| ← Exodus (10/40) → |
| 1. | Wathi uYehova kuMoses, Yiya kuFaro; kuba mna ndiyiqaqadekisile intliziyo yakhe, nentliziyo yabakhonzi bakhe, ukuze ndibonakalalise le miqondiso yam phakathi kwalo ilizwe; |
| 2. | ukuze ubalise, ezindlebeni zonyana wakho nezonyana wonyana wakho, izenzo ezincamisileyo endizenzileyo kumaYiputa, nemiqondiso yam endiyibonakalalisileyo phakathi kwawo, ukuze nazi ukuba ndinguYehova. |
| 3. | Waya uMoses noAron kuFaro, bathi kuye, Utsho uYehova, uThixo wamaHebhere, ukuthi, Kunini na ungavumi ukuzithoba phambi kwam? Bandulule abantu bam, baye kundikhonza. |
| 4. | Okanye ukuba uthe akwavuma ukubandulula abantu bam, uyabona, ngomso ndozisa iinkumbi emideni yakho; |
| 5. | zibugubungele ubuso belizwe, lingabi nakubonwa ilizwe, zidle intsalela esindileyo, enisalele esichothweni, zidle yonke imithi enihlumelayo endle; |
| 6. | zizalise izindlu zakho, nezindlu zabakhonzi bakho bonke, nezindlu zamaYiputa onke: iinkumbi ezingabonwanga ngooyihlo noonyokokhulu, kususela kwiimini ababekho ngazo emhlabeni, unanamhla. Wajika, waphuma kuFaro. |
| 7. | Bathi abakhonzi bakaFaro kuye, Koda kube nini na, lo engumgibe kuthi? Bandulule abantu, baye kukhonza uYehova uThixo wabo. Akukazi na, kuhleliwe nje, ukuba iYiputa iza kutshabalala? |
| 8. | Baza ooMoses noAron babuyiselwa kwakuFaro; wathi kubo, Hambani, niye kukhonza uYehova uThixo wenu; kuhamba oobani noobani ke? |
| 9. | Wathi uMoses, Siya kuhamba nolutsha neengwevu zakowethu, sihambe noonyana bethu neentombi zethu, nempahla yethu emfutshane neenkomo zethu; kuba kuthi ngumthendeleko kaYehova. |
| 10. | Wathi kubo, Makube njalo kambe; uYehova makabe nani, njengokuba ndinindulula nina nentsapho yenu. Khangelani, kukho ububi phambi kwenu. |
| 11. | Makungabi njalo; makuhambe nina bangamadoda, niye kukhonza uYehova; kuba nibe nifuna oko. Bagxothwa, baphuma ebusweni bukaFaro. |
| 12. | Wathi uYehova kuMoses, Yolula isandla sakho phezu kwelizwe laseYiputa, kuze iinkumbi, zinyuke kulo ilizwe laseYiputa, ziyidle yonke imifuno yelizwe eli, yonke into eshiywe sisichotho. |
| 13. | Wayolula uMoses intonga yakhe phezu kwelizwe laseYiputa, uYehova waqhuba umoya wasempumalanga kwelo lizwe yonke loo mini nobusuku bonke; kwakusa, umoya wasempumalanga wazithwala iinkumbi. |
| 14. | Zenyuka iinkumbi kulo lonke ilizwe laseYiputa; zeza zahlala emideni yonke yaseYiputa, zininzi kunene; ekungazanga phambi kwazo kubekho zinkumbi zingako, kwabe emva kwazo kungasayi kubakho zinjalo. |
| 15. | Zabugubungela ubuso belizwe lonke, laba mnyama ilizwe; zayidla yonke imifuno yelizwe neziqhamo zonke zemithi, ezazishiywe sisichotho; akwasala nanye into eluhlaza emthini nasemifunweni yasendle, ezweni lonke laseYiputa. |
| 16. | Wakhawuleza uFaro wabiza uMoses noAron, wathi, Ndonile kuYehova uThixo wenu nakuni. |
| 17. | Kaloku khanisixolele isono sam okwesi sihlandlo sodwa, nithandaze kuYehova uThixo wenu, akususe kum oku kufa kodwa. |
| 18. | Waphuma kuFaro, wathandaza kuYehova. |
| 19. | UYehova wawuguqula umoya, waba ngowasentshonalanga onamandla kunene, wazithwala iinkumbi, wazidiba eLwandle oluBomvu; akwasala nanye inkumbi, emideni yonke yaseYiputa. |
| 20. | Wayenza lukhuni uYehova intliziyo kaFaro, akabandulula oonyana bakaSirayeli. |
| 21. | Wathi uYehova kuMoses, Yolulela isandla sakho ezulwini, kubekho ubumnyama ezweni laseYiputa, ubumnyama obungqingqwa. |
| 22. | Wasolulela uMoses isandla sakhe ezulwini; kwabakho ubumnyama obusithokothoko ezweni lonke laseYiputa imihla emithathu. |
| 23. | Ababonana; akwasuka bani endaweni yakhe imihla emithathu; ke kubo bonke oonyana bakaSirayeli kwabakho ukukhanya emakhayeni abo. |
| 24. | UFaro wabiza uMoses, wathi, Hambani niye kukhonza uYehova; kodwa impahla yenu emfutshane neenkomo zenu mazisale; nayo intsapho yenu yohamba nani. |
| 25. | Wathi uMoses, Wena uze usinike imibingelelo namadini anyukayo ezandleni zethu, sibingelele kuYehova uThixo wethu; |
| 26. | nemfuyo yethu ihambe nathi; akuyi kusala nophuphu olunye; kuba sothabatha kuyo ukukhonza uYehova uThixo wethu; kuba thina asazi ukuba somkhonza ngantoni na uYehova, side sifike khona. |
| 27. | UYehova wayenza lukhuni intliziyo kaFaro, akavuma ukubandulula. |
| 28. | Wathi uFaro kuye, Hamba umke kum, uze uzigcine, ungaphindi ububone ubuso bam; kuba mhlana ububonileyo ubuso bam uya kufa. |
| 29. | Wathi uMoses, Utyaphile utsho; andisayi kuphinda ndibubone ubuso bakho. |
| ← Exodus (10/40) → |