Acts (27/28)  

1. Ke kaloku, kwakugqitywa kwelokuba sisuke ngomkhombe siye kwelaseItali, bamnikela uPawulos kwanabanye ababanjwa abathile kumthetheli-khulu, ogama linguYuliyo, webutho loMhlekazi.
2. Singenile ke emkhombeni waseAdramita, sisiza kudlula ngakwimimandla yelaseAsiya, sanduluka, kwakubon’ ukuba uAristarko, umMakedoni waseTesalonika, unathi.
3. Sathi ngengomso safika eTsidon; waza uYuliyo wamphatha uPawulos ngobubele, wamvumela ukuba aye ezihlotyeni zakhe, ongiwe.
4. Sanduluka nalapho, sahamba ngomkhombe, sabetha ezantsi kweSipro, ngenxa yokuba imimoya ibivela ngaphambili.
5. Sakulucanda nolwandle olungakwelaseKiliki nelasePamfili, safika eMira yelaseLiki.
6. Apho ke umthetheli-khulu wafumana umkhombe wakwa-Alesandire, usiya kwelaseItali, wasikhwelisa kuwo.
7. Ke kaloku iintsuku zanela sihamba kancinane, kwaba ngenkankulu ukuba sifike ngaseKinido. Uthe wakuba umoya ungasivumeli ukuba sisondele, sabetha ezantsi kweKrete ngaseSalimone.
8. Saza sadlula kuyo ngenkankulu, safika ndaweni ithile kuthiwa ngamaChweba aMahle, obukufuphi kuyo umzi waseLaseya.
9. Lithe ke lakudlula ixesha elaneleyo, nokuhamba ngomkhombe kunengozi, ngenxa yokuba nozilo beluse ludlule, uPawulos wamana ebaluleka,
10. esithi kubo, Madoda, ndiyabona ukuba uhambo olu luza kuba nenkxwaleko nokonakala okukhulu, kungekwamthwalo namkhombe wodwa, kukokobomi bethu nabo.
11. Kodwa umthetheli-khulu wayethambele okomqhubi nokomninimkhombe ukuthetha, kunokukaPawulos.
12. Ke kaloku, ichweba lingakulungele nje ukuba kudluliswe busika kulo, abona baninzi kubo baceba ukuba kundulukwe khona, ukuba mhlawumbi banganokufikelela badlulise ubusika eFinikis, elichweba laseKrete; elibheke kwintshonalanga engasezantsi, nakwintshonalanga engasentla.
13. Kuthe ke, wakubetha impepho umoya wasezantsi, beba bakuzuzile ababekungxamele, banduluka, badlula kufuphi neKrete.
14. Kodwa kungekabi mzuzu, kwagaleleka khona umoya osisaqhwithi, ekuthiwa yiYuroklidon.
15. Kuthe ke kwakubon’ ukuba uthiwe hlasi umkhombe, awaba nako ukumelana nomoya, sasesiwuyeka; saqhutywa.
16. Sathi sakubaleka ke, sibetha ngaphantsi kwesiqithana esithile, ekuthiwa yiKlawuda, kwaba ngenkankulu ukuba sibe nako ukuwubamba umkhonjana;
17. abathe bakuwufunqula, basebenza ngezinto zokunceda, bewubhinqisa umkhombe; kananjalo bathi, besoyika ukuba bangeyela esihlabeni, bazifinyeza iiseyile, baqhutywa benjalo.
18. Sithe ke, sakubon’ ukuba ke sibandezelwe kakubi liliqhwa, ngomhla olandelayo bawuphungula umthwalo;
19. nangowesithathu sayilahla ngezandla zethu impahla yomkhombe.
20. Kuthe ke, kwakubon’ ukuba akubonakali langa nankwenkwezi iintsuku ezininzi, kucinezele neliqhwa elingelincinane, laphela kwathi tu lonke ithemba lokuba singasindiswa.
21. Emva kokuzila ukudla ixesha elide, wesuka wema uPawulos phakathi kwabo, wathi, Hina madoda, ninge naniphulaphule kum, ananduluka eKrete, nizuzane nale nkxwaleko noku konakala.
