| ← Deuteronomy (24/34) → |
| 1. | Xa ithe indoda yazeka umfazi, yayindoda yakhe, kothi ke ukuba uthe akafumana ukubabalwa emehlweni ayo, ngokuba ifumene iindawo eziziintloni kuye, yambhalela incwadi yokumala, yamnikela esandleni, yamgxotha endlwini yayo; |
| 2. | waphuma endlwini yayo, waya waba ngowandoda yimbi; yamthiya le ndoda iyiyimbi, |
| 3. | yambhalela incwadi yokumala, yamnikela esandleni, yamgxotha endlwini yayo; nokuba ithe yafa le ndoda iyiyimbi yamzekayo wangumkayo: |
| 4. | mayingabi nako indoda yakhe yokuqala eyamgxothayo, ukubuya imzeke abe ngumkayo, emveni kokuba enziwe inqambi; ngokuba lisikizi elo kuYehova. Uze ungalenzi, ukuba lone ilizwe elo akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba libe lilifa. |
| 5. | Xa indoda ithe yazeka umfazi omtsha, mayingaphumi nomkhosi, ingaphathiswa msebenzi nawuphi. Yokhululeka ngenxa yendlu yayo umnyaka ube mnye, ivuyisane nomkayo emzekileyo. |
| 6. | Makangenziwa sibambiso amatye okusila, nokuba lelingaphezulu, kuba oko kukubambisa ngomphefumlo. |
| 7. | Xa ithe indoda yafunyanwa isiba umntu ebazalwaneni bayo, oonyana bakaSirayeli, imphathe kakubi, ithengise ngaye njengekhoboka: malife elo sela; ubutshayele ke ububi, bungabikho phakathi kwakho. |
| 8. | Zigcine esibethweni seqhenqa, ugcine kunene, wenze ngokwezinto zonke abaya kuniyala ngazo ababingeleli, abaLevi; njengoko ndabawisela umthetho, nigcine ukwenza. |
| 9. | Khumbula oko uYehova uThixo wakho wakwenza kuMiriyam endleleni, ekuphumeni kwenu eYiputa. |
| 10. | Xa uthe wamboleka ummelwane wakho nokuba yintoni ebolekwayo, uze ungangeni endlwini yakhe, uye kuthabatha isibambiso kuye. |
| 11. | Uze ume ngaphandle, ithi loo ndoda uyibolekayo iphume, isizise kuwe isibambiso eso. |
| 12. | Ukuba indoda ithe yaba iswele, uze ungalali unesibambiso sayo; |
| 13. | wosibuyisela kuyo isibambiso eso ukutshona kwelanga, ilale ngengubo yayo, ikusikelele, ube nobulungisa phambi koYehova uThixo wakho. |
| 14. | Uze ungamcudisi umqeshwa ongaba uswele, olihlwempu, nokuba ngowabazalwana bakho, nokuba ngowabaphambukeli bakho abasezweni lakho, emasangweni akho. |
| 15. | Ngemini yakhe womnika umvuzo wakhe, lingatshoni ilanga usekuwe; ngokuba eswele, ewumise umphefumlo wakhe kuwo; hleze akhale ngawe kuYehova, oko ke kube sisono kuwe. |
| 16. | Ooyise mabangabulawa ngenxa yoonyana; oonyana mabangabulawa ngenxa yooyise; elowo makabulawe ngesono sakhe. |
| 17. | Uze ungasijiki isigwebo sowasemzini nesenkedama; ungayenzi isibambiso ingubo yomhlolokazi. |
| 18. | Khumbula ukuba ube ulikhoboka eYiputa. UYehova uThixo wakho wakukhulula khona; ngenxa yoko ndikuwisela umthetho ukuba uyenze le nto. |
| 19. | Xa uthe waluvuna uvuno lwakho entsimini yakho, walibala isithungu entsimini, uze ungabuyi uye kusithabatha; soba sesomphambukeli, nesenkedama, nesomhlolokazi, ukuze uYehova uThixo wakho akusikelele emsebenzini wonke wezandla zakho. |
| 20. | Xa uthe wawuvuthulula umnquma wakho, uze ungaphindi uwavuthulule amasebe emva kwakho; woba ngowomphambukeli, nowenkedama, nowomhlolokazi. |
| 21. | Xa uthe wasivuna isidiliya sakho, uze ungasibhikici emva kwakho; soba sesomphambukeli, nesenkedama, nesomhlolokazi; |
| 22. | ukhumbule ukuba ube ulikhoboka ezweni laseYiputa. Ngenxa yoko ndikuwisela umthetho ukuba uyenze le nto. |
| ← Deuteronomy (24/34) → |