Deuteronomy (14/34)  

1. Ningoonyana kuYehova uThixo wenu; ize ningazicenti, ningenzi mpandla phezu kwamehlo enu ngenxa yomfi;
2. ngokuba ningabantu abangcwele kuYehova uThixo wenu; uYehova uninyulele ukuba nibe ngabantu abayinqobo kuye, ezizweni zonke eziphezu komhlaba.
3. Uze ungadli nanye into elisikizi.
4. Zizo ezi izinto ezizitho zine enozidla:
5. inkomo, imvu, imbuzi, ixhama, nebhadi, nelinqa, netshabangqa, nenqu, neula, negogo.
6. Yonke into ezitho zine ethiwe gqiphu uphuphu, ezimpuphu zicandwe zacandwa kubini, etyisa umtyiso, ezintweni ezizitho zine, noyidla yona.
7. Zezi zodwa eningayi kuzidla kwezetyisa umtyiso, nakwezithiwe gqiphu uphuphu: inkamela, nembila, nomvundla; ngokuba zetyisa umtyiso, ke aziluthe gqiphu uphuphu, ziziinqambi ke kuni;
8. nehagu, ngokuba iluthe gqiphu uphuphu, phofu ingetyisi, iyinqambi kuni. Inyama yazo ize ningayidli, nesidumbu sazo ningasichukumisi.
9. Ezintweni zonke ezisemanzini nozidla: zonke izinto ezinamaphiko namaxolo nozidla.
10. Ke zonke izinto ezingenamaphiko namaxolo ize ningazidli; ziziinqambi kuni.
11. Zonke iintaka ezihlambulukileyo nozidla.
12. Eningayi kuzidla zezi: ixhalanga, nosilwangangubo, nonomakhwezana,
13. nesangxa, noontloyiya ngohlobo lwabo;
14. nehlungulu lonke ngohlobo lwalo;
15. nenciniba, nesihuluhulu, nengabangaba, nentambane ngohlobo lwayo;
16. nesikhova, nefubesi, nenkuku yamanzi;
17. nengcwangube, nenkqo, nogwidi;
18. nengwamza, nokhwalimanzi ngohlobo lwakhe, nobhobhoyi, nelulwane.
19. Yonke inyakanyaka enamphiko iyinqambi kuni; ize ningayidli.
20. Zonke iintaka ezihlambulukileyo ningazidla.
21. Ize ningayidli yonke into ezifeleyo; ungamnika owasemzini osemasangweni akho, adle; ungathengisa ngayo kowolunye uhlanga; ngokuba ningabantu abangcwele kuYehova uThixo wenu. Uze ungalipheki itakane ngobisi lonina.
22. Uze unikele isishumi songeniselo lonke lwembewu yakho ephuma entsimini, iminyaka ngeminyaka;
23. udle phambi koYehova uThixo wakho endaweni leyo aya kuyinyulela ukuhlalisa igama lakhe kuyo, esishumini sengqolowa yakho, nesewayini yakho entsha, neseoli yakho, namazibulo eenkomo zakho, nawempahla yakho emfutshane; ukuze ufunde ukumoyika uYehova uThixo wakho yonke imihla.
24. Xa indlela ithe yande kuwe, naxa uthe wakhohlwa ukusisa sona, ngokuba ikude kuwe indawo leyo uYehova uThixo wakho aya kuyinyulela ukulimisa kuyo igama lakhe, naxa athe wakusikelela uYehova uThixo wakho:
25. wosanana ngemali, uyibophe imali esandleni sakho, uye endaweni leyo aya kuyinyula uYehova uThixo wakho,
26. uyanane imali ngeento zonke osukuba uzinqwenela umphefumlo wakho, ngeenkomo, nangempahla emfutshane, nangewayini, nangesiselo esinamandla, nangeento zonke ozibizayo umphefumlo wakho; udle khona phambi koYehova uThixo wakho, uvuye wena nendlu yakho.
27. NomLevi osemasangweni akho uze ungamlibali, ngokuba akanasabelo nalifa ndawonye nawe.
28. Ekupheleni kweminyaka emithathu, wokhupha sonke isishumi songeniselo lwakho lwaloo mnyaka, ulufumbe emasangweni akho;
29. eze umLevi, ngokuba engenasabelo nalifa ndawonye nawe, nowasemzini, nenkedama, nomhlolokazi osemasangweni akho, badle bahluthe; ukuze akusikelele uYehova uThixo wakho emsebenzini wonke wesandla sakho owusebenzayo.

  Deuteronomy (14/34)