Ecclesiastes (5/12)  

1. Gcina unyawo lwakho xeshikweni uya endlwini kaThixo; ukusondela ukuba uve, kungaphezu kokunikela kwezidenge imibingelelo; ngokuba ukungazi kwazo kwenza izinto ezimbi.
2. Musa ukungxama ngomlomo wakho, intliziyo yakho ingaphangi ikhuphe ilizwi phambi koThixo; ngokuba uThixo usemazulwini, ke wena usehlabathini; ngenxa yoko amazwi akho makabe mancinane.
3. Ngokuba ukuphupha kuza ngobuninzi bemicimbi, nezwi lesidenge liza ngobuninzi bentetho.
4. Xeshikweni uthe wabhambathisa isibhambathiso kuThixo, musa ukuzekelela ukusizalisa; ngokuba azinanzwa izidenge; loo nto uyibhambathisileyo yizalise.
5. Kulungile ukuba ungabhambathisi, kunokuba ubhambathise ungazalisi.
6. Musa ukuwuvumela umlomo wakho, ukuba uyonise inyama yakho; ungatsho phambi komthunywa kaThixo ukuthi ibikukulahleka. Yini na ukuba uThixo abe noburhalarhume ngezwi lakho asonakalise isenzo sezandla zakho?
7. Ngokuba ebuninzini bamaphupha namazwi, maninzi amampunge; ke yoyika uThixo.
8. Ukuba uthe wakubona ukucudiswa kwehlwempu, nokuhluthwa kokusesikweni nobulungisa elizweni, musa ukumangaliswa yiloo nto; ngokuba oyena uphakamileyo ukhangele phezu kophakamileyo; kukho abaphakamileyo naphezu kwabo.
9. Ilungelo lelizwe entweni yonke ngukumkani onyamekela umhlaba.
10. Othanda isilivere akaneliswa yisilivere; nalowo uthanda intabalala, akangenelwa nto. Kwanaloo nto ingamampunge.
11. Ekwandeni kwezinto ezilungileyo bayanda abazidlayo zona, abe umninizo enempumelelo eyini na, ingekuko ukwanela ukuzibona ngamehlo?
12. Bumnandi ubuthongo bosebenzayo, nokuba incinane, nokuba ininzi into ayidlayo; ke intabalala yesityebi ayisivumeli ukuba silale buthongo.
13. Kukho ububi obusisifo, endibubonileyo phantsi kwelanga; ukuthi ubutyebi obugcinelwe umninibo, bube nobubi kuye;
14. obo butyebi butshabalala ngento embi; uzala unyana, engenayo nento esandleni sakhe.
15. Njengokuba waphuma esizalweni sonina eze, uya kubuya emke njengoko weza enjalo, angathabathi nento ngemigudu yakhe, angayiphathayo ngesandla sakhe.
16. Kwanale nto bububi obusisifo, ukuba eya kumka kanye kwanjengoko weza ngako: unalungelo lini na ke owaphukela umoya?
17. Kananjalo iimini zakhe zonke uzidlela emnyameni, enengqumbo enkulu, nesifo, noburhalarhume.
18. Nantsi into endiyibonileyo mna, ilungile, intle: into yokuthi umntu adle, asele, abone okulungileyo ngemigudu yakhe yonke aphuka yiyo phantsi kwelanga, ngokwenani lemihla yobomi bakhe amnikileyo uThixo; ngokuba kusisabelo sakhe oko.
19. Kananjalo wonke umntu, athe uThixo wamnika ubutyebi nokuqweba, wamnika negunya lokudla kubo, athabathe isabelo sakhe, avuye emigudwini yakhe: sisipho sikaThixo eso.
20. Ngokuba akayikhumbuli kakhulu imihla yobomi bakhe; ngokuba uThixo eluphendula uvuyo lwentliziyo yakhe.

  Ecclesiastes (5/12)