| ← Exodus (11/40) → |
| 1. | UYehova wathi kuMoses, Ndisaya kufikisa sibetho sinye phezu koFaro naphezu kweYiputa, emveni koko wonindulula nimke apha; xa anindulula kuphele, uya kunigxotha kanye, nimke apha. |
| 2. | Khawuthethe ezindlebeni zabantu, ithi inkazana icele kummelwane wayo, indoda icele kummelwane wayo, iimpahla zesilivere neempahla zegolide. |
| 3. | UYehova wabababala abantu emehlweni amaYiputa. Kananjalo indoda leyo inguMoses yayinkulu kunene ezweni laseYiputa kubakhonzi bakaFaro nasebantwini. |
| 4. | Wathi uMoses, Utsho uYehova ukuthi, Xa kuphakathi kobusuku, ndiya kuphuma ndihambe phakathi kweYiputa, |
| 5. | afe onke amazibulo ezweni laseYiputa, ethabathela kumazibulo kaFaro, ohleliyo etroneni yakhe, ese kumazibulo omkhonzazana osemva kwamatye okusila, namazibulo onke eenkomo; |
| 6. | kubekho isikhalo esikhulu ezweni lonke laseYiputa, ekungazanga kubekho sinjalo, kwaye kungayi kuphinda kubekho sinjalo. |
| 7. | Ke kubo bonke oonyana bakaSirayeli, akukho nja iya kubavungamela, kuthabathela emntwini kuse ezinkomeni; ukuze nazi ukuba uYehova uyawahlula amaYiputa kumaSirayeli; |
| 8. | behle bonke abakhonzi bakho abo, beze kum, baqubude kum, besithi, Phuma wena nabantu bonke abakulandelayo; ndiphume ke emveni koko. Waza waphuma kuFaro, evutha ngumsindo. |
| 9. | UYehova wathi kuMoses, Akayi kuniphulaphula uFaro, ukuze zande izimanga zam ezweni laseYiputa. |
| 10. | UMoses noAron bazenza ke ezi zimanga zonke phambi koFaro; uYehova wayenza lukhuni intliziyo kaFaro, akabandulula oonyana bakaSirayeli ezweni lakhe. |
| ← Exodus (11/40) → |