| ← Ephesians (2/6) → |
| 1. | Nani unidlise ubomi, nifile nje ziziphoso na zizono; |
| 2. | enanifudula nihamba kuzo ngokwesimo seli hlabathi, ngokomphathi wegunya lesibhakabhaka, womoya lo usebenzayo ngoku kubo abangevayo; |
| 3. | esasifudula nathi sonke sihleli phakathi kwabo ezinkanukweni zenyama yethu, sisenza ukuthanda kwenyama nokwengcinga, saye ngemvelo sikwangabantwana bengqumbo, njengabanye abo. |
| 4. | Ke uThixo, esisityebi nje ngenceba, uthe ngenxa yothando lwakhe olukhulu, awasithanda ngalo, |
| 5. | thina sifile nje ziziphoso, wasidlisa ubomi ndawonye noKristu (nisindiswe ngokubabalwa), |
| 6. | wasivusa naye, wasihlalisa naye kwezasemazulwini iindawo, sikuKristu Yesu; |
| 7. | ukuze ubutyebi obuncamisileyo bobabalo lwakhe abubonakalalise emaphakadeni azayo, ngokusenzela ububele ngoKristu Yesu. |
| 8. | Kuba nisindiswe ngokubabalwa nangalo ukholo; nako oko kungaphumi kuni, kusisipho sikaThixo; |
| 9. | akuphumi misebenzini, hleze kubekho bani uqhayisayo. |
| 10. | Kuba thina singumsebenzi wakhe, sidalelwe kuKristu Yesu, ukuze senze imisebenzi elungileyo, awayilungisayo uThixo ngenxa engaphambili, ukuze sihambe kuyo. |
| 11. | Ngoko ndithi, Khumbulani ukuba nina, enibe nifudule niziintlanga ngokwenyama, kusithiwa ningabangalukileyo, ngabo kuthiwa ngabolwaluko olwenziwe ngezandla enyameni: |
| 12. | okokuba ngelo xesha nibe ningenaKristu, ningazani nawo umzi wakwaSirayeli, ningabasemzini kuyo iminqophiso yalo idinga, ningenathemba, ningenaThixo ehlabathini. |
| 13. | Ke ngoku ngoKristu Yesu, nina, enibe nifudula nikude, nithe naba kufuphi ngalo igazi likaKristu. |
| 14. | Kuba nguye oluxolo lwethu, yena uthe izinto zombini wazenza zaba nye, waluchitha ke udonga lothango oluphakathi, ubumpi ke obo, |
| 15. | akuba ewubhangisile, esenyameni yakhe, umyalelo wemithetho esemimiselweni; ukuze abo babini abadalele kuye ngokwakhe, babe mntu mnye, mtsha, esenza ke uxolo; |
| 16. | nokuze abaxolelanise noThixo abo babini, babe mzimba mnye ngawo umnqamlezo, ebubulalele kuwo ubumpi obo. |
| 17. | Weza ke washumayela iindaba ezilungileyo zoxolo kuni abo bakude, nakwabakufuphi; |
| 18. | ngokuba kungaye ukungeniswa kwethu sobabini, siMoya mnye kuye uYise. |
| 19. | Ngoko ke anisengabasemzini nabaphambukeli; ningamakhaya kubo abangcwele, ningabendlu kaThixo, |
| 20. | nakhelwe phezu kwelitye lesiseko sabapostile nabaprofeti, inguYesu Kristu ngokwakhe ilitye lembombo; |
| 21. | esithi kuye sonke isakhiwo, sihlangene kakuhle, sikhule, sibe yitempile engcwele eNkosini; |
| 22. | enithi nani nakhelwe ndawonye kuye, ukuze nibe yindawo yokuhlala kaThixo ngaye uMoya. |
| ← Ephesians (2/6) → |