| Ephesians (1/6) → |
| 1. | UPawulos, umpostile kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo, ubhalela abangcwele abase-Efese, abakholwayo kuKristu Yesu; |
| 2. | athi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu. |
| 3. | Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, lowo wasisikelelayo ngeentsikelelo zonke zoMoya kwezasemazulwini iindawo, sikuKristu; |
| 4. | njengokuba wathi, ngaphambi kokusekwa kwehlabathi, wasinyulela kuye, ukuba sibe ngcwele, singabi nasiphako phambi kwakhe; |
| 5. | othe ngokusithanda wasimisela ngenxa engaphambili, ukuba senziwe oonyana kuye ngokwakhe ngoYesu Kristu, ngokwenkolelo yokuthanda kwakhe, |
| 6. | ukuze kudunyiswe uzuko lobabalo lwakhe, awasibabala ngalo sikuye Othandiweyo; |
| 7. | esinayo sikuye inkululeko ngokuhlawulelwa ngegazi lakhe, ukuxolelwa ke kweziphoso zethu, ngokobutyebi bobabalo lwakhe; |
| 8. | awaluphuphumisela kuthi, lunabo bonke ubulumko nokuqonda; |
| 9. | esazisile imfihlelo yokuthanda kwakhe ngokwenkolelo yakhe, awayimisayo ngokwakhe, |
| 10. | ebhekise ekuhleleni aya kuhlela ngako, akuzaliseka amaxesha, ukuba azihlanganisele zonke izinto kuye uKristu, ezisemazulwini kwanezisemhlabeni; |
| 11. | ewe, kuye lo sithe sikuye sadla ilifa; simisiwe ngenxa engaphambili ngokwengqibo yozisebenzayo zonke ezo nto ngokwecebo lokuthanda kwakhe; |
| 12. | ukuze sibe ngabokudumisa uzuko lwakhe, thina aba sathi ngenxa engaphambili sathembela kuye uKristu; |
| 13. | enithe, nikuye nani, nakuliva ilizwi lenyaniso, iindaba ezi zilungileyo zokusindiswa kwenu-enithe, nakukholwa nokukholwa kuye, natywinwa naqiniselwa ngaye uMoya oyiNgcwele wedinga, |
| 14. | osisinyaniso selifa lethu, ukude kugqibelele ukukhululeka ngentlawulelo kwabo baziinqobo kuye, ukuba kudunyiswe uzuko lwakhe. |
| 15. | Ngenxa yoko nam, ndakuba ndikuvile okwenu ukukholwa yiNkosi uYesu, nokubathanda kwenu bonke abangcwele, |
| 16. | andiphezi ukubulela ngenxa yenu, ndinikhumbula emithandazweni yam, |
| 17. | ukuba uThixo weNkosi yethu uYesu Kristu, uYise wozuko, aninike umoya wobulumko wokunityhilela, nimazi kakuhle; |
| 18. | nikhanyiselwe amehlo engqondo, ukuze nilazi into eliyiyo ithemba lobizo lwakhe, nento obuyiyo ubutyebi bobuqaqawuli belifa lakhe phakathi kwabo abangcwele; |
| 19. | nento obuyiyo ubukhulu obuncamisileyo bamandla akhe abhekisele kuthi, thina bakholwayo, angokokusebenza kokuqinisela kokomelela kwakhe, |
| 20. | awakusebenza kuye uKristu, ekumvuseni kwakhe kwabafileyo; waza wamhlalisa ngasekunene kwakhe kwezasemazulwini iindawo, |
| 21. | ngaphezu kwalo lonke ulawulo, negunya, namandla, nobukhosi, nalo lonke igama elikhankanywayo, kungekhona kweli phakade lodwa, kunakwelo lizayo. |
| 22. | Waza izinto zonke wazithobela phantsi kweenyawo zakhe, wammisa ukuba abe yintloko phezu kweento zonke kulo ibandla, |
| 23. | lona lingumzimba wakhe, ukuzala ke oko kozizalisayo izinto zonke ngako konke. |
| Ephesians (1/6) → |