| ← Ecclesiastes (6/12) → |
| 1. | Kukho ububi endibubonileyo phantsi kwelanga, buninzi ke phezu komntu: |
| 2. | yindoda uThixo ayinike ubutyebi, nokuqweba, nozuko, ungasweli umphefumlo wayo nanye into engayinqwenelayo, aze uThixo angayiphi amandla okuyidla; ngokuba idliwa yenye indoda. Ngamampunge lawo, sisifo esibi eso. |
| 3. | Ukuba umntu uthe wazala ikhulu labantwana, wadla ubomi iminyaka emininzi, yamininzi imihla yeminyaka yakhe, umphefumlo wakhe awahlutha zizinto ezilungileyo, kananjalo akaba nangcwaba: ndithi mna, imvambilini ilungile kunaye. |
| 4. | Ngokuba ifike ingamampunge, imka kumnyama, igama layo ligutyungelwe bubumnyama; |
| 5. | kananjalo ayilibonanga ilanga, ayilazanga; le yona ilungile kunomntu lowo. |
| 6. | Nokuba ebeya kudla ubomi iwaka leminyaka kude kube kabini, angakuboni okulungileyo, ayiyi ndaweni-nye na yonke loo nto? |
| 7. | Yonke imigudu yomntu uyenzela umlomo wakhe: ukanti umphefumlo awuzali. |
| 8. | Ngokuba isilumko sisigqitha ngantoni na isidenge? Usigqitha ngantoni na olusizana, okwaziyo ukuhamba phambi kwabaphilileyo? |
| 9. | Kulungile ukubona kwamehlo ngaphezu kokuhambahamba komphefumlo. Kwanaloo nto ingamampunge nokusukelana nomoya. |
| 10. | Loo nto iselikho, yabe iselithiywe kade igama layo; yaziwa into aya kuba yiyo umntu; akanakumelana nalowo unokumeyisa. |
| 11. | Ngokuba kukho amazwi amaninzi nje, andisa amampunge; umntu unalungelo lini na ngaloo nto? |
| 12. | Ngokuba ngubani na owaziyo okumlungeleyo umntu ebomini, ngangenani lemihla yobomi bakhe obungamampunge, ayigqiba njengesithunzi? Ngokuba ngubani na onokumxelela umntu into eya kubakho emva kwakhe phantsi kwelanga? |
| ← Ecclesiastes (6/12) → |