Esther (1/10) → |
1. | Ke kaloku kwathi ngemihla ka-Ahaswerosi (lo Ahaswerosi ke ubengukumkani, ethabathela eIndiya, wezisa kwaKushi: kumazwe alikhulu elinamanci mabini anesixhenxe), |
2. | ngaloo mihla, xa wayehleli ukumkani uAhaswerosi etroneni yobukumkani bakhe, eseShushan komkhulu, |
3. | ngomnyaka wesithathu wobukumkani bakhe, wabenzela isidlo bonke abathetheli bakhe nabakhonzi bakhe; xa impi yamaPersi neyamaMedi, amawaba nabathetheli bamazwe, bebephambi kwakhe; |
4. | akubonÂ’ ukuba ubonisa abantu ubutyebi obuzukileyo bobukumkani bakhe, nesihombo esinqabileyo sobukhulu bakhe imihla emininzi, imihla elikhulu elinamanci asibhozo. |
5. | Ekuzalisekeni kwaloo mihla, ukumkani wabenzela isidlo bonke abantu abafumaneka eShushan komkhulu, kwathabathela kwabakhulu, kwesa kwabancinane, imihla yasixhenxe, entendelezweni yomyezo wendlu yokumkani. |
6. | Amalengalenga ayengawelinen emhlophe, necikizekileyo, nemsi, ebotshwe ngeentsontelo zelinen ecikizekileyo nemfusa kumakhonkco esilivere, nakwiintsika zemarmore emhlophe; izingqengqelo izezegolide nezesilivere, phezu kombekelelo wamatye aluhlaza, namhlophe, naziiperile, namnyama. |
7. | Kwaye kuselwa ngeempahla zegolide, ziziimpahla ngeempahla; ininzi iwayini yakomkhulu ngokwamandla okumkani. |
8. | Ukusela kwaye kungokomthetho kungekho unyanzelayo: kuba wenjenjalo ukumkani ukumisela zonke izikhulu zendlu yakhe, ukuba enze elowo nalowo ngokuzithandela kwakhe. |
9. | Kananjalo uVashti ukumkanikazi wenzela abafazi isidlo endlwini yakomkhulu, ebiyekakumkani uAhaswerosi. |
10. | Ngomhla wesixhenxe, xa intliziyo yokumkani yayimnandi yiwayini, wabayalela ooMehuman, noBhizeta, noHarbhona, noBhigeta, noAbhageta, noZetare, noKarkasi, ababusi abasixhenxe abalungiselelayo ebusweni bokumkani, wathi, |
11. | mabamzise uVashti ukumkanikazi phambi kokumkani enonkontsho lobukumkanikazi, ukuba abonise abantu nabathetheli ubuhle bakhe; ngokuba ebeyinzwakazi, imbonakalo yakhe. |
12. | Akavumanga ukumkanikazi uVashti ukuza ngelizwi lokumkani ngababusi abo. |
13. | Waba noburhalarhume obukhulu ukumkani, bavutha ubushushu bakhe kuye. |
14. | Wathi ke ukumkani kwizilumko eziwaziyo amaxesha (ngokuba ibisenjiwa njalo into yokumkani phambi kwabo bonke abawaziyo umthetho nesiko; ababekufuphi kuye, ooKarshena, noShetare, noAdemata, noTarshishe, noMeres, noMarsena, noMemukan, abathetheli abasixhenxe bamaPersi namaMedi, ababebubona ubuso bokumkani, ababehlala ezihlalweni zobukhulu ebukumkanini), wathi, |
15. | Ngokomthetho angenziwa ntoni na ukumkanikazi uVashti, ngenxa yokuba engalenzanga ilizwi lokumkani uAhaswerosi ngababusi? |
16. | Wathi uMemukan phambi kokumkani nabathetheli, UVashti ukumkanikazi akaphosise kukumkani yedwa; uphosise nakubathetheli bonke, nakwizizwe zonke ezisemazweni onke okumkani uAhaswerosi. |
17. | Kuba le ndawo yokumkanikazi iya kuphuma, ifikelele kubafazi bonke, adeleke amadoda abo emehlweni abo, xa kuthiwa, Ukumkani uAhaswerosi wathi makeziswe uVashti ukumkanikazi phambi kwakhe, akeza. |
18. | Kananjalo amakhosikazi asePersi naseMedi ayivayo le nto yokumkanikazi, aya kuyixela kwanamhlanje kubathetheli bonke bokumkani, kwande ke ukudela noburhalarhume. |
19. | Ukuba kuthe kwalunga kukumkani, makuphume ilizwi lokumkani ebusweni bakhe, libhalwe emithethweni yamaPersi namaMedi, ukuze lingatshitshi, lokuba uVashti angabi seza phambi kokumkani uAhaswerosi, ukumkani abunikele ubukumkanikazi bakhe kuwabo olungileyo kunaye. |
20. | Wothi ke wakuvakala umthetho wokumkani, aya kuwenza ebukumkanini bakhe bonke (ngokuba bukhulu), bonke abafazi bawabeke amadoda abo, kuthabathele kwenkulu, kuse kwencinane. |
21. | Ilizwi elo lalunga emehlweni okumkani nabathetheli. Wenza ke ukumkani ngokwelizwi likaMemukan. |
22. | Wathumela iincwadi emazweni onke kakumkani, kwilizwe ngelizwe, njengokubhala kwalo, kwizizwe ngezizwe ngokweentetho zazo, okokuba amadoda onke alawule ezindlwini zawo, athethe ngentetho yakowawo. |
Esther (1/10) → |