Exodus (1/40) → |
1. | Ngawo la ke amagama oonyana bakaSirayeli, ababefike eYiputa noYakobi; beza elowo nendlu yakhe: |
2. | uRubhen, uSimon, uLevi noYuda; |
3. | uIsakare, uZebhulon noBhenjamin; |
4. | uDan noNafetali, uGadi noAshere. |
5. | Iyonke imiphefumlo eyaphumayo esinqeni sikaYakobi yayiyimiphefumlo emashumi asixhenxe; uYosefu yena ubeseleseYiputa. |
6. | Wafa ke uYosefu nabazalwana bakhe bonke, neso sizukulwana sonke. |
7. | Oonyana bakaSirayeli baqhama, banyakazela, banda, baba namandla kakhulu kunene; lazala ilizwe ngabo. |
8. | Kwavela ukumkani omtsha phezu kweYiputa, owayengamazi uYosefu. |
9. | Wathi ebantwini bakhe, Yabonani, abantu oonyana bakaSirayeli baninzi, banamandla kunathi. |
10. | Yizani sibalumkise, hleze bande; bathi, xenikweni kuthe kwehla imfazwe, bathelele nabo kwiintshaba zethu, balwe nathi, banyuke baphume ezweni. |
11. | Bamisa ke phezu kwabo abathetheli bokubafaka uviko, ukuze babacinezele ngemithwalo yabo. Bamakhela ke uFaro imizi enoovimba, iPitom neRameses. |
12. | Okukhona babacinezelayo, kokukhona bandayo, kokukhona baphangalalayo; bakruquka ngabo oonyana bakaSirayeli. |
13. | AmaYiputa ke abakhonzisa oonyana bakaSirayeli ngokutyumzayo; |
14. | abenza bakrakra ubomi babo ngomsebenzi olukhuni, ngodaka nangezitena, nangeentlobo zonke zomsebenzi wasendle; yonke imisebenzi abasetyenziswa yona yayiyetyumzayo. |
15. | Ke kaloku ukumkani waseYiputa wathetha kubazalisikazi abangamaHebherekazi, igama lomnye linguShifra, igama lomnye linguPuwa; |
16. | wathi, Ekuzaliseni kwenu amaHebherekazi, khangelani xa azalayo: ukuba ithe yayinkwenkwe, noyibulala; ukuba ithe yayintombi, yodla ubomi. |
17. | Abazalisikazi boyika uThixo, abenza ngoko wathetha ngako kubo ukumkani waseYiputa, bawasindisa amakhwenkwe. |
18. | Wababiza ukumkani waseYiputa abazalisikazi, wathi kubo, Kungani na ukuba nenze le nto yokuwasindisa amakhwenkwe? |
19. | Bathi abazalisikazi kuFaro, AmaHebherekazi akanjengabafazi bamaYiputa, kuba omelele; azala engekangeni kuwo umzalisikazi. |
20. | Ngoko uThixo wabenzela okulungileyo abazalisikazi. Banda abantu, banamandla kakhulu. |
21. | Kwathi, kuba abazalisikazi babemoyika uThixo, wazisikelela izindlu zabo. |
22. | UFaro wabawisela umthetho abantu bakhe bonke, wathi, Bonke oonyana abathe bazalwa, baphoseni emlanjeni; ke zonke iintombi zisindiseni. |
Exodus (1/40) → |