| ← Acts (18/28) → |
| 1. | Ke kaloku, emva kwezi zinto, wahlukana uPawulos neAtene, weza eKorinte. |
| 2. | Wafumana umYuda othile wasePonto ngokuzalwa, ogama linguAkwila, esandula ukuvela eItali, noPrisila umkakhe, weza kubo (ngenxa yokuba uKlawudiyo ebemise ukuthi, makahlukane neRoma onke amaYuda). |
| 3. | Kuthe ke, ngenxa yokuba belilinye ishishini labo, waselehlala nabo esebenza; kuba babengabenzi beentente, ishishini labo. |
| 4. | Wayexoxa ke endlwini yesikhungu iisabatha ngeesabatha zonke, ezamela ukweyisa amaYuda namaGrike. |
| 5. | Ke kaloku, bakuhla bevela kwelaseMakedoni ooSilas noTimoti, uPawulos waxinwa ngumoya, waqononondisa kumaYuda ukuba uYesu lo nguye uKristu. |
| 6. | Uthe ke, akuchasa, akunyelisa, wavuthulula iingubo zakhe, wathi kuwo, Igazi lenu malibe phezu kwentloko yenu; ndihlambulukile mna; kuthabathela kweli xesha, ndiya kuya kwiintlanga. |
| 7. | Esuka khona, weza endlwini yothile ogama linguYusto, omhlonelayo uThixo, ondlu yayamene nendlu yesikhungu. |
| 8. | Uthe ke uKrispo, umphathi wendlu yesikhungu, wakholwa yiNkosi, nendlu yakhe iphela; nento eninzi yamaKorinte yakuva yakholwa, yabhaptizwa. |
| 9. | Yathi ke iNkosi ngombono ebusuku kuPawulos, Musa ukoyika, thetha ungathi tu; |
| 10. | ngokokuba mna ndinawe, kanjalo akukho namnye uya kukusa sandla, akuphathe kakubi; ngokokuba ndinabantu abaninzi kulo mzi. |
| 11. | Wahlala khona ke umnyaka oneenyanga ezintandathu, efundisa ilizwi likaThixo phakathi kwabo. |
| 12. | Ke kaloku, akubonÂ’ ukuba uGaliyo ulibamba kwelaseAkaya, amwela uPawulos amaYuda ngamxhelo mnye, amsa esihlalweni sokugweba, |
| 13. | esithi, Lo uzamela ukweyisa abantu ukuba bamhlonele uThixo ngokunxamnye nomthetho. |
| 14. | Uthe ke xa uPawulos aza kuvula umlomo, wathi uGaliyo kumaYuda, Ukuba ke ngoko ibiyinto yentswela-bulungisa, nokuba ibiyeyobutshijolo obungendawo, maYuda, ngekufanelekile ukuba ndininyamezele; |
| 15. | kodwa ukuba yimbuzwano ngelizwi, namagama, nomthetho ongowenu, zikhangeleleni nina; kuba mna andingi ndingaba ngumgwebi wezo zinto. |
| 16. | Wawagxotha esihlalweni sokugweba. |
| 17. | Ambamba ke onke amaGrike uSostene, umphathi wendlu yesikhungu, ambetha phambi kwesihlalo sokugweba. Akwabakho nanye yezo zinto ayikhathalelayo uGaliyo. |
| 18. | Ke kaloku uPawulos ukhe wahlala imihla eyaneleyo. Waza, ebabulisile abazalwana, wemka ngomkhombe waya kwelaseSiriya, enoPrisila noAkwila; eyichebile intloko eKenkreya, kuba waye enesibambiso. |
| 19. | Wehla ke wafika e-Efese, wabashiya bona apho; ke yena wangena endlwini yesikhungu, waxoxa namaYuda. |
| 20. | Uthe ke, akumcela ukuba akhe ahlale umzuzu kuwo, akavuma; |
| 21. | wawabulisa ke esithi, Nokuba kutheni, ndimelwe kukuwenzela eYerusalem umthendeleko ozayo; kodwa ndobuya ndize kuni, ukuba uThixo uyavuma. Waza wemka ngomkhombe e-Efese. |
| 22. | Uthe, ehle weza eKesareya, wenyuka walibulisa ibandla, wehla waya kwa-Antiyokwe. |
| 23. | Enze ixesha elithile khona, wemka, walityhutyha ilizwe laseGalati, nelaseFrigi, ebomeleza bonke abafundi. |
| 24. | Ke kaloku wathi umYuda othile, ogama linguApolo, wakwa-Alesandire ngokuzalwa, umfo oliciko, wehla waya e-Efese, enobunkunkqele ezibhalweni. |
| 25. | Lowo ke wayeyifundisiwe ngomlomo indlela yeNkosi; waza evutha ngumoya wathetha, wafundisa ngokucokisekileyo izinto ezingayo iNkosi, esazi kakuhle ubhaptizo lukaYohane lodwa. |
| 26. | Yena kanjalo waqala ukuthetha ngokungafihlisiyo endlwini yesikhungu. Bathe ke bakumva ooAkwila noPrisila, bamthabathela kubo, bamtyhilela ngokucokisekileyo ngakumbi indlela kaThixo. |
| 27. | Ke kaloku, akubonÂ’ ukuba unga angadlula aye kwelaseAkaya, abazalwana babhala bebayala abafundi ukuba bamamkele; owathi akufika, wabanceda kakhulu abakholiweyo ngalo ubabalo; |
| 28. | kuba waweyisa, wawancamisa ekuhleni amaYuda, ebonakalalisa ngazo izibhalo ukuba uYesu lo unguye uKristu. |
| ← Acts (18/28) → |