Deuteronomy (8/34)  

1. Wonke umthetho endikuwiselayo namhla, ize nizigcine ngokwenu ukuba niwenze, ukuze niphile, nande, ningene nilime ilizwe elo walifungela ooyihlo uYehova.
2. Uze uyikhumbule yonke indlela akuhambise ngayo uYehova uThixo wakho, le minyaka imashumi mane entlango, ukuze akuthobe, akulinge, akwazi okusentliziyweni yakho, ukuba woyigcina imithetho yakhe, akuyi kuyigcina, kusini na.
3. Wakuthoba, wakulambisa, wakudlisa imana, into obungayazi, ababengayazi nooyihlo; ukuze akwazise ukuba akaphili ngasonka sodwa umntu; umntu lo yena uphila ngento yonke ephuma emlonyeni kaYehova.
4. Ingubo yakho ayonakalanga bubudala ikushiye, nonyawo lwakho aludumbanga, le minyaka imashumi mane.
5. Uze wazi ngentliziyo yakho, ukuba njengoko umntu amqeqeshayo unyana wakhe, uYehova uThixo wakho uyakuqeqesha wena;
6. uyigcine ke imithetho kaYehova uThixo wakho, ukuba uhambe ngeendlela zakhe, umoyike.
7. Kuba uYehova uThixo wakho ukungenisa ezweni elihle; ezweni lemilanjana yamanzi, lemithombo namanzi enzonzobila, aphuma ezihlanjeni nasezintabeni;
8. ezweni lengqolowa, nerhasi, neediliya, nemikhiwane, neerharnate; ezweni leminquma yeoli, nobusi;
9. ezweni ongayi kudla sonka kulo uyimbedlenge, ongayi kuswela nanye into kulo; ezweni elimatye asinyithi, elintaba womba ubhedu kuzo;
10. udle, uhluthe, umbonge uYehova uThixo wakho ngenxa yelizwe elihle akunike lona.
11. Zigcine, hleze umlibale uYehova uThixo wakho ngokungayigcini imithetho yakhe, namasiko akhe, nemimiselo yakhe, endikumiselayo namhla;
12. hleze uthi, wakudla uhluthe, wakhe izindlu ezintle, uhlale kuzo;
13. zande iinkomo zakho, nempahla yakho emfutshane, yande kuwe isilivere negolide, yande yonke into onayo:
14. isuke iphakame intliziyo yakho, umlibale uYehova uThixo wakho, owakukhuphayo ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka;
15. owakuhambisayo entlango enkulu eyoyikekayo, eneenyoka ezinobuhlungu, noonomadudwane, nebalelelwe lilanga, engenamanzi; owakuvelisela amanzi eweni leqhwitha;
16. owakudlisa imana entlango, into ababengayazi ooyihlo, ukuze akuthobe, akulinge, ukuba akwenzele okulungileyo ekupheleni kwakho;
17. uze uthi ke entliziyweni yakho, Ngamandla am nokuqina kwesandla sam okundizuzise obu butyebi.
18. Uze umkhumbule uYehova uThixo wakho, ngokuba nguye okunika amandla okuzuza ubutyebi; ukuze awumise umnqophiso wakhe abewufungele ooyihlo, njengoko kunjalo namhla.
19. Kothi, ukuba uthe wamlibala uYehova uThixo wakho, walandela thixo bambi, wabakhonza, wabanqula, ndiyaningqinela namhla, ukuba nobhubha kanye.
20. Njengeentlanga uYehova azenze zadaka ebusweni benu, nodaka ngokunjalo, ngenxa enokuba ningaliphulaphulanga izwi likaYehova uThixo wenu.

  Deuteronomy (8/34)