| ← Exodus (20/40) → | 
| 1. | UThixo wawathetha ke onke la mazwi, wathi: | 
| 2. | NdinguYehova, uThixo wakho, owakukhupha ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka. | 
| 3. | Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam. | 
| 4. | Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nesemhlabeni phantsi, nesemanzini aphantsi komhlaba. | 
| 5. | Uze ungaqubudi kwezo nto, ungazikhonzi: kuba mna, Yehova Thixo wakho, ndinguThixo onekhwele, ndibuvelela ubugwenxa booyise koonyana, kwesesithathu nakwesesine isizukulwana sabandithiyileyo; | 
| 6. | ndiwenzela inceba amawaka abandithandayo, abayigcinayo imithetho yam. | 
| 7. | Uze ungafumane ulibize igama likaYehova uThixo wakho; kuba uYehova akayi kumenza omsulwa ofumana alibize igama lakhe. | 
| 8. | Khumbula umhla wesabatha, ukuba uwungcwalise. | 
| 9. | Wosebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho; | 
| 10. | ke wona umhla wesixhenxe uyisabatha kaYehova uThixo wakho. Uze ungenzi namnye umsebenzi ngawo, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nezinto zakho ezizitho zine, nowasemzini osemasangweni akho: | 
| 11. | kuba ngemihla emithandathu uYehova wenza izulu, nomhlaba, nolwandle, neento zonke ezikwezo zinto, waphumla ngomhla wesixhenxe; ngenxa yoko uYehova wawusikelela umhla wesabatha, wawungcwalisa. | 
| 12. | Beka uyihlo nonyoko, ukuze yolulwe imihla yakho emhlabeni akunika wona uYehova uThixo wakho. | 
| 13. | Uze ungabulali. | 
| 14. | Uze ungakrexezi. | 
| 15. | Uze ungebi. | 
| 16. | Uze ungangqini ubungqina obubuxoki ngommelwane wakho. | 
| 17. | Uze ungawunqweneli umzi wommelwane wakho. Uze ungamnqweneli umfazi wommelwane wakho, nesicaka sakhe, nesicakakazi sakhe, nenkomo yakhe, ne-esile lakhe, nanye into eyeyommelwane wakho. | 
| 18. | Bonke abantu bazibona iindudumo nemibane, nesandi sesigodlo, nentaba ingumsi. Abantu babona ke bangcangacazela, bamela kude. | 
| 19. | Bathi kuMoses, Thetha wena nathi, siya kuva; makangathethi nathi uThixo, hleze sife. | 
| 20. | Wathi uMoses ebantwini, Musani ukoyika; kuba uThixo uze kunilinga, ukuba kubekho ukumoyika ebusweni benu, ukuze ningoni. | 
| 21. | Abantu bamela kude; wasondela uMoses esithokothokweni abekuso uThixo. | 
| 22. | Wathi uYehova kuMoses, Wotsho koonyana bakaSirayeli, ukuthi, Nibonile nina, ukuba ndithethe nani ndisemazulwini. | 
| 23. | Ize ningenzi oothixo bokunxulumana nam, ningazenzeli oothixo besilivere, noothixo begolide. | 
| 24. | Uze undenzele isibingelelo somhlaba, ubingelele phezu kwaso amadini akho anyukayo, nemibingelelo yakho yoxolo, impahla yakho emfutshane neenkomo zakho. Ndoza kuwe ndikusikelele ezindaweni zonke endomisa kuzo isikhumbuzo segama lam. | 
| 25. | Ke ukuba uthe wandenzela isibingelelo samatye, uze ungasakhi ngamatye aqingqiweyo; okanye ukuba uthe wayiphakamisa intlabo yakho phezu kwaso, woba usihlambele. | 
| 26. | Uze ungenyuki ngezinyuko esibingelelweni sam, ukuze bungatyhileki ubuze bakho kuso. | 
| ← Exodus (20/40) → |