| ← Ecclesiastes (5/12) → |
| 1. | Gcina unyawo lwakho xeshikweni uya endlwini kaThixo; ukusondela ukuba uve, kungaphezu kokunikela kwezidenge imibingelelo; ngokuba ukungazi kwazo kwenza izinto ezimbi. |
| 2. | Musa ukungxama ngomlomo wakho, intliziyo yakho ingaphangi ikhuphe ilizwi phambi koThixo; ngokuba uThixo usemazulwini, ke wena usehlabathini; ngenxa yoko amazwi akho makabe mancinane. |
| 3. | Ngokuba ukuphupha kuza ngobuninzi bemicimbi, nezwi lesidenge liza ngobuninzi bentetho. |
| 4. | Xeshikweni uthe wabhambathisa isibhambathiso kuThixo, musa ukuzekelela ukusizalisa; ngokuba azinanzwa izidenge; loo nto uyibhambathisileyo yizalise. |
| 5. | Kulungile ukuba ungabhambathisi, kunokuba ubhambathise ungazalisi. |
| 6. | Musa ukuwuvumela umlomo wakho, ukuba uyonise inyama yakho; ungatsho phambi komthunywa kaThixo ukuthi ibikukulahleka. Yini na ukuba uThixo abe noburhalarhume ngezwi lakho asonakalise isenzo sezandla zakho? |
| 7. | Ngokuba ebuninzini bamaphupha namazwi, maninzi amampunge; ke yoyika uThixo. |
| 8. | Ukuba uthe wakubona ukucudiswa kwehlwempu, nokuhluthwa kokusesikweni nobulungisa elizweni, musa ukumangaliswa yiloo nto; ngokuba oyena uphakamileyo ukhangele phezu kophakamileyo; kukho abaphakamileyo naphezu kwabo. |
| 9. | Ilungelo lelizwe entweni yonke ngukumkani onyamekela umhlaba. |
| 10. | Othanda isilivere akaneliswa yisilivere; nalowo uthanda intabalala, akangenelwa nto. Kwanaloo nto ingamampunge. |
| 11. | Ekwandeni kwezinto ezilungileyo bayanda abazidlayo zona, abe umninizo enempumelelo eyini na, ingekuko ukwanela ukuzibona ngamehlo? |
| 12. | Bumnandi ubuthongo bosebenzayo, nokuba incinane, nokuba ininzi into ayidlayo; ke intabalala yesityebi ayisivumeli ukuba silale buthongo. |
| 13. | Kukho ububi obusisifo, endibubonileyo phantsi kwelanga; ukuthi ubutyebi obugcinelwe umninibo, bube nobubi kuye; |
| 14. | obo butyebi butshabalala ngento embi; uzala unyana, engenayo nento esandleni sakhe. |
| 15. | Njengokuba waphuma esizalweni sonina eze, uya kubuya emke njengoko weza enjalo, angathabathi nento ngemigudu yakhe, angayiphathayo ngesandla sakhe. |
| 16. | Kwanale nto bububi obusisifo, ukuba eya kumka kanye kwanjengoko weza ngako: unalungelo lini na ke owaphukela umoya? |
| 17. | Kananjalo iimini zakhe zonke uzidlela emnyameni, enengqumbo enkulu, nesifo, noburhalarhume. |
| 18. | Nantsi into endiyibonileyo mna, ilungile, intle: into yokuthi umntu adle, asele, abone okulungileyo ngemigudu yakhe yonke aphuka yiyo phantsi kwelanga, ngokwenani lemihla yobomi bakhe amnikileyo uThixo; ngokuba kusisabelo sakhe oko. |
| 19. | Kananjalo wonke umntu, athe uThixo wamnika ubutyebi nokuqweba, wamnika negunya lokudla kubo, athabathe isabelo sakhe, avuye emigudwini yakhe: sisipho sikaThixo eso. |
| 20. | Ngokuba akayikhumbuli kakhulu imihla yobomi bakhe; ngokuba uThixo eluphendula uvuyo lwentliziyo yakhe. |
| ← Ecclesiastes (5/12) → |