| ← Exodus (17/40) → |
| 1. | Landuluka lonke ibandla loonyana bakaSirayeli entlango yaseSin ngokweehambo zabo, ngelizwi likaYehova; bazimisa iintente eRefidim. Akwabakho manzi okuselwa ngabantu. |
| 2. | Babambana abantu noMoses, bathi, Sinike amanzi, sisele. Wathi uMoses kubo, Yini na ukuba nibambane nam? Yini na ukuba nimlinge uYehova? |
| 3. | Banxanelwa amanzi apho abantu; abantu bamkrokrela uMoses, bathi, Yini na ukuba usinyuse siphume eYiputa, nosapho lwethu, nemfuyo yethu, uze kusibhubhisa ngenxano? |
| 4. | UMoses wadanduluka kuYehova, esithi, Ndiya kubathini na aba bantu? Sekukancinane ukuba bandixulube ngamatye. |
| 5. | Wathi uYehova kuMoses, Gqithela phambi kwabantu, uthabathe amadoda amakhulu akwaSirayeli abe nawe; uthi nentonga yakho, owawubetha ngayo umlambo, uyiphathe esandleni sakho, uhambe. |
| 6. | Yabona, ndiya kuma phambi kwakho khona, phezu kweliwa eHorebhe; uze ulibethe iliwa; kophuma amanzi kulo, basele abantu. Wenjenjalo ke uMoses phambi kwawo amadoda amakhulu akwaSirayeli. |
| 7. | Wathi igama laloo ndawo yiMasa neMeribha, ngenxa yokubambana koonyana bakaSirayeli, nangenxa yokumlinga kwabo uYehova, besithi, UYehova ukho na phakathi kwethu, akakho, kusini na? |
| 8. | UAmaleki weza, walwa noSirayeli eRefidim. |
| 9. | Wathi uMoses kuYoshuwa, Sihlelele amadoda; uze wena uphume ulwe noAmaleki; mna ngomso ndiya kuma encotsheni yenduli, intonga kaThixo isesandleni sam. Wenza uYoshuwa njengoko wathethayo uMoses kuye, walwa noAmaleki; |
| 10. | bona ooMoses na-Aron noHure benyuka baya encotsheni yenduli. |
| 11. | Kwathi, xa aziphakamisileyo uMoses izandla, kweyisa uSirayeli; kwathi xa azihlisileyo izandla, kweyisa uAmaleki. |
| 12. | Izandla zikaMoses zadinwa. Bathabatha ilitye, balibeka phantsi kwakhe, wahlala kulo; bathi ooAron noHure bazixhasa izandla zakhe, omnye engapha, nomnye engaphaya. Zazimaseka izandla zakhe, lada ilanga latshona. |
| 13. | UYoshuwa wamchitha uAmaleki nabantu bakowabo ngohlangothi lwekrele. |
| 14. | Wathi uYehova kuMoses, Kubhale oku kube sisikhumbuzo encwadini, ukuthethe ezindlebeni zikaYoshuwa; ngokuba ndiya kusicima impela isikhumbuzo sika-Amaleki phantsi kwamazulu. |
| 15. | UMoses wakha isibingelelo, wathi igama laso nguYehova-ibhanile-yam. |
| 16. | Wathi, Isandla siphakanyiselwe etroneni kaYehova, ukuba uYehova uya kulwa imfazwe noAmaleki isizukulwana ngesizukulwana. |
| ← Exodus (17/40) → |