← Colossians (3/4) → |
1. | Ukuba ngoko navuswa kunye noKristu, funani izinto zaphezulu, apho akhona uKristu, ehleli ngasekunene kukaThixo. |
2. | Nyamekelani izinto zaphezulu, zingabi zezasemhlabeni. |
3. | Kuba nafayo, baye ubomi benu bufihlakele ndawonye noKristu kuye uThixo. |
4. | Xa athe wabonakalaliswa uKristu, obubomi bethu, ngelo xesha niya kubonakalaliswa nani, ninaye ebuqaqawulini. |
5. | Bhubhisani ngoko amalungu enu asemhlabeni: umbulo, ukungcola, ukuthabatheka okuhlazisayo, inkanuko embi, nokubawa, okuyinkonzo yezithixo kona oko; |
6. | eza ngenxa yezo zinto ingqumbo kaThixo phezu kwabangevayo; |
7. | enanifudula nihamba phakathi kwazo nani, okuya nibe nisidla ubomi nikuzo. |
8. | Ke ngoku, nani aba, kulahleni oku konke: ingqumbo, umsindo, ulunya, ukunyelisa; ukuthetha amanyala kungabikho emlonyeni wenu. |
9. | Musani ukuxokisana, nizihlubile nje umntu omdala, kunye nezenzo zakhe, |
10. | nambatha lowo umtsha, uhlaziyelwa ekwazini okuhle, ngokomfanekiselo walowo wamdalayo; |
11. | apho kungekho mGrike namYuda, kwaluka nokungaluki, mbharbhari namSkitiya, khoboka namkhululeki; usuke uKristu waba zizinto zonke, waba kubo bonke. |
12. | Yambathani ngoko, njengabanyulwa bakaThixo, abangcwele, abathandiweyo, iimfesane zeemfefe, ububele, ukuthobeka kwentliziyo, ubulali, ukuzeka kade umsindo, |
13. | ninyamezelana, nixolelana, ukuba ubani uthi abe nokusola ngakubani; njengokuba naye uKristu wanixolelayo, yenjani njalo nani. |
14. | Ke, phezu kwazo zonke ezo zinto, yalekani uthando, oluyintambo yogqibelelo. |
15. | Uxolo lukaThixo, enabizelwa kwakulo mzimbeni mnye, malulawule ezintliziyweni zenu, nibe nokubulela. |
16. | Ilizwi likaKristu malihlale ngaphakathi kwenu ngokobutyebi; nifundisana, nilulekana ngabo bonke ubulumko; nithi, ngeendumiso neengoma nezango ezizezomoya, nivume kamnandi entliziyweni yenu kuyo iNkosi. |
17. | Nako konke enisukuba nikwenza ngelizwi, nokuba kungomsebenzi, yenzani izinto zonke egameni leNkosi uYesu, nibulela ngayo kuye uThixo uYise. |
18. | Nina bafazi, walulameleni awenu amadoda, njengoko kufanele abaseNkosini. |
19. | Nina madoda, bathandeni abafazi benu, ningabi bukhali kubo. |
20. | Nina bantwana, balulameleni abazali benu ezintweni zonke; kuba oko kukholekile kuyo iNkosi. |
21. | Nina boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu, ukuze bangafi iintliziyo. |
22. | Nina bakhonzi, balulameleni ezintweni zonke abaziinkosi zenu ngokwenyama; kungabi ngankonzo yamehlo, ngathi ningabakholisi-bantu; makube ngokwentliziyo engenakumbi, nisoyika uThixo. |
23. | Nako konke enisukuba nikwenza, kusebenzeni ngokwasemphefumlweni, kunge kukwiNkosi, akukhona kubantu; |
24. | nisazi nje ukuba niya kuyamkela eNkosini imbuyekezo yelifa; kuba nikhonza iNkosi uKristu. |
25. | Lowo umonayo omnye uya kukuthwala oko kona one ngako; kanjalo akukho kukhetha buso bamntu. |
← Colossians (3/4) → |