| ← Ecclesiastes (7/12) → |
| 1. | Igama elilungileyo lingaphezulu nakwioli elungileyo; ulungile umhla wokufa ngaphezu komhla wokuzalwa komntu. |
| 2. | Kulungile ukuya endlwini yesijwili kunokuya endlwini yemigidi; kuba oko kukuphela kwabantu bonke, aze ophilileyo akunyamekele ngentliziyo oko. |
| 3. | Kulungile ukuba nosizi ngaphezu kokuhleka; ngokuba intliziyo iyalunga bububi bobuso. |
| 4. | Intliziyo yezilumko isendlwini yesijwili; ke intliziyo yezidenge isendlwini yovuyo. |
| 5. | Kulungile ukuva ukukhalimela kwesilumko, kunokuba umntu eve ingoma yezidenge. |
| 6. | Ngokuba njengokuqhuqhumba kwevaba ngaphantsi kwembiza, kunjalo ukuhleka kwesidenge; naloo nto ingamampunge. |
| 7. | Ngokuba ukucudisa kugezisa isilumko, siyitshabalalise intliziyo isicengo. |
| 8. | Kulungile ukugqitywa kwendawo, ngaphezu kokuqalwa kwayo; ulungile umoya ozeka kade umsindo, kunomoya ozidlayo. |
| 9. | Musa ukukungxamela ukuqumba ngomoya wakho, ngokuba ingqumbo ilala esifubeni sezidenge. |
| 10. | Musa ukuthi, Ibiyini na, le nto imihla yamandulo ibilungile ngaphezu kwale? ngokuba akuthabatheli ebulumkweni ukuyibuza loo nto. |
| 11. | Bulungile ubulumko, bunelifa, bulilungelo kwabalibonayo ilanga. |
| 12. | Ngokuba ubulumko bungumthunzi, imali ingumthunzi; ke ukugqithisela kokwazi, kukuba ubulumko buyabasindisa abo banabo. |
| 13. | Wukhangele umsebenzi kaThixo; ngokuba ngubani na onokolula into ayenze yagoso? |
| 14. | Ngomhla wentsikelelo chwayitha, nangomhla wobubi qonda kakuhle, ukuba nalo, kwanjengalowa, wenziwe nguThixo, ngenxa enokuba umntu engafumani nto emva kwakhe. |
| 15. | Le nto yonke ndiyibonile ngemihla yam engamampunge: kubakho ilungisa elitshabalalayo noko linobulungisa, kubekho ongendawo ophila ixesha elide, noko angendawo. |
| 16. | Musa ukuba lilungisa ngokukhulu, ungabi sisilumko ngokugqithiseleyo; yini na ukuba uziphanzise? |
| 17. | Musa ukuba ngongendawo ngokukhulu, ungazenzi isidenge; yini na ukuba ufe lingekabi lixesha lakho? |
| 18. | Kulungile ukuba ubambelele kule nto nakuleya, ungasiphumzi isandla sakho; ngokuba owoyika uThixo uphumelela kuzo zonke ziphela. |
| 19. | Ubulumko buyasiqinisa isilumko, ngaphezu kweshumi labanegunya abakulo mzi. |
| 20. | Ngokuba akukho mntu ulilungisa ehlabathini, wenza okulungileyo, angoni. |
| 21. | Kananjalo musa ukuyinikela intliziyo yakho kumazwi onke athethwayo, ukuze ungevi umkhonzi wakho, eselekutshabhisa; |
| 22. | ngokuba intliziyo yakho nayo iyazi izihlandlo ezininzi, ukuba uyabatshabhisa abanye nawe. |
| 23. | Ezo zinto zonke ndizilingile ngobulumko; ndathi ndiya kulumka; ke bona baba kude kum. |
| 24. | Hayi, ukuba kude kwezinto ezikhoyo, zinzulu kakhulu; ngubani na oya kuzifumana? |
| 25. | Ndajika ke mna, ndanentliziyo enga ingazi, ingasingasinga, ifume ubulumko nesigqibo seengcinga; enga ingakwazi okungendawo ukuba kukunyaba, nokumatha ukuba kukugeza. |
| 26. | Ndayifumana ikrakra ngaphezu kokufa, inkazana eyiyimigibe iphela, ezizibatha intliziyo yayo, ezandla zingamakhamandela olungileyo phambi koThixo uya kusinda kuyo, ke yena umoni uya kubanjiswa yiyo. |
| 27. | Yabona into endiyifumeneyo, itsho iNtshumayeli, ndihloma enye kwenye, ukuba ndifumane isigqibo seengcinga; |
| 28. | obumana ukuyifuna umphefumlo wam, ndingayifumani, nantsi: indoda enye ewakeni ndiyifumene, ke yona inkazana kulo lonke andiyifumananga. |
| 29. | Yabona, le nto yodwa ndiyifumene, yokuba uThixo wamenza umntu wathi tye; ke bona bafune ubuqili obuninzi. |
| ← Ecclesiastes (7/12) → |