← Daniel (11/12) → |
1. | Nam ke, ngomnyaka wokuqala kaDariyo umMedi, ndema ukuba ndimomeleze ndimhlanganisele. |
2. | Ngoku ke ndiya kukuxelela inyaniso. Yabona, kusaza kusuka kume ookumkani abathathu kumaPersi, nowesine uya kutyeba ngobutyebi obukhulu kunabo bonke; athi, xa omeleleyo ngobutyebi bakhe, abaxhokonxe bonke, baye kulwa nobukumkani bakwaYavan. |
3. | Kosuka kume ukumkani oligorha alawule ngolawulo olukhulu, enze ngokukholeka kuye. |
4. | Buya kuthi, xa athe wesuka wema, buqhekezwe ubukumkani bakhe, bahlulelwe emimoyeni yomine yasezulwini, bungabi bobempunde yakhe, bungabi njengolawulo lwakhe abelawula ngalo; kuba buya kunyothulwa ubukumkani bakhe, bube bobabambi, bungabi bobayo. |
5. | Ke uya komelela ukumkani wasezantsi; omnye kubathetheli bakhe omelele ngaphezu kwakhe, alawule; lube lulawulo olukhulu ulawulo lwakhe. |
6. | Bodibana ekupheleni kweminyaka; ithi intombi yokumkani wasezantsi ingene kukumkani wasentla, ukuba balungisane. Ke iya kuwa ingalo yayo; angemi yena, nengalo yakhe iwe; inikelwe yona, nababeyingenisile, nowayizalayo, nowayomelezayo ngaloo maxesha. |
7. | Kophuma ke ehlumelweni leengcambu zayo omnye osendaweni yakhe; aye empini, aye ezinqabeni zokumkani wasentla, azenze ngendawo, eyise. |
8. | Wothimba, azise eYiputa noothixo babo, kunye nemifanekiso yabo etyhidiweyo, kunye neempahla zabo ezinqwenelekayo, isilivere negolide; amise yena iminyaka phambi kokumkani wasentla. |
9. | Wongena ebukumkanini bokumkani wasezantsi, abuyele emhlabeni wakhe. |
10. | Oonyana bakhe baya kuxhoba, bahlanganise imfidi yeempi ezininzi, ize nokuza, ikhukule, idlule, ibuye; balwe, bade base enqabeni yakhe. |
11. | Wocaphuka ukumkani wasezantsi, aphume alwe naye, nokumkani wasentla lowo; yena ke amise imfidi enkulu, ke imfidi leyo inikelwe esandleni sakhe. |
12. | Yothi imfidi yakusuka iziphakamise, awise amawaka-waka angamashumi; ke angeyisi noko. |
13. | Wobuya ukumkani wasentla, amise imfidi enkulu ngaphezu kweyokuqala, eze nokuza ekupheleni kwamaxesha eminyaka, enempi enkulu neempahla ezininzi. |
14. | Ngaloo maxesha kuya kusukela phezulu abaninzi ngakukumkani wasezantsi; baziphakamise oonyana abangamanyangaza abantu bakowenu, ukuba bawumise umbono; bakhubeke. |
15. | Wofika ukumkani wasentla, afumbe udonga lokungqinga, ayithimbe imizi enqatyisiweyo; iingalo zasezantsi zingamisi, nabantu bakhe abahleliweyo bangabi namandla okuma. |
16. | Ofikayo khona uya kwenza ngokuthanda kwakhe, kungabikho umisayo phambi kwakhe, amise yena ezweni eliligugu, atshabalalise ngesandla sakhe. |
17. | Wobubhekisa ubuso bakhe ekuthini eze enokuqina kobukumkani bakhe bonke, ecinga ukulungisa; enze ke; amnike intombi yabafazi, ukuze ayonakalise. Ke ayiyi kuma, ayiyi kuba lutho kuye. |
18. | Uya kujika, abhekise eziqithini, azithimbe ezininzi, aphelise abaphathi, kuthi cwaka ukungcikiva kwabo kubo; ke ukungcikiva kwakhe baya kukubuyisela kuye. |
19. | Wojika, abhekise ezinqabeni zelizwe lakhe, akhubeke, awe, angafunyanwa. |
20. | Endaweni yakhe kuya kusuka kume ocandisa abaqhubi babantu ebungangamsheni bobukumkani; ngeentsuku ezimbalwa aphulwe, kungabi ngamisindo, kungabi ngamfazwe. |
21. | Endaweni yakhe kuya kusuka kume odelekileyo, ongayi kunikwa ndili yabukumkani; eze ngokwalama, abuhlasele ubukumkani ngokunyhwalaza. |
22. | Iingalo ezikhukulayo ziya kukhukuliswa, zimke ebusweni bakhe, zaphulwe, kwanenganga yomnqophiso. |
