| ← Exodus (12/40) → |
| 1. | Wathetha uYehova kuMoses nakuAron ezweni laseYiputa, wathi, |
| 2. | Le nyanga kuni iyintloko yeenyanga; kuni yeyokuqala ezinyangeni zomnyaka. |
| 3. | Thethani kwibandla lonke lakwaSirayeli, nithi, Ngolweshumi usuku kule nyanga elowo makazithabathele ixhwane, ngokwenzindlu zooyise, ixhwane ngendlu. |
| 4. | Ukuba ithe indlu yancinane exhwaneni, makathabathe ixhwane yena enommelwane wakhe okufuphi nendlu yakhe, ngokwenani labantu; elowo ngangokokudla kwakhe nombalela exhwaneni. |
| 5. | Ixhwane lenu malibe liduna eligqibeleleyo, elimnyaka mnye; nolithabatha ezigusheni nokuba kusezibhokhweni. |
| 6. | Nize niligcine kude kube lusuku lweshumi elinesine lwale nyanga, silixhele ke sonke isikhungu sebandla lakwaSirayeli lakutshona ilanga; |
| 7. | bacaphule egazini, baliqabe emigubasini yomibini nasemqadini wezindlu eliya kudlelwa kuzo ngabo; |
| 8. | bayidle inyama ngobo busuku, yosiwe ngomlilo, inezonka ezingenagwele, bayidle nemithana ekrakra. |
| 9. | Musani ukudla ndawo ikrwada kuyo, nandawo ikuphekwa iphekwe ngamanzi; mayosiwe ngomlilo: intloko yalo namanqina alo nezibilini zalo. |
| 10. | Nize ningasalisi ndawo yalo kude kuse; okuseleyo kulo kwada kwasa nokutshisa ngomlilo. |
| 11. | Nize nenjenje ukulidla; nodla nibhinqile, nineembadada ezinyaweni zenu, ninentonga esandleni senu, nilidle buphuthuphuthu: leyo yipasika kuYehova. |
| 12. | Ndiya kucanda ezweni laseYiputa ngobu busuku, ndibethe onke amazibulo ezweni laseYiputa, ndithabathele emntwini ndise enkomeni, ndenze izigwebo koothixo bonke baseYiputa, mna Yehova. |
| 13. | Igazi elo loba ngumqondiso kuni ezindlwini enikuzo. Ndolibona igazi, ndigqithe kuni, singabikho kuni isibetho esonakalisayo, ekulibetheni kwam ilizwe laseYiputa. |
| 14. | Le mini yoba sisikhumbuzo kuni, niyenze umthendeleko kuYehova; ezizukulwaneni zenu niyenze ummiselo ongunaphakade. |
| 15. | Nodla izonka ezingenagwele iintsuku zibe sixhenxe; kwangosuku lokuqala nolisusa igwele ezindlwini zenu; kuba bonke abadla isonka esinegwele, kususela kolokuqala kude kube lusuku lwesixhenxe, bonqanyulwa bangabikho kwaSirayeli. |
| 16. | Ngomhla wokuqala kobakho intlanganiso engcwele, nangomhla wesixhenxe kobakho intlanganiso engcwele kuni. Akuyi kwenziwa msebenzi ngawo, ingengulowo wokudla komntu; nguwo wodwa eningazenzelayo. |
| 17. | Nize nigcine umthendeleko wezonka ezingenagwele; kuba kanye ngayo loo mini ndayikhupha imikhosi yenu ezweni laseYiputa; niwugcine loo mhla kwizizukulwana zenu, ube ngummiselo ongunaphakade. |
| 18. | Ngeyokuqala inyanga, ngosuku lweshumi elinesine enyangeni leyo, ngokuhlwa, nodla izonka ezingenagwele, kude kuse kusuku lwamashumi omabini analunye lwenyanga leyo, ngokuhlwa. |
| 19. | Ze kungafunyanwa gwele ezindlwini zenu iintsuku ezisixhenxe; kuba bonke abadla into enegwele bonqanyulwa bangabikho ebandleni lakwaSirayeli, nokuba ngumphambukeli, nokuba ngozalelwe kuloo ndawo. |
| 20. | Yonke into enegwele nize ningayidli; emakhayeni enu onke nodla izonka ezingenagwele. |
| 21. | Wawabiza uMoses onke amadoda amakhulu akwaSirayeli, wathi kuwo, Hambani niye, nizithabathele ixhwane ngokwemizalwane yenu, nixhele ipasika. |
| 22. | Nithabathe isipha sehisope, nisithi nkxu egazini elisengqayini, niqabe emqadini nasemigubasini yomibini ngegazi elisengqayini; ke kuni ze kungaphumi mntu emnyango wendlu yakhe kude kuse. |
| 23. | UYehova uya kucanda, awabulale amaYiputa. Akulibona igazi emqadini nasemigubasini yomibini, wogqitha uYehova emnyango, angamvumeli umonakalisi ukuba angene ezindlwini zenu, abulale. |
