← Deuteronomy (7/34) → |
1. | Xa athe uYehova uThixo wakho wakungenisa kulo ilizwe, oya kulo ukuba ulime, wanyothula iintlanga ezininzi ebusweni bakho, amaHeti, namaGirgashi, nama-Amori, namaKanan, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi, iintlanga ezisixhenxe, zizininzi, zinamandla kunawe, |
2. | wazinikela kuwe uYehova uThixo wakho: uze uzixabele, uzisingele phantsi kuphele; ungenzi mnqophiso nazo, ungazisizeli. |
3. | Uze ungendiselani nazo, intombi yakho ungayiniki unyana wakhe, intombi yakhe ungayizekeli unyana wakho; |
4. | kuba yomtyekisa unyana wakho angandilandeli, bakhonze thixo bambi, uvuthe umsindo kaYehova kuni, akutshabalalise kamsinya. |
5. | Ke yenjani nje kuzo: zidilizeni izibingelelo zazo, nizichithe izimiso zazo, nibaxakaxe ooAshera bazo, niyitshise ngomlilo imifanekiso yazo eqingqiweyo. |
6. | Ngokuba ningabantu abangcwele kuYehova uThixo wakho; uninyule uYehova uThixo wakho, ukuba nibe ngabantu abayinqobo kuye, kunabantu bonke abaphezu komhlaba. |
7. | Akungabuninzi benu kunezinye izizwe zonke, le nto athene nca nani uYehova, waninyula; kuba nimbalwa kunezinye izizwe zonke. |
8. | Kungokunithanda kukaYehova, kungokusigcina kwakhe isifungo abesifungele ooyihlo, le nto anikhuphe ngesandla esithe nkqi uYehova, wanikhulula ngentlawulelo endlwini yobukhoboka, esandleni sikaFaro, ukumkani waseYiputa. |
9. | Yazi ke, ukuba uYehova uThixo wakho nguye uThixo, uThixo wenyaniso, obagcinela umnqophiso nenceba abamthandayo, abayigcinayo imithetho yakhe, ase ewakeni lesizukulwana; |
10. | obabuyekezayo abamthiyayo ebusweni babo, ukuba abashabalalise. Akalibali ukumbuyekeza omthiyayo; uya kumbuyekeza ebusweni bakhe. |
11. | Wugcine ke umthetho, nemimiselo, namasiko, endikuwisela wona namhla, ukuba uwenze. |
12. | Kothi ke ngenxa enokuba nithe naweva la mabango, nawagcina, nawenza, akugcinele umnqophiso nenceba uYehova uThixo wakho, awawufunga kooyihlo; |
13. | akuthande, akusikelele, akwandise, asikelele nesiqhamo sesizalo sakho, neziqhamo zomhlaba wakho, ingqolowa yakho, newayini yakho entsha, neoli yakho, nenkonyana yenkomo yakho, netakane lempahla yakho emfutshane, emhlabeni lowo wawufungela ooyihlo ukuba wokunika. |
14. | Wosikeleleka ngaphezu kwezizwe zonke; akusayi kubakho nto ingazaliyo, nokuba yindoda nokuba ngumfazi kuwe; nasezinkomeni zakho ayisayi kubakho. |
15. | UYehova wosusa zonke izifo kuwe; nobulwelwe bonke obubi baseYiputa, obo ubaziyo, akayi kububeka kuwe; uya kububeka kubo bonke abakuthiyayo. |
16. | Uze uzidle zonke izizwe ezo akunikayo uYehova uThixo wakho; iliso lakho lingabi nanceba kuzo, ungabakhonzi oothixo bazo; ngokuba ngumgibe lowo kuwe. |
17. | Xa uthe entliziyweni yakho, Ezi ntlanga zininzi kunam, ndinokuthini na ukuzigqogqa? |
18. | uze ungazoyiki. Khumbula kakuhle awakwenzayo uYehova uThixo wakho kuFaro nakumaYiputa onke; |
19. | izilingo ezikhulu azibonileyo amehlo akho, nemiqondiso, nezimanga, nesandla esithe nkqi, nengalo eyolukileyo, awakukhupha ngazo uYehova uThixo wakho. Uya kwenjenjalo uYehova uThixo wakho kuzo zonke izizwe ozoyikayo. |
20. | Ngaphezu koko, uYehova uThixo wakho uya kuthuma oonomeva kuzo, zide ezo ziselayo, zizisithelisayo ebusweni bakho, zibhubhe. |
21. | Uze ungangcangcazeli ebusweni bazo; ngokuba uYehova uThixo wakho phakathi kwakho nguThixo omkhulu, owoyikekayo. |
22. | UYehova uThixo wakho uya kuzinyothula ezi ntlanga ebusweni bakho, kancinane, kancinane. Akuyi kuba nako ukuziphelisa kamsinya, hleze ande akongamele amarhamncwa asendle. |
23. | UYehova uThixo wakho wozinikela kuwe. azidungadunge ngodungadungo olukhulu, zide zitshatyalaliswe; |
24. | abanikele ookumkani bazo esandleni sakho, ulicime igama labo phantsi kwezulu. Akuyi kuma mntu ebusweni bakho, ude uzitshabalalise zona. |
25. | Imifanekiso eqingqiweyo yoothixo bazo woyitshisa ngomlilo; uze ungayinqweneli isilivere negolide ekuzo, ungayithabatheli kuwe, ibe ngumgibe; ngokuba lisikizi kuYehova uThixo wakho. |
26. | Uze ungalingenisi isikizi endlwini yakho, ukuze ungabi yinto yokusingelwa phantsi njengalo. Ize ibe nezothe, ibe linyala kuwe, ibe lisikizi kuwe, ngokuba yinto yokusingelwa phantsi. |
← Deuteronomy (7/34) → |