| ← Deuteronomy (33/34) → |
| 1. | Yiyo le intsikelelo, awabasikelela ngayo uMoses, indoda yakwaThixo, oonyana bakaSirayeli, phambi kokufa kwakhe, wathi: |
| 2. | UYehova wavela eSinayi, Waphuma kwaSehire phezu kwabo; Wabengezela esezintabeni zeParan, Weza ephuma kwiingcwele ezimawaka alishumi, Ekunene kwakhe ikukubinza komlilo kubo. |
| 3. | Inene, uyazithanda izizwe. Bonke abangcwele bakhe basesandleni sakho, Bahlala ezinyaweni zakho, Besuke ngamazwi akho. |
| 4. | UMoses wasiwisela umyalelo, Ilifa ke elo lebandla lakwaYakobi. |
| 5. | Waba ngukumkani kwaYeshurun, Ekuzihlanganiseni iintloko zabantu, Izizwe zakwaSirayeli zindawonye. |
| 6. | URubhen makadle ubomi, angafi; Angabi mbalwa amadoda akhe. |
| 7. | Le yintsikelelo kaYuda, wathi, Yiva, Yehova, izwi likaYuda, Umngenise kubantu bakowabo; Uyabalwela ngezandla zakhe; Umnceda wena kubabandezeli bakhe. |
| 8. | Wathi ngoLevi, IiTumim zakho neeUrim zakho zezomntu wakho wenceba, Owamlingayo eMasa, Wabambana naye emanzini aseMeribha. |
| 9. | Lowo uthi kuyise nakunina, Andikuboni; Akatheni nabazalwana bakhe, Akabazi noonyana bakhe; Ngokuba egcine intetho yakho, Wabamba umnqophiso wakho. |
| 10. | Baya kumyala uYakobi ngamasiko akho, Bamyale uSirayeli ngomyalelo wakho, Babeke isiqhumiso ezimpumlweni zakho, Namadini apheleleyo esibingelelweni sakho. |
| 11. | Sikelela, Yehova, amandla akhe, Ukholeke kuwe umsebenzi wezandla zakhe. Baphaluswe emanqeni abavukelana naye, Nabamthiyileyo bangabi nakuvuka. |
| 12. | NgoBhenjamin wathi, Intanda kaYehova iya kuhlala kuye ikholosile; Uyikhusele imini yonke, Ihlala phakathi kwamagxa akhe. |
| 13. | NgoYosefu wathi. Malisikelelwe nguYehova ilizwe lakhe Ngezinto ezinconywayo zezulu; Ngombethe nangamanzi enzonzobila elele ezantsi. |
| 14. | Nangezinconywayo eziveliswa lilanga, Nangezinconywayo ezihlunyiswa ziinyanga, |
| 15. | Nangeencopho zeentaba zamandulo, Nangezinconywayo zeenduli ezingunaphakade, |
| 16. | Nangezinconywayo zomhlaba nenzaliseko yawo. Nekholo lowahlala etyholweni Malifike entlokweni kaYosefu, Naselukakayini lwalowo ubalulekileyo kubazalwana bakhe. |
| 17. | Eyamazibulo inkunzi yakhe, hayi, ubungangamsha bayo! Ziimpondo zenqu iimpondo zayo; Ngazo ihlaba izizwe, ngaxa-nye iziphelo zehlabathi. Ngamawaka alishumi akwaEfrayim ke lawo. Ngamawaka akwaManase ke lawo. |
| 18. | NgoZebhulon wathi, Vuya, Zebhulon, ngokuphuma kwakho; Vuya, Isakare, ngeentente zakho. |
| 19. | Baya kumema izizwe, zize entabeni, Babingelele khona imibingelelo yobulungisa; Ngokuba besanya ubutyebi beelwandle Nezinto eziselelwe entlabathini. |
| 20. | NgoGadi wathi, Makabongwe owandisa uGadi. Ubuthuma njengengonyamakazi, Adlavule umkhono, ewe, nokakayi. |
| 21. | Wazibonela isahlulo esiyingqalo; Ngokuba besibekwe khona isabelo sommisi-mthetho. Weza kwiintloko zabantu, Wenza ubulungisa bukaYehova, Namasiko akhe ndawonye namaSirayeli. |
| 22. | Wathi ngoDan, UDan lithole lengonyama; Usuka umtsi eBhashan. |
| 23. | NgoNafetali wathi, Nafetali, ukholisiweyo kanye, Uzeleyo yintsikelelo kaYehova, Woluhlutha ulwandle nomzantsi. |
| 24. | NgoAshere wathi, Usikelelwe ngaphezu koonyana uAshere; Makabe likholo phakathi kwabazalwana bakhe, Athi nkxu unyawo lwakhe eolini. |
| 25. | Imivalo yakho yoba sisinyithi nobhedu, Kube ngangeemini zakho ukonwaba kwakho. |
| 26. | Akukho unjengoThixo, Yeshurun, Ulokhwela emazulwini eluncedo lwakho, Ulokhwela esibhakabhakeni enobungangamsha bakhe. |
| 27. | Likhaya uThixo wamandulo, Ngaphantsi ziingalo ezingunaphakade. Ugxotha utshaba ebusweni bakho; Uthi, Tshabalalisa! |
| 28. | USirayeli uhlala ekholosile, Uwodwa umthombo kaYakobi, Usinga ezweni lengqolowa newayini entsha; Inene izulu lalo liqhoqhoza umbethe. |
| 29. | Unoyolo, Sirayeli! Ngubani na onjengawe, bantu basindiswe nguYehova, Ikhaka loncedo lwakho, Ikrele lobungangamsha bakho. Ziya kuhanahanisa kuwe iintshaba zakho, Unyathele ke wena emimangweni yazo. |
| ← Deuteronomy (33/34) → |