22. Nangoku ndiyaniluleka ukuba nibe nomxhelo owonwabileyo; kuba kuni aba, akukho uya kulahlekelwa bubomi bakhe, yoba ngumkhombe wodwa.
23. Kuba ngobu busuku bekumi ngakumisithunywa sikaThixo, endingowakhe, endimkhonzayo,
24. sisithi, Musa ukoyika, Pawulos, umelwe kukuma phambi koKesare; uyabona, uThixo ukubabale ngabo bonke abasemkhombeni nawe.
25. Kungoko ndithi, Yibani nomxhelo owonwabileyo, madoda; kuba ndiyakholwa nguThixo, ukuba kuya kuba njalo ngolo hlobo athethe ngalo kum.
26. Kodwa simelwe kukuphoseka siqithini sithile.
27. Ke kaloku, kwakufika ubusuku beshumi elinesine, sakubon’ ukuba siqhutywaqhutywa ngumoya eAdriya, mayela phakathi kobusuku, oomatrose bazindla ukuba kukho mhlaba uthile basondelayo kuwo.
28. Baza bakuba beyiphosile ilothe, bafumana ukuba ziifatom ezimashumi mabini; bethe tyi ke kancinane, baphinda bayiphosa ilothe, bafumana ukuba ziifatom ezilishumi elinantlanu.
29. Baza, besoyika ukuthi bangaphoseka ezindaweni ezibungqagala, baphosa iiankile zane esinqeni somkhombe, banga kungasa.
30. Ke kaloku, bakubon’ ukuba oomatrose bangxamele ukubaleka baphume emkhombeni, bewuhlisele elwandle umkhonjana, bengathi baza kuyekelela iankile ngaphambili,
31. wathi uPawulos kumthetheli-khulu nakumasoldati, Ukuba aba abathanga bahlale emkhombeni, aninakusindiswa nina.
32. Andula amasoldati azinqamla iintsontelo zomkhonjana, awuyeka wawa, wemka.
33. Ke kaloku kwada kwaza kusa, uPawulos ebabongoza bonke ukuba badle ukudla, esithi, Namhla ngumhla weshumi elinesine nilinda, nimana nizila ukudla, ningafaki nto emlonyeni;
34. ke ngoko ndiyanibongoza ukuba nidle ukudla; kuba oko kuyelelene nokusindiswa kwenu; kuba akuyi kuwa nalunwele lwentloko kabani kuni.
35. Ke kaloku, akuba etshilo, wathabatha isonka, wabulela kuThixo emehlweni abo bonke; waqhekeza, waqala wadla.
36. Bonke ke baba nomxhelo owonwabileyo, bathabatha ukudla nabo.
37. Saye ke emkhombeni apho sonke siyimiphefumlo emakhulu mabini anamanci asixhenxe anamithandathu.
38. Bathe ke, bakuhlutha, bawenza khaphukhaphu umkhombe, beyiphosa elwandle ingqolowa.
39. Kwakusa ke, abawazanga loo mhlaba; ke babona ichwetyana elithile linonxweme, babhunga ukuwutyhalela kulo umkhombe, ukuba bangaba nako.
40. Baza, bezinqumla zonke iiankile, baziyekela elwandle, bezikhulule kunye nezibophelelo zemithi yokujika; bayitwabulula iseyilana ngasemoyeni, babhekisa elunxwemeni.
41. Bakuba ke begaxeleke endaweni enolwandle ngeenxa zombini, wangqubeka khona umkhombe; umphambili wagxumekeka khona, wahlala awashukuma; ke sona isinqe saqhekeka ngamandla amaza.
42. Ke kaloku icebo lamasoldati laba lelokuba babulawe ababanjwa, hleze kubekho obaleka ngokudada, aphume.
43. Kodwa umthetheli-khulu, enga angamsindisa uPawulos, wawalela kwicebo lawo; kananjalo wathi, abo banako ukudada mabaziphose kuqala baphumele emhlabeni;
44. bathi abaseleyo, inxenye ikhwele eziplangeni, inxenye ikhwele kwezinye izinto zomkhombe. Kwaza kwathi ngokunjalo bafika emhlabeni, basinda bonke.

  Acts (27/28)