| ← Ecclesiastes (4/12) → |
| 1. | Ndabuya ke mna, ndakubona konke ukucudisa okwenziwayo phantsi kwelanga. Ndazibona iinyembezi zabacudisiweyo, bengenamthuthuzeli; esandleni sabacudisi babo kuphuma ububhovubhovu, bengenamthuthuzeli bona. |
| 2. | Ndabancoma ke mna abafileyo, abasebefe kade, kunabahleliyo abasahleliyo ngoku. |
| 3. | Ke ulungile kunabo bobabini lowo ungekabikho, ungakubonanga ukwenza okubi okwenziwa phantsi kwelanga. |
| 4. | Kananjalo ndayiqonda ke mna yonke imigudu, nayo yonke impumelelo yomsebenzi, ukuba ingumona wokwanyelana. Kwanaloo nto ingamampunge, nokusukelana nomoya. |
| 5. | Isinyabi sikhwabusha izandla, sidle kwaeyaso inyama. |
| 6. | Kulungile ukuzalisa sandla sinye ngokuphumla, kunokuzalisa zozibini izandla ngemigudu nokusukelana nomoya. |
| 7. | Ndabuya mna, ndabona amampunge phantsi kwelanga. |
| 8. | Kukho oba yedwa, ongenaye owesibini, ongenanyana namzalwana; ingena siphelo imigudu yakhe yonke, angahluthiyo noko bubutyebi amehlo akhe. Akatsho ukuthi, Ndaphukela bani na, ndiwuhlutha nje umphefumlo wam okulungileyo? Kwanaloo nto ingamampunge, ingumzamo ombi yona. |
| 9. | Kulungile ukuba babe ngababini kunokuba abe mnye, kuba banomvuzo olungileyo ngemigudu yabo. |
| 10. | Ngokuba xa bathe bawa, omnye unokumphakamisa uwabo; yeha ke, yena oyedwa, othe wawa! kuba akukho wesibini wokumphakamisa. |
| 11. | Kananjalo ababini, bathe balala, baya kuva ukusitha; angathini na ukuva ukusitha olele yedwa? |
| 12. | Ukuba umntu uthe wamgagamela oyedwa, bona ababini baya kumisa phambi kwakhe; umsonto ontluntathu awuhle uqhawulwe. |
| 13. | Ulungile umntwana olihlwempu elumkile, ngaphezu kokumkani oselemkhulu, esisidenge, ongasakuvayo ukuyalwa. |
| 14. | Ngokuba uphuma endlwini yamakhonkxwa ukuba abe ngukumkani; ukanti uzalelwe ebukumkanini balowo ulihlwempu. |
| 15. | Ndababona bonke abadla ubomi, behamba phantsi kwelanga kunye naye umntwana, lo ungowesibini, uza kuma esikhundleni salowo. |
| 16. | Akukho kuphela kwabantu bonke, kwabo bonke angaphambi kwabo; ukanti amavela-mva akayi kuvuya ngaye. Ngokuba kwanaloo nto ingamampunge nokusukelana nomoya. |
| ← Ecclesiastes (4/12) → |