| ← Daniel (6/12) → |
| 1. | Kwakholeka kuDariyo ukumisa phezu kobukumkani iirhuluneli ezilikhulu elinamashumi amabini, ukuze zibe sebukumkanini bonke. |
| 2. | Wamisa phezu kwazo ezo abongameli babathathu, omnye kubo inguDaniyeli, ukuze iirhuluneli zinike ingxelo kubo, aze ukumkani angabi nankxwaleko. |
| 3. | Waza lo Daniyeli wabongamela abongameli nabaziirhuluneli, ngokokuba egqithisele kubongameli ngomoya omhle; ukumkani wacinga ngokummisa phezu kobukumkani bonke. |
| 4. | Baza abongameli nabaziirhuluneli bafuna, ukuba bafumane ithuba ngakuDaniyeli mayela nobukumkani. Ke ababanga nako ukufumana nalinye ithuba, nantlondi imbi, ngenxa enokuba ebethembekile; bekungafumaneki nanye imposiso nantlondi imbi kuye. |
| 5. | Aza loo madoda athi, Asiyi kufumana nalinye ithuba ngakulo Daniyeli, ngaphandle kokuba silifumane kuye mayela nomthetho woThixo wakhe. |
| 6. | Baza abo bangabongameli nabaziirhuluneli beza kukumkani bedlongozela, batsho kuye ukuthi, Kumkani Dariyo, phila ngonaphakade! |
| 7. | Bonke abongameli bobukumkani, nabathetheli bomkhosi, neerhuluneli, namaphakathi, namabamba, bavumelene ngecebo lokuba ukumkani amise ummiselo, aqinise isalelo sokuthi: Bonke abathandaza umthandazo nakongubani, uthixo nomntu, ongenguwe, kumkani, ngeentsuku ezimashumi mathathu, mabajulelwe emhadini weengonyama. |
| 8. | Kaloku ke, kumkani, siqinise isalelo, uwubhale umbhalo, ongenakuguqulwa wona, ngokomthetho wamaMedi namaPersi, ongenakutshitshiwa bani. |
| 9. | Ngenxa yoko ukumkani uDariyo wawubhala umbhalo lowo, isalelo eso. |
| 10. | Ke kaloku uDaniyeli, akwazi ukuba umbhalo lowo ubhaliwe, wangena endlwini yakhe; ibe neefestile zivulekile egumbini lakhe eliphezulu, elikhangele eYerusalem. Waguqa ngamadolo akhe izihlandlo ezithathu ngemini, wathandaza, wabulela phambi koThixo wakhe, ngenxa enokuba ebesenjenjalo kakade. |
| 11. | Aza adlongoza la madoda, amfumana uDaniyeli ethandaza, etarhuzisa phambi koThixo wakhe. |
| 12. | Ezo asondela, athetha phambi kokumkani ngesalelo sokumkani, athi, Akusibhalanga na isalelo sokuthi: Bonke abathandaza nakongubani, uthixo nomntu, ongenguwe, kumkani, ngeentsuku ezimashumi mathathu, mabajulelwe emhadini weengonyama? Waphendula ukumkani wathi, Loo nto iqinisekile ngokomthetho wamaMedi namaPersi, ongenakutshitshiswa bani wona. |
| 13. | Aza aphendula athi phambi kokumkani, UDaniyeli, ongowakoonyana abathinjiweyo bakwaYuda, akakhathali nguwe, kumkani, nasesi salelo usibhalileyo; ke uthandaza umthandazo wakhe kathathu ngemini. |
| 14. | Waza ukumkani, akuweva loo mazwi, weva kakubi kakhulu ngayo loo nto. Wamnyamekela uDaniyeli ukuba amsindise, wazama ukuba amhlangule, lada latshona ilanga. |
| 15. | Aza la madoda eza edlongozela kukumkani, athi kukumkani, Yazi, kumkani, ukuba amaMedi namaPersi anomthetho wokuba singabi nakuguqulwa sonke isalelo nommiselo, abewumisile ukumkani. |
| 16. | Watsho ke ukumkani; bamzisa uDaniyeli, bamjulela emhadini weengonyama. Waphendula ukumkani wathi kuDaniyeli, Wanga uThixo wakho, ombusa ngamaxesha onke, angakusindisa. |
| 17. | Kwaziswa ilitye, labekwa phezu komlomo womhadi; ukumkani walitywina ngomsesane wakhe wokutywina, nangomsesane wokutywina wezikhulu zakhe, ukuze kungaguqulwa nto mayela noDaniyeli. |
| 18. | Waza ukumkani waya ebhotweni lakhe, wabugqiba ubusuku ezila ukudla; akwaziswa zintombi zingqungqayo phambi kwakhe, waphelelwa bubuthongo. |
| 19. | Waza ukumkani wavuka ngesifingo kwakusasa, waya emhadini weengonyama ngobungxamo. |
| 20. | Akusondela emhadini, wadanduluka kuDaniyeli ngezwi elibuhlungu. Wasusela ukumkani, wathi kuDaniyeli, Daniyeli, mkhonzi woThixo ophilileyo, uThixo wakho, obuhlala umbusa, ube nako na ukukusindisa ezingonyameni? |
| 21. | Waza uDaniyeli wathi kukumkani, Kumkani, phila ngonaphakade! |
| 22. | UThixo wam uthume isithunywa sakhe, sayivingca imilomo yeengonyama, ukuba zingandenzakalisi, ngenxa enokuba phambi kwakhe kufumaneke ukuba ndimsulwa; naphambi kwakho, kumkani, andonanga. |
| 23. | Waza ukumkani wavuya kunene, wathi uDaniyeli makanyuswe emhadini. Wenyuswa ke uDaniyeli. Akwafumaneka nasinye isenzakalo kuye; ngokuba ebekholwe kuThixo wakhe. |
| 24. | Ukumkani wayalela, aziswa loo madoda ebemncethezile uDaniyeli, bawajulela emhadini weengonyama, wona nabantwana bawo, nabafazi bawo; zaza, bengekafiki nokufika emzantsini womhadi, iingonyama zabagonyamela, zawacola onke amathambo abo. |
| 25. | Waza uDariyo ukumkani wabhalela kuzo zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi, ebezihleli ehlabathini lonke, wathi: Uxolo lwenu malube lukhulu! |
| 26. | Ndiwisa umthetho wokuba bathi, ezindaweni zonke zegunya lobukumkani bam, badidizele bothuke abantu phambi koThixo kaDaniyeli. Ngokuba unguThixo ophilileyo, emi ngonaphakade; ubukumkani bakhe abonakaliswa, negunya lakhe liya kuda liye ekupheleni; |
| 27. | esindisa, ehlangula, esenza imiqondiso nezimanga emazulwini nasehlabathini; ngokuba emsindisile uDaniyeli emandleni eengonyama. |
| 28. | Lo Daniyeli waba nempumelelo ebukumkanini bukaDariyo, nasebukumkanini bukaKoreshi umPersi. |
| ← Daniel (6/12) → |