| Daniel (1/12) → |
| 1. | Ngomnyaka wesithathu wobukumkani bukaYehoyakim ukumkani wakwaYuda, kweza uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli eYerusalem, wayingqinga. |
| 2. | INkosi yamnikela uYehoyakim ukumkani wakwaYuda esandleni sakhe, nenxalenye yeempahla zendlu kaThixo, awazithwalela ezweni laseShinare, endlwini yothixo wakhe; iimpahla ezo wazingenisa endlwini yobuncwane bothixo wakhe. |
| 3. | Wathi ukumkani kuAshpenazi, umthetheli-mathenwa akhe, makazise abakoonyana bakaSirayeli, nabembewu yakwakumkani, nabakumawaba; |
| 4. | abantwana abangenasiphako, abanomkhitha, ababuqiqileyo ubulumko bonke, abanokwazi, abanokuyiqonda bayazi into, abafanele ukuma ebhotweni lokumkani; abafundise incwadi nolwimi lwamaKaledi. |
| 5. | Ukumkani wabamisela umamkeliso wemini ngangemini yawo, ekudleni kokumkani nasewayinini ayiselayo, ukuze bondliwe iminyaka emithathu; bathi ekupheleni kwayo beme phambi kokumkani. |
| 6. | Ke phakathi kwabo abo kwaye kukho abakoonyana bakaYuda, inguDaniyeli, noHananiya, noMishayeli, noAzariya. |
| 7. | Umthetheli-mathenwa wabathiya amagama; uDaniyeli wamthiya elokuba nguBheletshatsare, uHananiya elokuba nguShadraki, uMishayeli elokuba nguMeshaki, uAzariya elokuba nguAbhede-nego. |
| 8. | Ke kaloku, uDaniyeli wayegqibe entliziyweni yakhe, ukuba angazingcolisi ngokudla kokumkani nangewayini ayiselayo; wacela kumthetheli-mathenwa ukuba angazingcolisi. |
| 9. | UThixo wenza uDaniyeli ukuba afumane inceba nemfesane phambi komthetheli-mathenwa. |
| 10. | Umthetheli-mathenwa wathi kuDaniyeli, Ndiyayoyika inkosi yam ukumkani, omise eniya kukudla neniya kukusela; yini na ukuba abubone ubuso benu buthe matshamatsha kunobabaya baziintanga zenu? Noyizekisa ityala intloko yam kukumkani. |
| 11. | Wathi uDaniyeli kwinjoli, abethe umthetheli-mathenwa wayimisa phezu koDaniyeli, noHananiya, noMishayeli, noAzariya, |
| 12. | Khawubalinge abakhonzi bakho iintsuku ezilishumi, sinikwe sidle imifuno, sisele namanzi; |
| 13. | kukhangelwe phambi kwakho ukubonakala kwethu, nokubonakala kwabantwana abadla ukudla kokumkani; wenze ke kubakhonzi bakho njengoko ubone ngako. |
| 14. | Yabaphulaphula ke kweli lizwi, yabalinga iintsuku ezilishumi. |
| 15. | Ekupheleni kweentsuku ezilishumi, yabonakala imbonakalo yabo intle, betyebile, ngaphezu kwabantwana bonke abadla ukudla kokumkani. |
| 16. | Yakususa ke injoli ukudla kwabo, newayini abange beyisela, yabanika imifuno. |
| 17. | Abo bantwana bane uThixo wabanika ukwazi, nokuziqonda iincwadi zonke, nobulumko; uDaniyeli waba nokuyiqonda imibono yonke, namaphupha. |
| 18. | Ekupheleni kweentsuku, abethe ukumkani maze baziswe ngazo, umthetheli-mathenwa wabangenisa ke phambi koNebhukadenetsare. |
| 19. | Ukumkani wathetha nabo; kubo bonke bephela akufumanekanga banjengoDaniyeli, noHananiya, noMishayeli, noAzariya. Bema ke bona phambi kokumkani. |
| 20. | Ke kuzo zonke iindawo zobulumko bokuqonda, abezibuza kubo ukumkani, wabafumana bebadlula ngokukalishumi zonke izazi nabakhwitsi abasebukumkanini bonke. |
| 21. | Ke kaloku uDaniyeli waba lapho, kwada kwangumnyaka wokuqala kaKoreshi ukumkani. |
| Daniel (1/12) → |