| ← Ephesians (4/6) → |
| 1. | Ndiyanivuselela ngoko, mna mbanjwa waseNkosini, ukuba nihambe ngokulufaneleyo ubizo enabizwa ngalo, |
| 2. | ninako konke ukuthobeka kwentliziyo nobulali, ninokuzeka kade umsindo, ninyamezelana, nisenziwa luthando, |
| 3. | nikhuthalele ukubugcina ubunye boMoya ngentambo yoxolo. |
| 4. | Mnye umzimba, mnye noMoya, njengokuba nabizwayo nokubizwa, naba nathemba linye lobizo lwenu. |
| 5. | Inye iNkosi, lunye ukholo, lunye ubhaptizo, |
| 6. | mnye uThixo, uYise wabo bonke, ophezu kwabo bonke, okubo bonke, ophakathi kwenu nonke. |
| 7. | Ke elowo kuthi wababalwa ngokomlinganiso wokupha kukaKristu. |
| 8. | Kungoko athi, Enyuke waya enyangweni, wathimba intimbo, Wabapha izipho abantu. |
| 9. | Oko ke kuthi, wenyuka, kuyintoni na, kungekwakukuthi, wehla nokuhla kuqala, waya kwezona ziseza ntsi iindawo zomhlaba? |
| 10. | Owehlayo ikwangulowo wenyukayo, waya ngaphezu kwawo onke amazulu, ukuze azalise zonke izinto. |
| 11. | Waza kwayena wabapha abanye ukuba babe ngabapostile, abanye babe ngabaprofeti, abanye babe ngabashumayeli beendaba ezilungileyo, abanye babe ngabalusi nabafundisi, |
| 12. | ukuze abangcwele basulungekiselwe umsebenzi wolungiselelo, ukwakhiwa ke komzimba kaKristu; |
| 13. | side thina sonke sifike kubo ubunye benkolo, nobokumazi okuzeleyo uNyana kaThixo, ebudodeni obupheleleyo, emlinganisweni wobukhulu bokuzala kukaKristu; |
| 14. | ukuze singabi saba ziintsana, silatyuzwa, siphetshethwa ngumoya wonke wemfundiso, ngokunyanga kwabantu, ngobuqhetseba obusemaqhingeni olahlekiso; |
| 15. | sithi ke, sinyanisekile eluthandweni, sikhulele, ngeendawo zonke, kuye lo uyintloko, uKristu; |
| 16. | ekuphuma kuye ukuthi, umzimba wonke uhlangane kakuhle, ubandakanywe ngako konke ukuxhomekelelana kwamalungu okuluncedo, okusebenza ngomlinganiso weendawo zonke ngazinye, ukhulise umzimba, use ekuzakheni ngothando. |
| 17. | Ke ngoko, oku ndiyakuthetha ndikungqine ndiseNkosini, ukuthi, maningabi sahamba njengoko zihamba ngako nezinye iintlanga, ngamampunge engqiqo yazo, |
| 18. | zenziwe mnyama iingqondo, zingazani nobomi bukaThixo ngenxa yokungazi okukuzo, ngenxa yokuqaqadeka kwentliziyo yazo; |
| 19. | abathe bona, bengasaziva, bazinikela eburheletyweni, ukuze basebenze ukungcola konke, bebawa. |
| 20. | Ke nina animfundanga ngokunjalo uKristu, |
| 21. | ukuba kambe ningaba nimvile, nafundiswa nikuye, njengoko inyaniso ikuye uYesu; |
| 22. | yokuba nithi ngakwihambo yangaphambili nimlahle umntu omdala, owonakaliswayo ngokokweenkanuko zokulukuhla; |
| 23. | nihlaziywe ke kuwo umoya wengqiqo yenu, |
| 24. | nimambathe umntu omtsha, othe ngokukaThixo wadalelwa ebulungiseni, nasebungcweleni benyaniso. |
| 25. | Kungoko ke ndithi, lahlani ubuxoki, thethani inyaniso elowo nommelwane wakhe; ngokuba singamalungu, omnye elelomnye. |
| 26. | Qumbani, ningoni; ilanga malingade litshone nicaphukile; |
| 27. | kananjalo musani ukumkhwelela indawo uMtyholi lo. |
| 28. | Lowo ubayo makangabi seba; kanye ke makabulaleke esebenza okulungileyo ngezandla zakhe, ukuze abe nako ukwabela osweleyo. |
| 29. | Makungaphumi nanye intetho ebolileyo emlonyeni wenu; mayibe yesukuba ilungele ukuxuma oko kuluncedo, ukuze ibabale abevayo. |
| 30. | Kanjalo musani ukumenza buhlungu uMoya oyiNgcwele kaThixo, enathi kuye natywinwa, naqiniselelwa imini yentlawulelo. |
| 31. | Mabukhweleliswe kuni bonke ubukrakra, nomsindo, nengqumbo, nengcolo, nonyeliso, ndawonye nolunya lonke. |
| 32. | Ke nina yibani nobubele omnye komnye, nibe nemfesane kakhulu, nixolelane, njengokuba naye uThixo wanixolelayo ekuKristu. |
| ← Ephesians (4/6) → |