← Daniel (8/12) → |
1. | Ngomnyaka wesithathu wokulawula kukaBheleshatsare ukumkani, kwabonakala kum, mna Daniyeli, umbono emva kwalowa wabonakalayo kum matanci. |
2. | Ndabona embonweni, kwathi, ekuboneni kwam, ndaba ndiseShushan komkhulu, esezweni lakwaElam; ndabona embonweni, ndangasemlanjeni oyiUlayi. |
3. | Ndaphakamisa amehlo am, ndabona, nanko kumi phambi komlambo inkunzi yegusha, ineempondo ezimbini. Ezi mpondo zombini zinde, olunye ke lulude kunolunye; olu lude lwavela mva. |
4. | Ndayibona inkunzi yegusha ihlaba, ibhekisa entshonalanga, nasentla, nasezantsi; zonke izinto eziphilileyo azaba nakuma phambi kwayo, akwabakho unokuhlangula esandleni sayo. Yenza ngokukholekileyo kuyo, yakhula. |
5. | Mna ke ndisaqonda, nanko kuvela inkunzi yebhokhwe entshonalanga, ihamba phezu kwehlabathi lonke, ingafiki phantsi; inkunzi ke yebhokhwe ibinophondo olubonakalayo phakathi kwamehlo ayo. |
6. | Yaya yafika enkunzini yegusha, umnini-mpondo-mbini, endiyibone imi phambi komlambo, yagidimela kuyo ke ngobushushu bamandla ayo. |
7. | Ndayibona ifika ecaleni lenkunzi yegusha, yayijamela, yayityhomfa inkunzi yegusha, yazaphula iimpondo zayo zombini. Yayingenamandla inkunzi yegusha ukuma phambi kwayo; yayingqula emhlabeni, yayinyhasha, akwabakho bani unokuyihlangula inkunzi yegusha emandleni ayo. |
8. | Inkunzi yebhokhwe yakhula ngokuncamisileyo; ke, yakuba namandla, lwaphuka uphondo olukhulu; esikhundleni salo kwavela ezine ezibonakalayo, zabheka emimoyeni yomine yasezulwini. |
9. | Kolunye kuzo kwaphuma uphondo luluncinane, lwaba lukhulu ngokuncamisileyo, lwabheka ngasezantsi, nangasempumalanga, nangasezweni eliligugu. |
10. | Lwakhula lwada lwesa kumkhosi wezulu, lwayiwisa emhlabeni inxenye yomkhosi lowo weenkwenkwezi, lwayinyhasha. |
11. | Lwazikhulisa, lwada lwesa kumthetheli-mkhosi lowo, lwasusa kuye inkonzo yamaxesha onke; nendawo yengcwele yakhe yawiswa phantsi. |
12. | Umkhosi unikelwe kulo, kunye nenkonzo yamaxesha onke, ngenxa yesikreqo; inyaniso lwayiwisela phantsi emhlabeni, lwenza lwaba nempumelelo. |
13. | Ndamva ongcwele ethetha; wathi ke omnye ongcwele kulowo ubethetha, Ngowomzuzu ongakanani na umbono lowo wenkonzo yamaxesha onke, nowesikreqo esiphanzisayo, ukunikelwa oko kwengcwele nomkhosi lowo ekunyhashweni? |
14. | Wathi kum, Koda kube kukuhlwa, kusisa, okungamawaka amabini anamakhulu amathathu; yandule ukulungiswa ingcwele. |
15. | Kwathi, ndakuwubona umbono, mna Daniyeli, ndafuna ukuqonda; nanko kumi phambi kwam okungathi kuyimbonakalo yendoda. |
16. | Ndeva ilizwi lomntu phakathi kweenxweme zeUlayi, labiza lathi, Gabriyeli, mqondise imbonakalo. |
17. | Weza kweli cala ndimi kulo. Akuza ndoyika, ndawa ngobuso; wathi kum, Qonda, nyana womntu; ngokuba umbono lo usingise kwixesha lokuphela. |
18. | Ke kaloku, ekuthetheni kwakhe nam, ndawa isiduli ngobuso emhlabeni; wandichukumisa, wandimisa endaweni yokuma kwam. |
19. | Wathi, Yabona, ndiya kwazisa okuya kubakho ekupheleni kobhavumo; ngokuba umbono uya kwixesha elimisiweyo lokuphela. |
20. | Inkunzi yegusha oyibonileyo ineempondo ezimbini, ngokumkani bamaMedi nabamaPersi; |
21. | nenkunzi yebhokhwe exhonti ngukumkani wakwaYavan; uphondo olukhulu oluphakathi kwamehlo ngukumkani wokuqala. |
22. | Ukwaphuka oku, kume zibe ne esikhundleni salo, kukuthi, kuya kusuka kume izikumkani ezine eluhlangeni, kungabi ngamandla alo ke. |
23. | Ekupheleni kobukumkani babo, bakubonÂ’ ukuba bazalisile abakreqi, kuya kusuka kume ukumkani, obuso bungwanyalala, obaziyo ubuqhetseba; |
24. | omelele amandla akhe, kodwa kungabi ngamandla akhe; ke uya konakalisa ngokubalulekileyo, abe nempumelelo, afeze, abatshabalalise abomeleleyo nabantu babangcwele. |
25. | Ngenxa yobuqhokolo bakhe, yoba nempumelelo inkohliso ngesandla sakhe, azenze mkhulu entliziyweni yakhe, abatshabalalise abaninzi ngokwalama, asukele phezulu kumthetheli wabathetheli, aphulwe, ke kungabi ngasandla. |
26. | Umbono wokuhlwa kusisa okhankanyiweyo uyinyaniso. Wena ke, uze uwuvalele umbono; ngokuba uyakwimihla emininzi. |
27. | Mna Daniyeli ndaphela, ndaneentsuku ndisifa; ndavuka, ndayenza imicimbi yokumkani. Ndamangaliswa yimbonakalo leyo; kwakungekho uyiqondayo. |
← Daniel (8/12) → |