| ← Deuteronomy (3/34) → | 
| 1. | Sajika, senyuka ngendlela yaseBhashan; waphuma uOgi ukumkani waseBhashan, wasihlangabeza yena nabantu bakhe bonke, ukuba kuliwe e-Edreyi. | 
| 2. | Wathi uYehova kum, Musa ukumoyika; ngokuba ndimnikele esandleni sakho, nabantu bakhe bonke, nelizwe lakhe; uya kwenza kuye njengoko wenza ngako kuSihon ukumkani wama-Amori, obemi eHeshbhon. | 
| 3. | UYehova uThixo wethu wamnikela ke ezandleni zethu uOgi ukumkani waseBhashan, nabantu bakhe bonke; sambulala, kwada akwabakho namnye usindayo. | 
| 4. | Sayithimba yonke imizi yakhe ngelo xesha, akwabakho mzi singawuthabathanga kubo; imizi yaba mashumi mathandathu, wonke ummandla waseArgobhi, ubukumkani bukaOgi eBhashan. | 
| 5. | Yonke loo mizi ibinqatyiswe ngodonga oluphakamileyo, namasango, nemivalo; iyodwa imizi yabasemaphandleni, eyabe imininzi kunene. | 
| 6. | Sayisingela phantsi, njengoko senzayo kuSihon ukumkani waseHeshbhon; sasingela phantsi amadoda emizi yonke, nabafazi, nabantwana. | 
| 7. | Ke zona iinkomo zonke namaxhoba aloo mizi sazithimbela. | 
| 8. | Salithabatha ke ngelo xesha ilizwe esandleni sookumkani bobabini bama-Amori, elingaphonoshono kweYordan, lisusela kumlanjana oyiArnon, lada lesa entabeni yeHermon | 
| 9. | (amaTsidon athi iHermon leyo yiSiriyon, ke ama-Amori athi yiSenire), | 
| 10. | yonke imizi yehewu, neyelaseGiliyadi lonke, neBhashan yonke, kwada kwesa eSaleka ne-Edreyi, imizi yobukumkani bukaOgi eBhashan. | 
| 11. | Ngokuba nguOgi yedwa, ukumkani waseBhashan, impunde eyayisele kumaRafa. Nantso ikoyi yakhe, ikoyi yentsimbi; asiyiyo na leya iseRabha yakoonyana baka-Amon? Iziikubhite ezisithoba ubude bayo, iziikubhite ezine ububanzi bayo, ngokwekubhite yabantu. | 
| 12. | Elo lizwe salihlutha ngelo xesha, sithabathela eArohere ekumlanjana oyiArnon; nesiqingatha sentaba yeGiliyadi, nemizi yayo ndayinika amaRubhen namaGadi. | 
| 13. | Amasalela aseGiliyadi naweBhashan yonke, ubukumkani bukaOgi, ndawanika isiqingatha sesizwe sikaManase; wonke ummandla weArgobhi neBhashan yonke, leyo bekusithiwa lilizwe lamaRafa. | 
| 14. | UYahire, unyana kaManase, wathabatha wonke ummandla weArgobhi, wada wesa emdeni wamaGeshuri namaMahakati, wawubiza ngegama lakhe, wathi iBhashan yiHavoti-yahire, unanamhla. | 
| 15. | UMakire ndamnika elaseGiliyadi. | 
| 16. | AmaRubhen namaGadi ndawanika, ndithabathela kwelaseGiliyadi, ndada ke ndesa kumlanjana oyiArnon, empholokhohlweni wesihlambo, naloo mmandla waso, ndada ndesa naseYabhoki emlanjaneni, emdeni woonyana baka-Amon; | 
| 17. | neArabha, neYordan nommandla wayo, ndithabathela eKinerete, ndada ndesa elwandle lweArabha, uLwandle lweTyuwa, phantsi kwamaxandeka ePisga ngasempumalanga. | 
| 18. | Ndaniwisela umthetho ngelo xesha, ndisithi, UYehova uThixo wenu uninike eli lizwe ukuba nilihluthe. Welani nixhobile phambi kwabazalwana benu, oonyana bakaSirayeli, nonke nina bafo banobukroti. | 
| 19. | Kodwa abafazi benu, nabantwana benu, nemfuyo yenu (ndiyazi ukuba ninemfuyo eninzi), mabahlale emizini yenu endininike yona; | 
| 20. | ade uYehova abaphumze abazalwana benu njengani, balime nabo ilizwe elo abanika lona uYehova uThixo wenu phesheya kweYordan; nibuyele ke elowo elifeni lakhe endininike lona. | 
| 21. | UYoshuwa ndamwisela umthetho ngelo xesha, ndisithi, Amehlo akho akubonile konke oku akwenzileyo uYehova uThixo wenu kwaba kumkani bobabini; uya kwenjenjalo ke uYehova kwizikumkani zonke owelela kuzo. | 
| 22. | Ize ningaboyiki; ngokuba uYehova uThixo wenu nguye onilwelayo. | 
| 23. | Ndatarhuzisa kuYehova ngelo xesha, ndisithi, | 
| 24. | Nkosi yam, Yehova, uqalile ukumbonisa umkhonzi wakho ubukhulu bakho, nesandla sakho esithe nkqi; ngokuba nguwuphi na uthixo emazulwini nasehlabathini, ongenza ngokwezenzo zakho, nangokwemisebenzi yakho yobugorha? | 
| 25. | Makhe ndiwele kaloku, ndilibone ilizwe elo lihle, liphesheya kweYordan, loo ntaba intle, neLebhanon. | 
| 26. | Wandiphuphumela uYehova ngomsindo ngenxa yenu, akandiphulaphula; wathi uYehova kum, Yanela, musa ukuba saphinda uthethe kum ngale ndawo. | 
| 27. | Nyuka uye encotsheni yePisga, uphose amehlo akho entshonalanga, nasentla, nasezantsi, nasempumalanga, ulikhangele ngamehlo; ngokuba akuyi kuyiwela le Yordan. | 
| 28. | UYoshuwa mwisele umthetho, umomeleze, umkhaliphise; ngokuba yena uya kuwela yena phambi kwaba bantu; yena uya kubadlisa ilifa, elilelo lizwe uya kulibona. | 
| 29. | Sahlala ke esihlanjeni malungana neBhete-pehore. | 
| ← Deuteronomy (3/34) → |