| ← Exodus (25/40) → |
| 1. | Wathetha uYehova kuMoses, wathi, Thetha koonyana bakaSirayeli, bandizisele umrhumo. |
| 2. | Nowuthabatha umrhumo wam ebantwini bonke abanikela ngokuqhutywa yintliziyo. |
| 3. | Nguwo lo ke umrhumo eniya kuwuthabatha kubo: igolide, nesilivere, nobhedu; |
| 4. | nento emsi nemfusa nebomwu, nelinen ecikizekileyo, noboya beebhokhwe; |
| 5. | nezintsu zeenkunzi zezimvu, zenziwe zayingqombela, nezikhumba zamahlengezi; |
| 6. | nemingampunzi, ioli yesikhanyiso, ubulawu beoli yentambiso, nobesiqhumiso esiqholiweyo; |
| 7. | amatye ebherilo, namatye okufakwe e-efodini, nawobengo; |
| 8. | bandenzele indawo engcwele, ndihlale phakathi kwabo. |
| 9. | Njengako konke endikubonisa kona: ngokomfanekiso womnquba, nomfanekiso weempahla zawo zonke, ize nenjenjalo ukuwenza. |
| 10. | Mabenze ityeya yomngampunzi. Ubude bayo mabube ziikubhite zombini ezinesiqingatha, ububanzi bayo bube yikubhite enesiqingatha, ukuphakama kwayo kube yikubhite enesiqingatha; |
| 11. | uyaleke ngegolide ecocekileyo, uyaleke ngaphakathi nangaphandle, uze uyithi jize ngesithsaba segolide; |
| 12. | woyityhidela amakhonkco egolide abe mane, uwafake emilenzeni yayo yomine, amakhonkco abe mabini ngeli icala, amakhonkco abe mabini ngelinya icala; |
| 13. | wenze izibonda ngomngampunzi, uzaleke ngegolide, |
| 14. | uzifake izibonda ezo emakhonkcweni asemacaleni etyeya, ithwalwe ngazo ityeya leyo. |
| 15. | Zoba semakhonkcweni etyeya izibonda ezo; maze zingarholwa kuyo. |
| 16. | Isingqino, endiya kukunika sona, uze usibeke etyeyeni. |
| 17. | Uze wenze isihlalo sokucamagusha ngegolide ecocekileyo. Ubude baso mabube ziikubhite ezimbini ezinesiqingatha, ububanzi baso bube yikubhite enesiqingatha. |
| 18. | Uze wenze iikerubhi zibe mbini ngegolide; ukuzenza wozikhanda, zivele eziphelweni zozibini zesihlalo sokucamagusha; |
| 19. | wenze ikerubhi ibe nye ivele esiphelweni seli icala, enye ikerubhi ivele esiphelweni seliya, esihlalweni sokucamagusha; wozenza iikerubhi zivele eziphelweni zaso zozibini. |
| 20. | Maze iikerubhi ziwolule amaphiko phezulu, zisisithelise ngamaphiko azo isihlalo sokucamagusha, ubuso bazo bukhangelane, bubheke esihlalweni sokucamagusha ubuso beekerubhi ezo. |
| 21. | Uze usibeke isihlalo sokucamagusha phezu kwetyeya; ufake etyeyeni isingqino endiya kukunika sona. |
| 22. | Ndiya kuhlangana nawe khona, ndithethe nawe ndisesihlalweni sokucamagusha, phakathi kweekerubhi zombini eziphezu kwetyeya yesingqino, ngeento zonke endiya kukuwisela umthetho ngazo koonyana bakaSirayeli. |
| 23. | Uze wenze netafile ngomngampunzi. Ubude bayo boba ziikubhite ezimbini, ububanzi bayo bube yikubhite, ukuphakama kwayo kube yikubhite enesiqingatha; |
| 24. | uyaleke ngegolide ecocekileyo, uyenzele isithsaba segolide esithi jize. |
| 25. | Uze uyenzele udini olungangobubanzi besandla ngeenxa zonke, ulwenzele udini lwayo isithsaba segolide esithe jize. |
| 26. | Woyenzela amakhonkco egolide abe mane, uwafake amakhonkco omane ezimbombeni zone ezisemilenzeni yayo yomine. |
| 27. | Oba kufuphi nokuhlangana kodini amakhonkco lawo, abe ziindawo zokufaka izibonda zokuyithwala itafile; |
| 28. | uzenze izibonda ezo ngomngampunzi, uzaleke ngegolide, ithwalwe ngazo itafile. |
| 29. | Uze wenze izitya zayo, neenkamba zayo, neendebe zayo, nemicephe yayo ekuya kuthungwa ngayo; uzenze ngegolide ecocekileyo; |
| 30. | ubeke etafileni izonka zokubonisa, phambi kwam ngamaxesha onke. |
| 31. | Uze wenze nesiphatho sezibane ngegolide ecocekileyo. Ukusenza, wosikhanda isiphatho eso: isikhondo saso, nesibili saso, neendebe zaso, namaqhina aso, neentyantyambo zaso zivele kwakuso; |
| 32. | amasebe amathandathu avele emacaleni aso; amasebe amathathu esiphatho avele kweli icala laso, amasebe amathathu esiphatho avele kweliya icala laso. |
| 33. | Zoba ntathu iindebe ezifana neentyantyambo zeamangile, zinamaqhina neentyantyambo, kweli isebe; neendebe ezintathu ezifana neentyantyambo zeamangile, zibe zinamaqhina neentyantyambo, kweliya isebe; makube njalo kumasebe omathandathu avela esiphathweni eso. |
| 34. | Zoba ne iindebe esiphathweni, ezifana neentyantyambo zeamangile, zinamaqhina aso neentyantyambo zaso; |
| 35. | ibe liqhina phantsi kwamasebe omabini livele kuso, ibe liqhina phantsi kwamasebe amabini livele kuso, ibe liqhina phantsi kwamasebe amabini livele kuso, abe ngawamasebe amathandathu avelayo esiphathweni eso. |
| 36. | Amaqhina awo, namalungu awo avele kuso, sonke siphela masibe ngumkhando omnye wegolide ecocekileyo. |
| 37. | Uze wenze izibane zaso zibe sixhenxe, uzimise izibane zaso, zikhanyisele icala elikhangelene nomphambili waso. |
| 38. | Nozenza izifinyiso zaso, neengcedevu zaso, ngegolide ecocekileyo. |
| 39. | Nosenza ngetalente yegolide ecocekileyo, sona nezo mpahla zonke. |
| 40. | Khangela ke, uzenze ngokomfuziselo wazo, owawubona entabeni. |
| ← Exodus (25/40) → |