| ← Acts (22/28) → | 
| 1. | Madoda, bazalwana, nani bobawo, kuphulaphuleni ukuziphendulela kwam kuni ngoku. | 
| 2. | Bakuva ke ukuba udanduluka ngentetho yesiHebhere kubo, bazola okunye. Waza wathi: | 
| 3. | Mna ndiyindoda engumYuda; ndizalelwe okunene eTarso yelaseKiliki, kodwa ndondlelwe kulo mzi ezinyaweni zikaGamaliyeli; ndiqeqeshwe ngohlobo olucokisekileyo lomthetho woobawo, ndizondelela uThixo, njengokuba ninjalo nani nonke namhlanje. | 
| 4. | Ndingowayitshutshisayo yona le Ndlela, ndada ndesa ekufeni, ndibopha, ndifaka ezintolongweni amadoda kwanabafazi; | 
| 5. | njengokuba nombingeleli omkhulu endingqinela, nayo yonke intlanganiso yamadoda amakhulu; endamkela kubo iincwadi zokuya kubazalwana, ndahambela eDamasko, ndiya kuzisa nababekhona bebotshiwe eYerusalem, ukuze babethwe. | 
| 6. | Ke kaloku kwathi, ndihamba, ndisondela eDamasko, malunga emini enkulu, ngesiquphe ndabanekelwa ngeenxa zonke lukhanyiselo olukhulu luphuma ezulwini. | 
| 7. | Ndawa emhlabeni, ndeva ilizwi lisithi kum, Sawule, Sawule, unditshutshiselani na? | 
| 8. | Ndaphendula ke mna ndathi, Ungubani na, Nkosi? Yathi kum, Mna ndinguYesu waseNazarete, omtshutshisayo wena. | 
| 9. | Bona ke ababenam balubona okunene ukhanyiselo olo, besuka boyika; kodwa abalivanga ilizwi lalowo wayethetha nam. | 
| 10. | Ndathi ke, Ndithini na, Nkosi? Yathi ke iNkosi kum, Vuka, uye eDamasko; woxelelwa khona ngazo zonke izinto ozimiselweyo ukuba uzenze. | 
| 11. | Ndakuba ke ndingenakondela ngenxa yobuqaqawuli bolo lukhanyiselo, ndarholwa ngesandla ngabo babenam, ndafika eDamasko. | 
| 12. | Ke kaloku, Hananiya uthile, indoda emhlonelayo uThixo ngokomthetho, engqinelwe kakuhle ngawo onke amaYuda amiyo khona, | 
| 13. | weza kum, wema kufuphi, wathi kum, Sawule, mzalwana, buya ubone. Ndaza mna kwangelo lixa ndabheka phezulu kuye. | 
| 14. | Wathi ke yena, UThixo woobawo bethu ukumisile wena ukuba ukwazi ukuthanda kwakhe, umbone lowo uliLungisa, uve ilizwi eliphuma emlonyeni wakhe; | 
| 15. | ngokuba uya kuba lingqina lakhe kubo bonke abantu, lezinto ozibonileyo nozivileyo. | 
| 16. | Nakaloku usalibele yini na? Suk ume, ubhaptizwe, uhlambulule izono zakho, unqula igama leNkosi. | 
| 17. | Ke kaloku kwathi, ndakuba ndibuyele eYerusalem, ndakubon ukuba ndiyathandaza etempileni, ndaba sethongweni; | 
| 18. | ndayibona isithi kum, Ngxama, uphume kamsinya eYerusalem; ngokokuba bengayi kubamkela ubungqina bakho ngam. | 
| 19. | Ndathi mna, Nkosi, bayazi kakuhle bona ukuba mna ndandibafaka entolongweni, ndibatyabula kuzo zonke izindlu zesikhungu abo bakholwayo kuwe; | 
| 20. | naxeshikweni laphalazwayo igazi likaStefano, ingqina lakho, ndaye ndimi kufuphi nam, ndikuthakazela ukusikwa kwakhe, ndizigcinile iingubo zabo babemsika. | 
| 21. | Yathi kum, Hamba; ngokuba mna ndiya kukuthuma kude kwiintlanga. | 
| 22. | Bamphulaphula ke, wada wafika kwelo lizwi, baza baphakamisa izwi labo besithi, Msuseni emhlabeni umntu onje; kuba akufanelekile ukuba adle ubomi. | 
| 23. | Ke kaloku, bakubon ukuba bayankqangaza, belahla iingubo zabo, bephosa uthuli esibhakabhakeni, | 
| 24. | wathi umthetheli-waka, makangeniswe enqabeni yomkhosi; wathi makancinwe ngekatsi, ukuze azi ukuba kungathuba lini na ukuba benjenje ukunkqangaza ngaye. | 
| 25. | Ke kaloku, xa bamolulayo ngeentambo, wathi uPawulos kumthetheli-khulu obemi khona, Kuvumelekile na, ukuba nimtyakatye umntu ongumRoma, engagwetywanga nokugwetywa? | 
| 26. | Evile ke umthetheli-khulu, waya wabika kumthetheli-waka, esithi, Yilumkele into oza kuyenza; kuba lo mntu ungumRoma. | 
| 27. | Weza ke umthetheli-waka wathi kuye, Ndixelele, ungumRoma na? Wathi ke yena, Ewe. | 
| 28. | Waphendula umthetheli-waka wathi, Mna ukungeniswa kwam kulo mzi waseRoma, ndakuzuza ngenani elikhulu. Wathi ke uPawulos. Ke mna ndizelwe ndinako. | 
| 29. | Basuka kuye kwaoko ngoko abo babeza kumncina; woyika ke nomthetheli-waka akuqonda ukuba ungumRoma, nangenxa yokuba ebembophile. | 
| 30. | Ke kaloku ngengomso, enga angayazi inyaniso yento amangalelwe ngayo ngamaYuda, wamkhulula ezintanjeni, wathi, mabeze ababingeleli abakhulu, nayo yonke intlanganiso yabo yamatyala; waza wamhlisa uPawulos, wammisa phakathi kwabo. | 
| ← Acts (22/28) → |