| ← Ecclesiastes (11/12) → |
| 1. | Siphose isonka sakho phezu kwamanzi, ngokuba wosifumana kwakuba ziintsuku ezininzi. |
| 2. | Yahlula izahlulo zibe sixhenxe, zibe sibhozo, ngokuba akuyazi into embi eya kubakho ehlabathini. |
| 3. | Ukuba amafu athe azala yimvula, ayithululela emhlabeni; ukuba umthi uthe wawa, wabheka ezantsi, nokuba uthe wabheka entla, kuloo ndawo uwe kuyo umthi lowo, wolala khona. |
| 4. | Ogqala umoya akayi kuhlwayela; okhangela amafu akayi kuvuna. |
| 5. | Njengokuba ungayazi ukuba yiyiphi na indlela yomoya, kwanjengokuyilwa kwamathambo esiswini somithiyo; ngokunjalo akusazi isenzo sikaThixo owenza izinto zonke. |
| 6. | Kusasa hlwayela imbewu yakho, nangokuhlwa ungasiphumzi isandla sakho; ngokuba ungazi ukuba kolunga yiphi na, nokuba yile nokuba yileya, kusini na, nokuba zolunga ngakunye zombini na. |
| 7. | Kumnandi ukukhanya, kulungile emehlweni ukulibona ilanga. |
| 8. | Ngokuba umntu, ukuba uthe wadla ubomi iminyaka emininzi, makavuye ngayo yonke iphela, noko ke akhumbule imihla yobumnyama, ukuba iya kuba mininzi. Yonke into ezayo ingamampunge. |
| 9. | Vuya, ndodana, ebutsheni bakho, ikuchwayithise intliziyo yakho ngemihla yobudodana bakho, uhambe ngeendlela zentliziyo yakho, nangokukhangela kwamehlo akho; kodwa yazi ukuba ngenxa yezo zinto zonke uThixo uya kukusa ematyaleni. |
| 10. | Yisuse ke ingqumbo entliziyweni yakho, ubudlulise ububi enyameni yakho; ngokuba ubutsha nobudoda bungamampunge. |
| ← Ecclesiastes (11/12) → |