| ← Deuteronomy (29/34) → |
| 1. | Ngawo la amazwi omnqophiso, awamwisela uMoses umthetho ngawo uYehova, ukuba awenze noonyana bakaSirayeli ezweni lakwaMowabhi, ngaphandle komnqophiso awawenzayo nabo eHorebhe. |
| 2. | UMoses wawabiza amaSirayeli onke, wathi kuwo, Nikubonile konke akwenzileyo uYehova emehlweni enu ezweni laseYiputa, kuFaro, nakubakhonzi bakhe bonke, nakwilizwe lakhe lonke; |
| 3. | izilingo ezikhulu azibonileyo amehlo akho, eziyimiqondiso nezimanga ezikhulu. |
| 4. | Ke akaninikanga uYehova intliziyo yokwazi, namehlo okubona, neendlebe zokuva, unanamhla. |
| 5. | Ndinihambisile iminyaka engamashumi amane entlango. Iingubo zenu azonakalanga bubudala, zinishiye; neembadada zakho azonakalanga ziphele ezinyaweni zakho; |
| 6. | anidlanga sonka, aniselanga wayini nasiselo sinxilisayo, ukuze nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu. |
| 7. | Nafika kule ndawo, waphuma uSihon ukumkani waseHeshbhon, no-Ogi ukumkani waseBhashan, basihlangabeza ngemfazwe, sababulala; |
| 8. | salithabatha ilizwe labo salinika amaRubhen, namaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase, ukuba libe lilifa. |
| 9. | Wagcineni ke amazwi alo mnqophiso, niwenze, ukuze nikwenze ngengqiqo konke eniya kukwenza. |
| 10. | Nimi namhla nonke niphela phambi koYehova uThixo wenu; iintloko zenu, nezizwe zenu, namadoda amakhulu akowenu, nababhali benu, onke amadoda akwaSirayeli, |
| 11. | nabantwana benu, nabafazi benu, nomphambukeli ophakathi komzi wakho, kuthabathela kogawula iinkuni zakho, kuse kokha amanzi akho; |
| 12. | ukuba ungene emnqophisweni kaYehova uThixo wakho, asesifungweni sakhe, asenzayo uYehova uThixo wakho nawe namhla; |
| 13. | ukuze animise namhla nibe ngabantu kuye, yena abe nguThixo kuni, njengoko wakuthethayo kuni, njengoko wakufungayo kooyihlo, ooAbraham noIsake noYakobi. |
| 14. | Andiwenzi nani nedwa lo mnqophiso nesi sifungo; |
| 15. | ndiwenza nomiyo apha nathi namhla phambi koYehova uThixo wethu, kwanongekhoyo apha nathi namhla. |
| 16. | Ngokuba nina niyakwazi ukuhlala kwethu ezweni laseYiputa, nokucanda kwethu phakathi kweentlanga enacanda kuzo; |
| 17. | nazibona izinto zazo ezinezothe, nezigodo ezizizithixo zazo, imithi namatye, isilivere negolide, ezinazo: |
| 18. | hleze kubekho kuni ndoda, namfazi, namzalwane, nasizwe, sintliziyo ijikayo namhla, imke kuYehova uThixo wethu, iye kukhonza oothixo bezo ntlanga; hleze kubekho kuni ingcambu ezele ubuhlungu nomhlonyane; |
| 19. | kuthi, ekuweveni kwakhe amazwi esi sishwabulo, azisikelele entliziyweni yakhe, esithi, Ndoba noxolo; ngokuba ndihamba ebungqoleni bentliziyo yam, ukuze kuphetshethwe osele wahlutha kwanonxaniweyo. |
| 20. | UYehova akasayi kuvuma ukumxolela; wosuka uqhume umsindo kaYehova nekhwele lakhe kuloo ndoda, silalephezu kwayo sonke isishwabulo esibhaliweyo kule ncwadi, alicime uYehova igama layo phantsi kwezulu. |
| 21. | Woyahlulela uYehova okubi ezizweni zonke zamaSirayeli, ngokwezishwabulo zonke zomnqophiso obhaliweyo encwadini yalo myalelo. |
| 22. | Sothi isizukulwana esisemva kwenu, oonyana benu abaya kuvela emva kwenu nowolunye uhlanga ovela ezweni elikude, bazibone izibetho zelolizwe, nezifo zalo uYehova azihlisileyo kulo: |
| 23. | isulfure netyuwa, litshile lonke ilizwe lakhona, lingahlwayelwa, lingahlumi nto, lingaphumi tyani; linjengokubhukuqwa kweSodom neGomora, iAdama neTsebhoyim, awazibhukuqayo uYehova ngomsindo wakhe nangobushushu bakhe. |
| 24. | Zothi ke zonke iintlanga, Kungenxa yantoni na, ukuba uYehova enjenje kweli lizwe? Kuyini na ukuvutha kwalo msindo mkhulu kangaka? |
| 25. | Kuthiwe, Kungokuba bewushiyile umnqophiso kaYehova uThixo wooyise, awawenza nabo ekubakhupheni kwakhe ezweni laseYiputa. |
| 26. | Baya bakhonza thixo bambi, babanqula, oothixo abangabaziyo, abengababelanga yena. |
| 27. | Wavutha ke umsindo kaYehova kwelo zwe, ukuba kuziswe phezu kwalo zonke iziqalekiso ezibhaliweyo kule ncwadi; |
| 28. | uYehova wabanyothula emhlabeni wabo ngomsindo, nangobushushu, nangoburhalarhume obukhulu, wabaphosa zweni limbi, njengoko kunjalo namhla. |
| 29. | Izinto ezisitheleyo zezikaYehova uThixo wethu; izinto ezityhilekileyo zezethu, nezoonyana bethu kude kuse ephakadeni, ukuze siwenze onke amazwi alo myalelo. |
| ← Deuteronomy (29/34) → |