23. | Wothi, kuseloko akukhova ukuthelela kuzo, enze ngenkohliso, anyuke, azuze namandla ngohlanga olungephi. |
24. | Uya kungena ngokwalama nasezindaweni ezityebileyo zelizwe, enze abangakwenzanga ooyise, nooyise booyise. Uya kukwenza amachithi phakathi kwabo okuphangiweyo, namaxhoba, neempahla zazo, acinge iingcinga zakhe ngeenqaba okwexeshana. |
25. | Woxhokonxela amandla akhe nentliziyo yakhe kukumkani wasezantsi, enempi enkulu. Ukumkani wasezantsi uya kuxhobela imfazwe, enempi enkulu, encamise ngamandla; ke akayi kuma, kuba baya kwenza iyelenqe ngaye. |
26. | Abadla umamkeliso wakhe bomaphula, ikhukule impi yakhe, bawe ababuleweyo babe baninzi. |
27. | Ookumkani abo babini, iintliziyo zabo ziya kutsalela ekwenzeni ububi, bathethe amanga sithebeni sinye. Akuyi kuba nampumelelo, kuba isiphelo sisaya exesheni elimisiweyo. |
28. | Wobuyela ke ezweni lakhe enempahla eninzi, intliziyo yakhe iwuchase umnqophiso ongcwele, afeze, abuyele ke ezweni lakhe. |
29. | Ngexesha elimisiweyo uya kubuya aye ngasezantsi; ekupheleni kungabi njengoko bekunjalo ekuqaleni. |
30. | Ziya kuza kuye iinqanawa zamaKiti; uya kukhohlwa, abuye, awubhavumele umnqophiso ongcwele, afeze, abuye, abaqonde abashiya umnqophiso ongcwele. |
31. | Iingalo zakwakhe zosuka zime, ziyihlambele ingcwele, kwainqaba, zisuse inkonzo yamaxesha onke, zimise izinto ezinezothe, eziphanzisayo. |
32. | Abaphatha umnqophiso ngokungendawo wobahlambela ngamazwi agudileyo, ke bona abantu abamaziyo uThixo wabo babambelele kuwo, bafeze. |
33. | Abanengqiqo ebantwini boluqondisa uninzi, ukanti baya kukhubeka, bawe likrele nalilangatye, kukuthinjwa nakukuphangwa, kube ziintsuku. |
34. | Ekukhubekeni kwabo, baya kuncedwa ngoncedo oluncinane, bathelele kubo abaninzi, benyhwalaza. |
35. | Yokhubeka inxenye yabanengqiqo, ukuze bacikidwe phakathi kwabo, bahlanjululwe, kwenziwe mhlophe, kude kube lixesha lokuphela; kuba kusaya kuba ngokwexesha elimisiweyo. |
36. | Ukumkani uya kwenza ngokukholeka kuye, azinyuse, azikhulise ngaphezu koothixo bonke, athethe amazwi abalulekileyo ngoThixo woothixo, abe nempumelelo, lude luphele ubhavumo; ngokuba kuyenzeka okumisiweyo, kwagqitywa. |
37. | Akayi kubaqonda oothixo booyise, nokunqwenelekayo kubafazi, nothixo onguwumbi angamqondi, kuba uya kuzikhulisa ngaphezu kwabo bonke. |
38. | Endaweni yabo wozukisa uthixo weenqaba, uthixo ababengamazi ooyise; amzukise ngegolide, nangesilivere, nangamatye anqabileyo, nangezinto ezinqwenelekayo. |
39. | Wokwenzela oku iinqaba ezinqatyisiweyo ngothixo wolunye uhlanga; lo umbukayo, uya kumandisela uzuko, amphathise abaninzi, amabele umhlaba ngokumvuza. |
40. | Ngexesha lokuphela uya kuhlabana nokumkani wasezantsi; ukumkani wasentla adlongozele aye kuye, eneenqwelo zokulwa, nabamahashe, neenqanawa ezininzi; awangenele amazwe, akhukule, adlule. |
41. | Wongena ezweni eliligugu, bakhubeke abaninzi; ke aba baya kusinda esandleni sakhe: ooEdom, noMowabhi, nentlahlela yoonyana baka-Amon. |
42. | Uya kusolula isandla sakhe emazweni la, nelizwe laseYiputa aliyi kusinda. |
43. | Woba ngumphathi wobutyebi begolide nobesilivere, nobezinto zonke ezinqwenelekayo zaseYiputa; omlandela amaLibhi namaKushi. |
44. | Ziya kumkhwankqisa iindaba ezivela empumalanga nasentla, aphume enobushushu obukhulu, ukuze abatshabalalise, abasingele phantsi abaninzi. |
45. | Wozitwabulula iintente zebhotwe lakhe phakathi kweelwandle, ngasentabeni engcwele eligugu, afike ke ekupheleni kwakhe, kungabikho umncedayo. |
← Daniel (11/12) → |