← Daniel (10/12) → |
1. | Ngomnyaka wesithathu kaKoreshi ukumkani wamaPersi, watyhilelwa ilizwi uDaniyeli, ogama libizwa ngokuba nguBheletshatsare. Elo zwi liyinyaniso, lisingisele eluzengezengeni ke olukhulu; waliqonda elo lizwi, waba nokuwuqonda umbono. |
2. | Ngayo loo mihla mna, Daniyeli, bendisenza isijwili iintsuku zonke zeeveki ezintathu. |
3. | Andidlanga sonka sinencasa, akungenanga nyama nawayini emlonyeni wam, andizithambisanga, zada zazaliseka iintsuku zonke zeeveki ezintathu. |
4. | Ngomhla wamashumi amabini anane wenyanga yokuqala, mna ndaba secaleni lomlambo omkhulu oyiHidekele. |
5. | Ndawaphakamisa amehlo am, ndabona: nantso indoda yambethe ilinen emhlophe, ibhinqe esinqeni sayo igolide ecikizekileyo yaseUfazi. |
6. | Umzimba wayo wawunjengekrizolite, ubuso bayo ngathi ngumbane, ukubonakala kwabo; amehlo ayo enjengezikhuni ezitshangatshangiswayo; iingalo zayo neenyawo zayo zibonakala ngathi lubhedu olubengezelisiweyo; nesandi samazwi ayo ngathi sisandi sengxokolo yabantu. |
7. | Mna, Daniyeli, ndawubona ndedwa umbono lowo; amadoda abenam akawubonanga umbono; kodwa awelwa kukugubha okukhulu, abaleka azimela. |
8. | Mna ndasala ndedwa, ndayibona le mbonakalo inkulu, ndaphelelwa ngamandla, nebala lobuso bam lasuka lajika, lonakala kum, ndaphelelwa ngamandla. |
9. | Ndasiva isandi samazwi ayo; ndakusiva ke isandi samazwi ayo, ndawa mna, ndawa isiduli ngobuso, ubuso bam bubheke emhlabeni. |
10. | Ndeva naso isandla sindichukumisa, sandimisa ngamadolo am nangeentende zezandla zam ezihexayo. |
11. | Yathi kum, Daniyeli, ndoda inqwenelekayo, waqonde amazwi endiwathetha kuwe, ume endaweni yokuma kwakho; kuba ndithunyiwe ngokunje kuwe. Ithe yakulithetha kum elo lizwi, ndesuka ndema ndithuthumela. |
12. | Yathi kum, Musa ukoyika, Daniyeli, kubakususela kumhla wokuqala, owayinikelayo intliziyo yakho ekuqondeni nasekuzithobeni phambi koThixo wakho, aviwa amazwi akho, mna ke ndize ngenxa yamazwi akho. |
13. | Ke umthetheli wobukumkani bamaPersi wamelana nam imihla engamashumi amabini anamnye; uyabona, uMikayeli, omnye wakubathetheli abaziintloko, weza kundinceda; mna ndamoyisa khona, kookumkani bamaPersi. |
14. | Ndize kukuqondisa ke okuya kubahlela abantu bakowenu ekupheleni kwemihla; kuba umbono lo usengowemihla leyo. |
15. | Ithe ekuthetheni kwayo nam ngokwala mazwi, ndabubhekisa ubuso bam emhlabeni, ndasisidenge. |
16. | Nanko ofana noonyana babantu, echukumisa umlomo wam. Ndawuvula umlomo wam, ndathetha, ndathi kulo umi phambi kwam, Nkosi yam, ngenxa yembonakalo indifikele inimba yam, ndaphelelwa ngamandla. |
17. | Angathini na ke ukuba nako umkhonzi wenkosi yam le, ukuthetha nenkosi yam le? Mna okwam andisenamandla, akusekho mphefumlo kum. |
18. | Waphinda wandichukumisa onjengomntu, ukubonakala kwakhe, wandomeleza. |
19. | Wathi, Musa ukoyika, ndoda inqwenelekayo, yiba noxolo; yomelela, yomelela. Uthe ekuthetheni kwakhe nam ndomelezeka, ndathi, Mayithethe inkosi yam, kuba undomelezile. |
20. | Wathi, Uyazi na into endize ngayo kuwe? Ngoku ke ndiya kubuya ndiye kulwa nomthetheli wamaPersi; ndiphuma nje, nanko umthetheli wakwaYavan esiza. |
21. | Noko ke ndiya kukuxelela okubhaliweyo esibhalweni senyaniso. Akukho namnye womelezana nam ngakwabo, ngaphandle kukaMikayeli, umthetheli wenu. |
← Daniel (10/12) → |