| ← Exodus (14/40) → |
| 1. | Wathetha uYehova kuMoses, wathi, |
| 2. | Thetha koonyana bakaSirayeli ukuba bajike, bamise iintente phambi kwePi-hahiroti, phakathi kweMigdoli nolwandle, phambi kweBhahali-tsefon, malunga nayo, nimise ngaselwandle. |
| 3. | Uya kuthi uFaro ngoonyana bakaSirayeli, Badidekile ezweni, intlango ibavingcele. |
| 4. | Ndoyenza lukhuni intliziyo kaFaro, abasukele, ndizukiseke ngoFaro nangempi yakhe yonke, azi amaYiputa ukuba ndinguYehova. Benjenjalo ke. |
| 5. | Waxelelwa ukumkani waseYiputa, ukuba abantu babalekile; yaba yeyimbi intliziyo kaFaro neyabakhonzi bakhe kubantu, bathi, Siyenzele ntoni na le nto, yokusuka simndulule uSirayeli ekusikhonzeni? |
| 6. | Wayibopha inqwelo yakhe yokulwa, wabathabatha abantu bakhe, bahamba naye. |
| 7. | Wathabatha amakhulu omathandathu eenqwelo zokulwa ezikhethiweyo, neenqwelo zonke zokulwa zaseYiputa, nabaphathi-mikhosi phezu kwazo zonke ziphela. |
| 8. | UYehova wayenza lukhuni ke intliziyo kaFaro ukumkani waseYiputa, wabasukela oonyana bakaSirayeli, baye oonyana bakaSirayeli bephume ngesandla esiphakamileyo. |
| 9. | AmaYiputa abasukela, enamahashe onke eenqwelo zokulwa kaFaro, nakhwelwayo akhe, nempi yakhe, afika kubo bemise iintente ngaselwandle, ngasePi-hahiroti phambi kweBhahali-tsefon. |
| 10. | Wasondela uFaro. Bawaphakamisa amehlo abo oonyana bakaSirayeli, nango amaYiputa efake emva kwabo. Boyika kunene, bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova. |
| 11. | Bathi kuMoses, kungokuba bekungekho mangcwaba na eYiputa, le nto usithabathileyo ukuba sifele entlango apha? Yini na ukuba usenze into enje, usikhuphe eYiputa? |
| 12. | Asililo na eli ilizwi ebesilithetha kuwe eYiputa, sisithi, Siyeke, siwakhonze amaYiputa? Kuba kube kusilungele kanye ukuba sikhonze amaYiputa, kunokuba sifele entlango apha. |
| 13. | Wathi uMoses ebantwini, Musani ukoyika; misani, nilubone usindiso lukaYehova aya kunenzela lona namhla; kuba amaYiputa lawo niwabonileyo namhlanje, anisayi kuphinda niwabone naphakade. |
| 14. | UYehova uya kunilwela, ke nina niya kuthi cwaka. |
| 15. | Wathi uYehova kuMoses, Yini na ukuba ukhale kum? Thetha koonyana bakaSirayeli, banduluke. |
| 16. | Ke wena, phakamisa intonga yakho, wolule isandla sakho phezu kolwandle, ulwahlule, bahambe oonyana bakaSirayeli phakathi kolwandle, emhlabeni owomileyo. |
| 17. | Mna ke, yabona, ndiya kuzenza lukhuni iintliziyo zamaYiputa, angene emva kwabo, ndizukiseke ngoFaro, nangempi yakhe yonke, ngeenqwelo zakhe zokulwa, nangabamahashe bakhe; |
| 18. | azi amaYiputa ukuba ndinguYehova, ekuzukisekeni kwam ngoFaro nangeenqwelo zakhe zokulwa nangabamahashe bakhe. |
| 19. | Sesuka isithunywa sikaThixo, esibe sihamba phambi kwemfuduka yamaSirayeli, sahamba emva kwayo. Wesuka umqulu welifu phambi kwayo, wema emva kwayo; |
| 20. | wathi zinzi phakathi kwempi yamaYiputa, nemfuduka yamaSirayeli. Kwabakho ilifu nobumnyama kumaYiputa, labukhanyisela ubusuku kumaSirayeli; akasondelana ubusuku bonke. |
| 21. | UMoses wasolula isandla sakhe phezu kolwandle, walumkisa uYehova ulwandle ngomoya wasempumalanga onamandla, bonke obo busuku, walwenza umhlaba owomileyo ulwandle, ahlulelana amanzi. |
| 22. | Bangena oonyana bakaSirayeli elwandle phakathi, kowomileyo; asuka amanzi aba ludonga ngasekunene nangasekhohlo. |
| 23. | Asukela amaYiputa, angena emva kwabo elwandle phakathi, enamahashe onke kaFaro, neenqwelo zakhe zokulwa, nabamahashe bakhe. |
| 24. | Kwathi ngomlindo wokusa, uYehova waqondela empini yamaYiputa esemqulwini womlilo nelifu; wayidubaduba impi yamaYiputa. |
| 25. | Wayidonyula imilenze yeenqwelo zawo zokulwa, aziqhuba nzima. Athi amaYiputa, Masisabe phambi kwamaSirayeli, kuba uYehova uyawalwela, esilwa namaYiputa. |
| 26. | Wathi uYehova kuMoses, Yolula isandla sakho phezu kolwandle, amanzi abuyele phezu kwamaYiputa, phezu kweenqwelo zawo zokulwa, naphezu kwabamahashe bawo. |
| 27. | Wasolula uMoses isandla sakhe phezu kolwandle, ulwandle lwabuyela ebumeni balo, ukuthi qhiphu kokusa; asaba amaYiputa asinga kulo. UYehova wawavuthululela amaYiputa phakathi elwandle. |
| 28. | Abuya amanzi, azigubungela iingqwelo zokulwa, nabamahashe, nempi yonke kaFaro eyayingene emva kwawo elwandle; akwasala noko amnye kuwo. |
| 29. | Bona oonyana bakaSirayeli bahamba emhlabeni owomileyo phakathi elwandle; asuka amanzi aba ludonga ngasekunene nangasekhohlo. |
| 30. | Wawasindisa uYehova ngaloo mini amaSirayeli esandleni samaYiputa; amaSirayeli awabona amaYiputa efile elunxwemeni lolwandle. |
| 31. | Asibona amaSirayeli isandla esikhulu asibonakalalisileyo uYehova kumaYiputa. Bamoyika, abantu uYehova, bakholwa nguYehova, nanguMoses umkhonzi wakhe. |
| ← Exodus (14/40) → |