| 24. | Woligcina elo zwi libe ngummiselo kuwe, nakoonyana bakho kude kuse ephakadeni. |
| 25. | Nothi, nakufika ezweni aya kuninika uYehova, njengoko watshoyo, niyigcine le nkonzo. |
| 26. | Kothi, xa bathe oonyana benu kuni, Iyintoni na le nkonzo kuni? |
| 27. | nithi ke, Ngumbingelelo wepasika kuYehova, owagqitha ezindlwini zoonyana bakaSirayeli eYiputa; ekubulaleni kwakhe amaYiputa, wazihlangula izindlu zethu. |
| 28. | Bathoba abantu, baqubuda. Bahamba oonyana bakaSirayeli, baya kwenza; njengoko uYehova wabawisela umthetho uMoses noAron, benjenjalo. |
| 29. | Kwathi ke phakathi kobusuku, uYehova wawabulala onke amazibulo ezweni laseYiputa, kwathabathela kowamazibulo kaFaro ohleliyo etroneni yakhe, kwasa kowamazibulo omthinjwa osentolongweni engumhadi, namazibulo onke eenkomo. |
| 30. | Wavuka uFaro ebusuku, yena nabakhonzi bakhe bonke, namaYiputa onke; kwabakho isikhalo esikhulu eYiputa; kuba akubangakho ndlu ingenamntu ufileyo. |
| 31. | Wabiza uMoses noAron ebusuku, wathi, Sukani niphume phakathi kwabantu bam, nina aba noonyana bakaSirayeli, nihambe niye kumkhonza uYehova, njengokutsho kwenu; |
| 32. | nempahla yenu emfutshane neenkomo zenu zithabatheni, njengoko natshoyo, nihambe; nam nindisikelele. |
| 33. | AmaYiputa ajokisa ukubandulula abantu ngobungxamo kwelo zwe; kuba abesithi, Sonke sesifile. |
| 34. | Abantu bayithabatha intlama yabo ingekabi nagwele, imikhumbi yabo yokuxovulela isongelwe ezingutyeni zabo, ibotshelelwe emagxeni abo. |
| 35. | Oonyana bakaSirayeli benza ngokwelizwi likaMoses; bacela kumaYiputa iimpahla zesilivere, neempahla zegolide, neengubo. |
| 36. | UYehova wabababala abantu phambi kwamaYiputa, abenza ukuba bacele. Bawaphanga ke amaYiputa. |
| 37. | Banduluka ke oonyana bakaSirayeli eRameses, baya eSukoti, amadoda eenyawo engathi akumakhulu omathandathu amawaka, ngaphandle kosapho. |
| 38. | Kwenyuka ke nabo inkitha engumxube, nempahla emfutshane, neenkomo, imfuyo eninzi kunene. |
| 39. | Bosa amaqebengwana angenagwele entlama, ababephume nayo eYiputa, kuba ibingenagwele; kuba bagxothwa eYiputa ababa nakulibala, kananjalo babengazenzelanga mphako. |
| 40. | Ke ukuhlala koonyana bakaSirayeli, abakuhlalayo eYiputa, yiminyaka emakhulu mane aneminyaka emanci mathathu. |
| 41. | Ekupheleni kweminyaka emakhulu mane, aneminyaka emanci mathathu, kwathi, kanye ngayo loo mini, yaphuma yonke imikhosi kaYehova ezweni laseYiputa. |
| 42. | Bubusuku obo bokugcina kukaYehova, kuba wabakhupha ezweni laseYiputa. Bubusuku bukaYehova obo bokugcinwa ngoonyana bakaSirayeli bonke, ezizukulwaneni zabo. |
| 43. | Wathi uYehova kuMoses nakuAron, Ummiselo wepasika ngulo: Bonke oonyana bolunye uhlanga abasayi kudla kuyo. |
| 44. | Onke amakhoboka, abantu abazuzwe ngemali, uze uwaluse, andule ke ukudla kuyo. |
| 45. | Olundwendwe nongumqeshwa akasayi kudla kuyo. |
| 46. | Yodlelwa ndlwini-nye; akusayi kusa nto yaloo nyama ngaphandle kwendlu, anisayi kwaphula thambo layo. |
| 47. | Lonke ibandla lakwaSirayeli loyenza loo nto. |
| 48. | Xa athe owasemzini waphambukela kuwe, wenza ipasika kuYehova, mayaluswe yonke into eyindoda kuye, andule ke ukusondela, ayenze, abe njengozalelwe kwelo zwe; bonke abangaluswanga abasayi kudla kuyo. |
| 49. | Woba mnye umyalelo, kozalelwe kwelo zwe, nakowasemzini ophambukele phakathi kwenu. |
| 50. | Benza ke bonke oonyana bakaSirayeli; njengoko uYehova wabawisela umthetho uMoses noAron, benjenjalo. |
| 51. | Kwathi, ngayo kanye loo mini, uYehova wabakhupha oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa ngokwemikhosi yabo. |
| ← Exodus (12/40) → |