| ← Ecclesiastes (10/12) → |
| 1. | Iimpukane ezifileyo zinukisa zibilise amafutha omqholi; ubudenge obuncinane bunzima kunobulumko nozuko. |
| 2. | Intliziyo yesilumko ingasekunene kwaso: intliziyo yesidenge ingasekhohlo kwaso. |
| 3. | Ewe, nasendleleni, xa sithe isidenge sahamba ngayo, siyayiswela intliziyo, sihambe sisithi kubantu bonke, Ndisisidenge. |
| 4. | Ukuba ukufutha komlawuli kuthe kwenyuka kwakuchasa, musa ukuyishiya indawo yakho; ngokuba ubulali buleleza izono ezikhulu. |
| 5. | Kukho ububi endibubonileyo phantsi kwelanga, obunjengokulahleka okuphuma konegunya: |
| 6. | ubudenge bunikwa iindawo eziphezulu ezinkulu, zibe izityebi zihleli kwiindawo eziphantsi. |
| 7. | Ke ndizibone izicaka zikhwele emahasheni, namatshawe ehamba phantsi ngeenyawo njengezicaka. |
| 8. | Omba isigingqi, angeyela kuso; ochitha uthango, inyoka ingamluma. |
| 9. | Omba amatye, angenzakala; ocanda iinkuni angaba semngciphekweni. |
| 10. | Ukuba intsimbi ithe yaba buthuntu, akalulola uhlangothi lwayo, wogonyela ngoko ngamandla; ke ubulumko buyanceda bulungise. |
| 11. | Ukuba inyoka ithe yaluma kungekho kukhafula, akabi nanzuzo umnyangi. |
| 12. | Amazwi omlomo wesilumko anokubabala; ke yona imilebe yomlomo wesidenge iginya kwasona. |
| 13. | Ingqalo, yamazwi omlomo waso bubudenge, nengqibo yomlomo waso bubugeza obubi. |
| 14. | Isidenge sandisa amazwi, engakwazi umntu okuya kubakho nokuya kubakho emva kwakhe, ngubani na onokumxelela? |
| 15. | Imigudu yezidenge iyazixhamla, ezingakwaziyo ukuya emzini. |
| 16. | Yeha, wena lizwe likumkani ungumntwana, limatshawe adla kwakusasa! |
| 17. | Hayi, uyolo lwakho, lizwe likumkani ungunyana wabanumzana, limatshawe adlayo ngexesha elililo, enobugorha, engenamithayi! |
| 18. | Ngobuvila iyabhena imiqadi; ngokuthamba kwezandla iyanetha indlu. |
| 19. | Benza isidlo ukuba bahleke, iwayini ivuyise ubomi; imali ilungele iinto zonke. |
| 20. | Musa ukumtshabhisa ukumkani, nasesazeleni sakho, ungasitshabhisi nesityebi ezingontsini zakho zokulala; ngokuba intaka yasendle yolihambisa elo zwi, nento enamaphiko iyixele loo ntetho. |
| ← Ecclesiastes (10/12) → |