| ← Exodus (19/40) → |
| 1. | Ngenyanga yesithathu emveni kokuphuma koonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa, ngayo loo mini, bafika entlango yaseSinayi. |
| 2. | Banduluka eRefidim, bafika entlango yaseSinayi, balalisa entlango; amisa iintente apho amaSirayeli malunga nentaba. |
| 3. | UMoses wenyuka waya kuThixo, uYehova wadanduluka kuye esentabeni apho, wathi, Yitsho kwindlu kaYakobi, uxelele oonyana bakaSirayeli ukuthi, |
| 4. | Nina niyibonile into endiyenzileyo kumaYiputa, ukuba ndanithwala ngamaphiko okhozi, ndanizisa kum. |
| 5. | Ngoku ke, ukuba nithe naliphulaphula okunene izwi lam, nawugcina umnqophiso wam, noba yinqobo kum kwizizwe zonke, kuba ihlabathi lonke lelam; |
| 6. | nibe bubukumkani bababingeleli kum, nohlanga olungcwele. Ngawo lawo amazwi oya kuwathetha koonyana bakaSirayeli. |
| 7. | Weza uMoses, wawabiza amadoda amakhulu abantu, wabeka phambi kwawo onke amazwi uYehova awamwisela umthetho ngawo. |
| 8. | Baphendula bonke abantu ngamxhelo mnye, bathi, Konke akuthethileyo uYehova sokwenza. UMoses wayixelela uYehova intetho yabantu. |
| 9. | Wathi uYehova kuMoses, Yabona, ndiyeza kuwe ndiselifini elingqingqwa, ukuze beve abantu ekuthetheni kwam nawe, bakholwe kuwe ngonaphakade. Wawaxela ke uMoses amazwi abantu kuYehova. |
| 10. | Wathi uYehova kuMoses, Yiya ebantwini, ubangcwalise namhla nangomso, bazihlambe iingubo zabo, balunge ngomhla wesithathu; |
| 11. | kuba ngomhla wesithathu uya kuhla uYehova phezu kwentaba yeSinayi, emehlweni abantu bonke; |
| 12. | ubamisele abantu imida ngeenxa zonke, uthi kubo, Zigcineni ningenyukeli entabeni, ningawachukumisi amazantsi ayo; osukuba eyichukumisa intaba wobulawa afe. |
| 13. | Makungafiki sandla kuye; makaxulutywe ngamatye mpela, athi mhlawumbi atolwe nokutolwa; nokuba yinto ezizitho zine, nokuba ngumntu, akayi kuphila. Sakolula isandi sesigodlo ukuhlokoma, banganyuka entabeni bona. |
| 14. | Wehla uMoses entabeni, waya ebantwini, wabangcwalisa abantu; bazihlamba iingubo zabo. |
| 15. | Wathi ebantwini, Ize nizilungiselele umhla wesithathu, ningasondeli ebafazini. |
| 16. | Kwathi ngomhla wesithathu, kwakusa, kwabakho iindudumo, nemibane, nelifu elinzima phezu kwentaba, nesandi sesigodlo esomeleleyo kunene; bagubha bonke abantu abaseminqubeni. |
| 17. | UMoses wabakhupha abantu eminqubeni, baya kumkhawulela uThixo; bema emazantsi entaba. |
| 18. | Intaba yeSinayi yaba ngumsi yonke iphela, kuba uYehova wehla phezu kwayo esemlilweni. Umsi wayo wenyuka njengomsi weziko lemfutho; yanyikima kunene yonke intaba. |
| 19. | Kwabakho isandi sesigodlo esaya sisomelela kakhulu; wathetha uMoses, uThixo wamphendula ngesandi. |
| 20. | Wehla ke uYehova phezu kwentaba yeSinayi, encotsheni yentaba; uYehova wambizela uMoses encotsheni yentaba leyo; wenyuka ke uMoses. |
| 21. | Wathi uYehova kuMoses, Yihla, ubaqononondise abantu, hleze batyhobozele kuYehova, bakhangele, kwenzakale into eninzi kubo. |
| 22. | Kananjalo ababingeleleli abasondelayo kuYehova, mabazingcwalise, hleze uYehova ababhubhise. |
| 23. | Wathi uMoses kuYehova, Abantu abanakunyuka, baye entabeni yeSinayi; kuba wena wasiqononondisa wathi, Yimisele imida intaba, uyingcwalise. |
| 24. | Wathi uYehova kuye, Hamba uhle, uze unyuke wena ninoAron; ke ababingeleli nabantu mabangatyhobozi benyuke beze kuYehova, hleze ababhubhise. |
| 25. | Wehla ke uMoses, waya ebantwini, watsho kubo. |
| ← Exodus (19/40) → |