← Exodus (22/40) → |
1. | Xa umntu athe weba inkomo, nokuba yigusha, wayixhela, mhlawumbi wathengisa ngayo: makadliwe iinkomo zibe ntlanu ngenkomo leyo, izimvu zibe ne ngemvu leyo. |
2. | Ukuba isela lithe lafunyanwa ligqobha indlu, labethwa lafa, akukho tyala lagazi kulowo. |
3. | Ukuba liphunyelwe lilanga, lobakho ityala legazi kulowo. Loo nto maliyimisele ngokuzeleyo; ukuba alinanto, makuthengiswe ngalo ngenxa yobusela balo. |
4. | Ukuba ithe yafunyanwa isesandleni salo, okanye iphilile, loo nto ibiweyo, nokuba yinkomo, nokuba liesile, nokuba yigusha, maliyibuyise nganto mbini. |
5. | Xa umntu athe wadlisa intsimi, nokuba sisidiliya, wavulela iinkomo zakhe, zayidla intsimi yomnye: makamisele ngeyona nto intle yentsimi yakhe, nangeyona nto intle yesidiliya sakhe. |
6. | Xa kuthe kwatsha umlilo, wafumanana neentango, watshisa izitha zengqolowa, nokuba yemiyo, nokuba yintsimi: lowo uwutshisileyo makazimisele ezo zinto. |
7. | Xa athe umntu wanikela ummelwane wakhe imali, nokuba yimpahla, ukuba ayigcine, yaza yabiwa endlwini yaloo mntu: ukuba lithe lafunyanwa isela elo, maliyibuyekeze kabini. |
8. | Ukuba lithe alafunyanwa isela: umninindlu makasondezwe kuThixo, afunge ukuba akayiphathanga impahla yommelwane wakhe lowo. |
9. | Ngenxa yezinto zonke zokona, ngenxa yenkomo, ye-esile, yegusha, yengubo, nangenxa yezinto zonke ezidakileyo, ezifaniswayo: loo ndawo yabo bobabini yoya phambi koThixo; othe wagwetywa nguThixo, wombuyekeza kabini ummelwane wakhe. |
10. | Xa athe umntu wanika ummelwane wakhe iesile, nokuba yinkomo, nokuba yigusha, nokuba yiyiphi into ezitho zine, ukuba ayigcine; yaza yafa, mhlawumbi yaphuka, mhlawumbi yathinjwa, kungaboni bani: |
11. | makubekho ukufunga uYehova phakathi kwabo bobabini, ukuba akayiphathanga impahla yommelwane wakhe; makamkele oko umniniyo, loo mntu angayimiseli. |
12. | Ukuba ibiwe yabiwa ikuye, woyimisela kumniniyo. |
13. | Ukuba iqwengiwe, woyizisa ibe lingqina; makangayimiseli into eqwengiweyo. |
14. | Xa athe umntu waboleka inkomo kummelwane wakhe, yaza yaphuka, mhlawumbi yafa, engekho umniniyo, makayimisele. |
15. | Ukuba ithe yenzakala ekho umniniyo, makangayimiseli; ukuba ibithe yaqeshwa, ibe ihambele ingqesho yayo. |
16. | Xa athe umntu warhwebesha intombi engaganiweyo, walala nayo, woyilobola ibe ngumkakhe. |
17. | Ukuba uyise wayo walile kanye ukumnika, makarhole imali njengekhazi lazo iintombi. |
18. | Umkhafulikazi uze ungamyeki adle ubomi. |
19. | Bonke abathe balala inkomo, mababulawe bafe. |
20. | Obingelela kuthixo ongenguye uYehova yedwa, makasingelwe phantsi. |
21. | Umphambukeli uze ungamxinzeleli phantsi, ungamxini; kuba naningabaphambukeli nani ezweni laseYiputa. |
22. | Yonke into engumhlolokazi nenkedama uze ungayicinezeli. |
23. | Ukuba uthe wabacinezela nangayiphi na indlela, bakhala kum, ndokuva ukukhala kwabo; |
24. | uvuthe umsindo wam, ndinibulale ngekrele; babe ngabahlolokazi abafazi benu, babe ziinkedama abantwana benu. |
25. | Ukuba uthe wababoleka imali abantu bam abaziintsizana abanawe, uze ungabi kubo njengomboleki-mali: uze ungababizi nzala. |
26. | Ukuba ummelwane wakho ubambise ngengubo yakhe kuwe, woyibuyisela kuye lingekatshoni ilanga; |
27. | kuba yona ikukuphela kwesigubungelo anaso, yingubo yakhe yomzimba wakhe; wolala ngantoni ke? Kothi, xa athe wakhala kum, ndive; kuba ndinenceba. |
28. | UThixo uze ungamtshabhisi, nesikhulu ebantwini bakowenu uze ungasiqalekisi. |
29. | Indyebo yakho nencindi yemithi yakho, uze ungalibali ukundinika. Oonyana bakho bamazibulo uze undinike. |
30. | Uze wenjenjalo ngenkomo yakho, nangempahla yakho emfutshane: mayibe kunina iintsuku ezisixhenxe, uthi ngosuku lwesibhozo undinike. |
31. | Noba ngabantu abangcwele kum; inyama yento eqwengiweyo endle nize ningayidli; noyiphosa ezinjeni. |
← Exodus (22/40) → |