Amos (1/9) → |
1. | Amazwi ka-Amosi, obengowakubo abalusi baseTekowa, awawabonayo ngokusingisele kwaSirayeli, ngemihla kaUziya ukumkani wakwaYuda, ngemihla kaYarobheham unyana kaYowashe, ukumkani wakwaSirayeli, iminyaka emibini phambi konyikimo. |
2. | Wathi: UYehova uyabharhula eZiyon, akhuphe ilizwi lakhe eYerusalem, amakriwa abalusi enze isijwili, incopho yeKarmele yome. |
3. | Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zeDamasko, ngenxa yezineandiyi kuyibuyisa umva le ntongenxa yokuba bambhulayo uGiliyadi ngezibhulo zesinyithi: |
4. | ndiya kuphosa umlilo endlwini kaHazayeli, utshise iingxande ezinde zikaBhen-hadade. |
5. | Ndowaphula umvalo weDamasko, ndinqumle ummi wasesihlanjeni seAven, nophethe intonga yobukumkani eBhete-eden; bathinjwe abantu bakwa-Aram, baye eKire; utsho uYehova. |
6. | Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zeGaza, ngenxa yezineandiyi kuyibuyisa umva le ntongenxa yokuthimba kwabo abathinjwa ngokuzeleyo, ukuze babanikele kuEdom: |
7. | ndiya kuthumela umlilo eludongeni lweGaza, utshise iingxande zayo ezinde. |
8. | Ndomnqumla omiyo eAshdode, nophethe intonga yobukumkani eAshkelon; ndisibuyisele isandla sam phezu kwe-Ekron, atshabalale amasalela amaFilisti; itsho iNkosi uYehova. |
9. | Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zeTire, ngenxa yezineandiyi kuyibuyisa umva le ntongenxa yokubanikela kwabo abathinjwa bephelele kuEdom, abawukhumbula umnqophiso wobuzalwana: |
10. | ndiya kuthumela umlilo eludongeni lweTire, utshise iingxande zayo ezinde. |
11. | Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zakwaEdom, ngenxa yezineandiyi kuyibuyisa umva le ntongenxa yokumsukelisa kwakhe umzalwana wakhe ngekrele, eyilahlile imfesane yakhe, umsindo wakhe uhlala uqwenga, emana egcine ukuphuphuma komsindo wakhe: |
12. | ndiya kuthumela umlilo kwaTeman, utshise iingxande ezinde zaseBhotsera. |
13. | Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zoonyana baka-Amon, ngenxa yezineandiyi kuyibuyisa umva le nto ngenxa yokuqangqulula kwabo abamithiyo baseGiliyadi, ukuze bandise umda wabo: |
14. | ndiya kubasa umlilo eludongeni lweRabha, utshise iingxande zayo ezinde, kuhlatywa umkhosi ngemini yokulwa, kukho umoya ovuthuzayo ngemini yesaqhwithi. |
15. | Uya kuthinjwa emke ukumkani wabo, yena nabathetheli bakhe kunye naye; utsho uYehova. |
Amos (1/9) → |