebhokhwe, aba yintente phezu komnquba; bawenza amalengalenga alishumi elinalinye. |
| 15. | Ubude belengalenga lilinye baba ziikubhite ezimashumi mathathu, ububanzi belengalenga lilinye baba ziikubhite ezine; loo malengalenga alishumi elinalinye alingana. |
| 16. | Bawahlanganisa amalengalenga amahlanu odwa, namalengalenga omathandathu odwa. |
| 17. | Benza amasango amashumi mahlanu emphethweni welengalenga eli lokugqibela ekuhlanganeni, benza namasango amashumi mahlanu emphethweni welesibini ilengalenga, elihlanganiswe nelinye. |
| 18. | Benza amagwegwe obhedu amashumi mahlanu, ukuba ihlanganiswe intente, ibe nye. |
| 19. | Bayenzela intente isigubungelo ngezintsu zeekunzi zezimvu, zenziwe zayingqombela, nesigubungelo sezikhumba zamahlengezi ngaphezulu kweso. |
| 20. | Umnquba bawenzela iiplanga ngomngampunzi, zema. |
| 21. | Ubude beplanga baba ziikubhite ezilishumi, ububanzi beplanga inye baba yikubhite enesiqingatha. |
| 22. | Iplanga inye yaneempondlo ezimbini, zahlangana olunye nolunye; benjenjalo eziplangeni zonke zomnquba. |
| 23. | Bazenza ke iiplanga zomnquba; zamashumi mabini iiplanga ngecala lasezantsi ngasezantsi. |
| 24. | Benza iziseko zesilivere zamashumi mane phantsi kweeplanga ezimashumi mabini; zazibini iziseko zeempondlo zayo zombini, phantsi kweplanga inye; zazibini iziseko zeempondlo zayo zombini, phantsi kweplanga inye. |
| 25. | Ezecala lesibini lomnquba, ngelasentla icala, benza iiplanga ezimashumi mabini, |
| 26. | neziseko zazo zesilivere zamashumi mane: iziseko zazibini phantsi kweplanga inye, zazibini iziseko phantsi kweplanga inye. |
| 27. | Ezomva womnquba ngasentshonalanga bazenza zantandathu iiplanga. |
| 28. | Iiplanga ezimbini bazenza iimbombo zomnquba ngamacala, emaphundwini omabini, |
| 29. | zangamawele, zithabathela ezantsi ukuhlangana, zaba nto-nye kwada kwasa entloko, zaya khonkcweni linye; benjenjalo kuwo omabini angaweembombo zombini. |
| 30. | Zaba ziiplanga ezisibhozo; neziseko zazo zesilivere zaziziseko ezilishumi elinazithandathu: zazibini iziseko, zazibini iziseko, phantsi kweplanga inye. |
| 31. | Benza imivalo ngomngampunzi; yamihlanu eziplangeni zelinye icala lomnquba, |
| 32. | yamihlanu imivalo eziplangeni zelesibini icala lomnquba; yamihlanu imivalo eziplangeni zomnquba ephundwini, ngasentshonalanga. |
| 33. | Benza umvalo othe gabhu phakathi eziplangeni ezo, wavala, usuka ekupheleni waya ekupheleni. |
| 34. | Bazaleka iiplanga ngegolide; amakhonkco azo bawenza ngegolide, azindawo zemivalo; ke imivalo bayaleka ngegolide. |
| 35. | Benza umkhusane ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo; bawenzela iikerubhi, umsebenzi wengcibi yokuluka ke lowo. |
| 36. | Bawenzela iintsika ezine zomngampunzi ezalekwe ngegolide, namagwegwe azo egolide; bazityhidela iziseko zozine zesilivere. |
| 37. | Umnyango wentente bawenzela isisitheliso ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, umsebenzi oyimfakamfele womluki; |
| 38. | neentsika zaso zantlanu, namagwegwe azo, bazaleka iintloko zazo neminqiwu yazo ngegolide, neziseko zazo zozihlanu zazezobhedu. |
| ← Exodus (36/40) → |